Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 694 episodes available.
August 29, 2025Postponement of the Madlanga CommissionNgolwesibini waleveki, ikomishoni ka Madlanga eyamiselwa ukuphanda izityholo zobuqhophololo, ungenelelo lopolitiko kunye nolwaphulo mthetho kwii arhente zonyanzeliso mthetho zoMzantsi Afrika, iye yanqunyanyiswa. Lekomishoni yamiselwa ngumongameli u Cyril Ramaphosa, emva kwezityholo ezazibekwe ngakumphathiswa wenkonzo yesipolisa u Senzo Mchunu, zokungenelela kuphando lwamapolisa kumatyala olwaphulo mthetho. Lekomishoni nebekumele ukuba iqala ngomhla wokuqala kweyoMsintsi ayizokuba saqala ngenxa yezizathu zolibaziseko ekufumaneni isakhiwo esifanelekileyo, ngokutsho kwesebe lezobulungisa nophuhliso lomgaqo siseko. Amanda Xhala uncokola nomhalutyi wezopolitiko unjingalwazi Ntsikelelo Breakfast.. ...more5minPlay
August 28, 2025TRUNEWS @6 - ANC RUBUSANANjengokuba iANC kummandla iDr WB Rubusana eMonti kwiMpuma Koloni ilungiselela inkomfa yayo yonyulo, neyiyeyesihlanu, amanye amasebe awonelisekanga yindlela iinkqubo ezihamba ngayo. Abanye batyhole i-ofisi kanobhala jikelele, uFikile Mbalula, ngokuba nezinto ezisemdleni wakhe xa kuqhuba le nkomfa kwimpelaveki ezayo eMonti. Inkqubo yeentsuku ezimbini zokubhalisa ngaphambi kwenkomfa sele iqhubela phambili. Kule nkomfa, umququzeleli weqela elithwaliswe uxanduva kula ngingqi, iRTT, uPrincess Faku uzakube equbisana nenkokheli yephiko lolutsha kweli phondo, uVuyo Jali, kwisikhundla sikasihlalo. USidima Mfeku usenzele le ngxelo......more3minPlay
August 28, 2025SARS to come down on non tax paying influencersAbenkonzo yerhafu yoMzantsi Afrika (SARS), bamemelela ukuba balungise imicimbi yabo yerhafu bonke abo bazibiza okanye baziwa njengoOsaziwayo kumaqonga onxibelelwano (influencers), nanjengoko u SARS ephengulula ingeniso eyenziwa ngobuchwepheshe be online, nethi ingachazwa kule nkonzo. U SARS ukwiphulo lokuqokelela imali engange R513 billion kwirhafu engahlawulwanga, kwaye uzimisele ukufika kumda owamiselwa ngumphathiswa wezimali wokuqokelela ngapha kweebhiliyoni eziliwaka namakhulu asibhozo eerandi, kunyaka mali u 2024/25. Uninzi lwezi influencers azinalwazi lokuba kumele zihlawule irhafu ngomsebenzi eziwenza online, kwaye zikhangeleka zisadinga ukufundiswa. Ayabonga Kekana uncokola noyigcali kwezoqoqosho ugqirha Asanda Fotoyi....more9minPlay
August 26, 2025EFF leader Julius Malema calls for one Africa with a single president, one Parliament, one currency, one army, and no bordersI-Afrika enye nemanyeneyo, engenamida, enomongameli omnye, umkhosi wokhuselo omnye, enePalamente enye, ixabiso lemali yorhwebo elinye. Lo ngumbono wenkokheli ye-EFF uJulius Malema, neliphupha leenkonkheli zase-Afrika ezazikho ngaphambili kuquka kuzo owayengumongameli wase-Liyba uMuammar Gaddafi; nowayenombono we-United States of Africa. Omnye umbono oyelele kulo, ngowalowo wayengumongameli weli, uThabo Mbeki nowaziwa njenge-African Renaissance. Lo wona umbono ungowokuhlaziywa kopolitiko nobunkokheli be-Afrika, nonjongo yayo ikukulwa indlala nokungalingani, ukuphuhlisa uqoqosho lwelizwekazi i-Afrika, ngokuqinisa urhwebo phakathi kwamazwe, nokuphelisa iimfazwe phakathi kwezinye izinto. UMalema esi simemelo sombono wakhe usenze kwintetho ebeyothula kwinkomfa ye-Nigerian Bar Association; nebibanjelwe kwilizwe laseNigeria kule mpela-veki sisuka kuyo. Ayabonga Kekana uncokola nomhlalutyi wezopolitiko uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast…...more9minPlay
August 24, 2025NEWS REVIEW - The country's employment figures for people living with disabilities is concerningUsabetha ngaphantsi komyinge azisikele wona urhulumente, wokuqesha abantu abaphila nokhubazeko, nongumyinge wesibini ekhulwini, xa kuthelekiswa noshishino lwabucala. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe usekela-sihlalo wombutho iDisabled People South Africa, uNana Skenjana, kwakunye nomanejala wombutho wabasebenzi bakwarhulumente kwiphondo iMpuma Koloni, iPSA, uMadoda Maxakana. Ukanti sikhe sathetha nongumlawuli kwicandelo lophuhliso lweenkqubo zabantu abaphila nokhubazeko kwiSebe leenkonzo zakwarhulumente kweli, uPule Morake...more53minPlay
August 23, 2025INTERCHANGE - We review a book titled: Dignity in The Darkness by Mbulelo DyasiIphehlelelwe ngokusesikweni incwadi enika ingqwalasela nethemba kumadoda namakhwenkwe ajamelene neenzima zobomi. Wambi aphulukana nobudoda bawo ngenxa yesiko lolwaluko, ngeli lixa amanye enyamezele impatho-gadalala ayifumana kumalungu osapho nakwizihlobo zosapho. Kuhlalutyo loncwadi kule veki, sihlalutya incwadi esihloko sithi: "Dignity in The Darkness", nebhalwe nguBishop Mbulelo Dyasi. Kule ncwadi, uDyasi ubalisa ngaye, neenzima akhulele phantsi kwazo, nalapho abazali bakhe baye bohlukana eselula. Ukuhlalutya banzi le ncwadi, emnxebeni sinaye uBishop Dyasi......more9minPlay
August 21, 2025Grandmother's plight after granddaughter's murderUxhelekile umakhulu oneminyaka engamashumi asixhenxe ubudala waseMdantsane eMpuma Koloni, emva kokubulawa ngokungenalusini komzukulwana wakhe oneminyaka elishumi elinesihlanu ubudala u-Lolwam 'Tumi' Ranisi, kubusuku bangomvulo. U Tumi obefunda ibanga lika Grade 9 ufunyenwe kufutshane netyotyombe losapho ehlatywe izihlandlo ezisixhenxe wasweleka, emva kokufumana umnxeba ngobu busuku. Kungoku nje umakhulu uFuneka Ranisi nohleli ebhedini engakwazi kuhamba, ushiyeke nomnye umzukulwana oneminyaka emihlanu ubudala. Ukanti izolo umphathiswa wesebe lentlalo yoluntu eMpuma Koloni uBukiwe Fanta ubetyelele olu sapho. Ukuva banzi ngolu tyelelo nemeko yentlalo yosapho, emnxebeni ngoku sinaye othethela eli sebe u Mphumzi Zuzile......more7minPlay
August 21, 2025Only 293 of Nelson Mandela Bay's 1 730 spaza shops are registered.Kwizikroxo ezisondele kumawaka amabini (1 730) kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, zisondele kumakhulu amathathu (293) kuphela ezibhaliswe ngokusemthethweni. Oku kwenzeka nangona umda owabekwayo wokuba zonke iSpaza Shops kweli zibe zibhalisiwe uphele kwiinyanga ezintathu ezidlulileyo. Ikhwelo lokubhalisa izikroxo leza emva kokubhubha kwabantwana abangapha kwamashumi amabini kwimimandla eyohlukileyo eMzantsi Afrika, kwizityholo zokuba batya iimveliso zokutya abazithenga kwizikroxo; nekukholeleka ukuba zazinetyhefu. Ayabonga Kekana uncokole nolilungu lekomiti kaSodolophu kwicandelo elijongene nobonelelo lwenkonzo zempilo, uTshonono Buyeye…...more11minPlay
August 20, 2025Launch of first SA AI powered educational robot - IRIS - developed by a young KZN businesswoman.Usekela mphathiswa wesebe lezenzululwazi nobuchwepheshe u Nomalungelo Gina, usungula ngokusesikweni i robot yokuqala eMzantsi Afrika eluhlobo lwe AI eyenziwe ngusomashishini osemtsha olinina laKwaZulu Natal. Le robot izakufundisa zonke izifundo kubafundi ukuqala ku grade R uyakutsho kwimfundo ephakamileyo, isebenzisa zolishumi elinanye iilwimi zoMzantsi Afrika. Ayabonga Kekana uncokola nongumseki wale robot uMiss Thando Gumede.........more9minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 694 episodes available.