Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 693 episodes available.
September 17, 202530 MINUTES LIVE - E-hailing drivers given 180 days to comply with new rulesAbaqhubi bezithuthi ezibizwa nge e-hailing banikwe iintsuku ezilikhulu elinamashumi asibhozo (180 days) ukuba bathobele imiqathango emitsha elawula le nkonzo. Le miqathango nephantsi komthetho wezothutho ngeendlela, iNational Land Transport Act, iyithatha inkqubo ye E-hailing nje ngothutho lukawonke-wonke olusemthethweni kweli. Oku kuthetha ukuba bonke abaqhubi kufuneka bebhalisele iilayisenisi zokusebenza kumaphondo olithoba eli lizwe, nezizakuthi zivuselelwe qho emva kweminyaka emihlanu. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sibambe unobhala wombutho i-Eastern Cape E-Hailers Association, uMfundiso Gana......more5minPlay
September 16, 2025EC has been flagged as a hotspot for cases of assault at the hands of police officersIMpuma Koloni ichazwe njengelinye lamaphondo aneziganeko eziphezulu zokuxhatshazwa, ukubethwa, ukungcungcuthekiswa, nokubulawa koluntu ngamapolisa; xa kuthelekiswa namanye amaphondo. Oku kuvezwe ngukhala ophanda indlela yokuziphatha kwamapolisa i-IPID, ngethuba ivele phambi kwekomiti eyakhe umkhanya kumsebenzi wenkonzo yesipolisa ePalamente. Obambele njengomlawuli we-IPID, uHlengani Bila, uveze ukuba kumatyala angapha kwewaka abandakanya amapolisa, nasezinkundleni kungoku nje; ayi-257 ngalawo abandakanya amapolisa aseMpuma Koloni. UBila waleke ngelithi kulo nyaka-mali ka-2025/26, sele bephande izikhalazo nezityholo zolwaphulo-mthetho ngakumapolisa ezingapha kwewaka, kwaye izityholo eziyi-138 zisuka kweli phondo. Oku kubeka phantsi kwesithatha kwakhona indlela amapolisa athi aphendule okanye aqubisane ngayo noluntu xa esabela ikhwelo kulwaphulo-mthetho. UAyabonga Kekana uncokole nengcali kwinkqubo yesipolisa, uZimisele Nxafane....more8minPlay
September 16, 202530 MINUTES LIVE - ANC Service Delivery Action Plan unveiled to thousands of its party councillorsUmongameli weANC uCyril Ramaphosa, udakance kooceba balombutho isicwangciso sokuphucula ukusiwa kweenkonzo eluntwini. Ezinye zezinto eziphakanyiswe ngumongameli kukuba oomasipala abaphantsi kombutho weDA baqhuba ngcono kunabo baphantsi kombutho weANC. I-ANC kunyulo olugqithileyo ayikhange iqhube kakuhle isithi ukusilela kokusiwa kweenkonzo eluntwini ngunobangela wokungaqhubi kakuhle kwayo kunyulo. Lendibano ibibanjwe kwibala lemidlalo iFNB, ngaphandle kwaseSoweto kwiphondo laseGauteng. Emnxebeni sinayo ingcali yezopolitiko, uHlumelo Xaba......more8minPlay
September 15, 2025INITIATION SYLLABUS TO CURB PENILE AMPUTATION AND DEATHWalter Sisulu University and the Nyandeni Great Place have introduced a schoolboy syllabus aimed at equipping boys aged 12 to 18 with life-saving knowledge before entering initiation schools. Teachers are receiving specialised training to incorporate circumcision health education into Life Orientation, making schools central in preparing young men for a safe passage into manhood. Ayabonga Kekana speaks with WSU's Professor Mbuyiselo Douglas......more9minPlay
September 15, 202530 MINUTES LIVE - Is it neccessary for the EC government to declare malnutrition a crisis in the province?Kwiveki esiphuma kuyo, inkulu-baphathiswa yephondo iMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ibivele phambi kwekomishoni yamalungelo oluntu, ngelokuphendula ngengxaki eyandayo yokungondleki kwabantwana kweli phondo. Le komishoni indlulule ngelithi ukungondleki kwabantwana makubhengezwe nje ngentlekele. Ikwandulule ngelithi urhulumente makandise imali yesondlo sabantwana, ngeenzame zokukhawulelana nale ngxaki. Ingaba kubalulekile kusini na ukuba ukungondleki kwabantwana kubhengezwe nje ngentlekele kweli phondo? Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sinothethela iSebe lophuhliso lwezentlalontle kwiphondo, uMzukisi Solani......more7minPlay
September 12, 202530 MINUTES LIVE - A cultural expert reacts on the Con-court judgement on Section 26(1) Act.)Inkundla yomgaqo siseko yoMzantsi Afrika igwebe ngelithi amadoda angasebenzisa iifani zamakhosikazi abo. Le nkundla ingqinile ukuba isolotya lomthetho uSection 26(1)(a) ukuya (c) ojongene nokubhaliswa kokuzalwa nokufa kuquka nomtshato, alihambelani nomgaqo siseko weli. Sithe masimeme ingcali kwimiba yenkcubeko namasiko, uGqirha Nokuzola Mndende, sincokole ngokuba oku kunganefuthe elinjani kwinkcubeko yesiNtu, UKUBA umyeni angakhetha ukuthatha ifani yomfazi wakhe…...more7minPlay
September 12, 2025POPCRU in the EC closed the dilapidated Makhanda police station and vowed to shut others across the provinceImanyano yabasebenzi kwinkonzo yesipolisa eMpuma Koloni, iPOPCRU, ixhalabile ngomgangatho nokhuseleko lwezikhululo zamapolisa ephondweni. Kutsha nje, le manyano ivale isikhululo samapolisa saseMakhanda, ibanga ngokuba imo yaso ibeka phantsi komngcipheko amalungu ayo; kwaye imeko esikuso asilungelanga ukuba kungasetyenzelwa kuso. UAyabonga Kekana uncokola nonobhala we-POPCRU apha ephondweni, uXolani Prusente…...more7minPlay
September 11, 2025The constitutional court has ruled that men can now assume their wife's surname.Inkundla yomgaqo siseko yoMzantsi Afrika igwebe ngelithi amadoda angasebenzisa iifani zamakhosikazi abo. Le nkundla ingqinile ukuba isolotya lomthetho uSection 26(1)(a) ukuya (c) ojongene nokubhaliswa kokuzalwa nokufa kuquka nomtshato, alihambelani nomgaqo siseko weli. UAyabonga Kekana uncokola nentatheli yaseSABC elandela elinqaku, uSibahle Motha....more7minPlay
September 10, 2025TRUNEWS @6 - G20 INFRASTRUCTUREIindlela, iziseko zobonelelo lwamanzi, uhanjiso lweenkonzo, yimiba esesithatheni nanjengoko uMzantsi Afrika ulungiselela ukusindleka ingqungquthela yamazwe eG20 kweyeNkanga (November) kulo nyaka. NgeyoMnga kunyaka ophelileyo, eli lizwe labekwa njengelongamele iG20, kwaye kungokunje lilungiselela ukwamkela abathunywa abaphuma kumazwe angamashumi amabini aphambili kwezoqoqosho kwihlabathi. Nanjengoko kusele kuphela isithuba esingaphaya kweenyanga ezimbini ngaphambi kokuchopha kwale ngqungquthela, umbuzo ngowokuba ezi ziseko zilungiswayo zakuba nozinzo kusini na, xa sele udlulile lo msitho untsuku-mbini. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguZara Groenewald......more4minPlay
September 09, 2025TRUNEWS @6 - 12th South African National Aids Council conferenceNgokophando lwakutsha nje, ulutsha oluphakathi kweminyaka elishumi elinesihlanu (15) namashumi amabini anesine (24) ubudala, ngabona banamanani aphezulu olwasuleleko yintsholongwane kagawulayo ngeveki. Oku kuvele kwinkomfa yeshumi elinesibini ejongene nemiba yeHIV/AIDS i-South African National Aids Council, nebanjelwe eKempton Park kwiphondo laseGauteng. Ngethuba evula lenkomfa usekela mongameli, uPaul Mashatile, uqinisekise abemi boMzantsi Afrika ukuba urhulumente wenza konke okusemandleni ukuvala umsantsa owashiywa kukurhoxiswa kwenkxaso mali iPEPFA yiMelika. Emnxebeni sinaye ophuma kwi-SANAC, uNelson Dlamini......more9minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 693 episodes available.