Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 694 episodes available.
July 02, 2025Mthatha Flood victims resettledIlungu lesigqeba esiphezulu kwisebe lorhulumento ngobambiswano, iCogta, uZolile Williams uqinisekise amaxhoba ezikhukhula zaseMthatha ukuba urhulumente uzakufudusa iintsapho ezingasenamakhaya kumhlaba omtsha ochongiweyo, ze kuvuselelwe namakhaya onakaliseke kancinci. Longeziwe nexesha lokuhlala kwabo bangenamakhaya kwindawo yokuhla eyi B&B ngeentsuku ezilishumi elinesihlanu. UWilliams utyelele eMthatha ukuyakuqwasela inkqubela kwiinzame zabo zongenelelo emva kwezikhukhula eziye zashiya umonakalo nezisube imiphefumlo yabantu abalikhulu elinambini kweliphondo. UNkululeko Nyembezi usenzele le ngxelo......more3minPlay
July 02, 202543% of water samples tested at South African schools are unsafe for human consumptionNgokwengxelo yakutshanje ekhutshwe liziko iWaterCan, ngumyinge wamashumi amane anesithathu ekhulwini (43%) weesampuli zamanzi avavanywe kwizikolo zeloMzantsi Afrika afumaniseke engakhuselekanga ukuba asetyenziswe okanye aselwe ngabantu, nto leyo ebeka impilo yabafundi nootitshala esichengeni. UAyabonga Kekana uncokole nongumququzeli wezoqoqesho kwi-WaterCan, uNomsa Daele....more7minPlay
June 30, 2025DA withdraws from National Dialogue analysisI-Democratic Alliance kule mpela veki ibhengeze ukuba ayizokuthatha nxaxheba kwingxoxo yesizwe ebhengezwe ngumongameli uCyril Ramaphosa. I-DA ityhole uRamaphosa ngokukhusela abaphathiswa be-ANC abankone lurhwaphilizo, kwikhabhinethi yakhe, ndaweni yokubagxotha, suka wagxotha ilungu le-DA kwikhabhinethi yakhe, ngokundwendwela iMelika lingafumenanga sigunyaziso sikamongameli. Masifumane uhlalutyo kwingcali yemiba yezorhulumento nezopolitiko, uSandile Swana…...more7minPlay
June 29, 2025NEWS REVIEW - WHITE PAPER REVIEWLunikwe de kube ngomso uluntu ukuba luphefumle ngokuphononongwa koxwebhu olungumgaqo ogxile kwigalelo loorhulumente basekhaya kwi-democracy yeli lizwe wango-1998, obizwa iWhite Paper on Local Government ngolwasemzini. Olu xwebhu lujoliswe ekuhlangabezeni imingeni abajamelene nayo oomasipala beli lizwe, phakathi kwezinye izinto. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana uxoxa nomongameli wombutho woomasipala kweli, iSALGA ngamafuphi, uBheki Stofile......more51minPlay
June 28, 2025INTERCHANGE - MURDERSIphondo iMpuma Koloni libone iziganeko eziliqela zokubulawa kwabantu kwezi nyanga zidlulileyo. Ukubulawa ngokumasikizi kweentwazana eziselula ezimbini kwilokishi yaKwaNobuhle eKariega kothuse isizwe siphela. Imizimba yala mantombazanana etshileyo ifunyenwe kwihlathana elingephi, nalapho omnye bekunzima nokufaneseka ngendlela otshe ngayo. Urhulumente wephondo uvakalise inkxalabo ngezi ziganeko, ememelela ukuba ii-arhente zokunyanzeliswa komthetho zisebenze imini nobusuku, zilwe ulwaphulomthetho. UFundiswa Mhlekude usenzele le ngxelo......more4minPlay
June 27, 2025EC govenrnent need 5.1 Billion fo rebuild after floodsUrhulumente wephondo iMpuma Koloni uqikelela imali ebalelwa ngapha kwe-five billion yeerandi ezakudingeka ukulungiswa umonakalo odwalwe zizikhukula kwimimandla eyohlukeneyo ephondweni kwiiveki ezimbini eziphelileyo. Ummandla ochaphazeleke kakhulu kwezi zikhukula, ngumasipala i-OR Tambo, nequka idolophu uMthatha. Masive ukuba le mali izakuya phi ilungise ntoni. Emnxebeni sinaso isitehethi sikarhulumente wephondo, uKhuselwa Rantjie…...more8minPlay
June 26, 2025Three years after Enyobeni tragedy and underage drinkingNjengokuba namhlanje siphawula unyaka wesithathu susela ukuba kwabhubha abantwana kwindawo yentselo yase Scenery Park eMonti ebizwa Enyobeni, sithe makhe sibeke isithatha ekuseleni utywala kwabantwana abangaphantsi kweminyaka ekwilungelo lokusela utywala. Kukhe kwakho iingxoxo mpikiswano ngokuba ngubani onelungelo lokuthintela okanye ukudlala indima ekuqinisekiseni ukuba abantwana bayathintelwa ekuseleni okanye ekuzibandakanyeni kwiindibano ezinotywala neziyobisi. Bangamashumi mabini ananye abantwana ababhubha Enyobeni, kwaye kuleveki sikuyo ibhodi elawula ukusetyenziswa kotywala eMpuma Kolini izakubamba ingqungquthela echashene nokuselwa kotywala ngabantwana. Yilento ke sithe masikrwece othethela lebhodi ugqirha Mgwebi Msiya...... ...more6minPlay
June 25, 2025TRUNEWS @6 - SAIMIUmhla wamashumi amabini anesihlanu kweyeSilimela lusuku olubizwa iInternational Day of Seafarers, nalapho kuye kunikwe ingqwalasela negalelo abanalo abo basebenza elwandle kuqoqosho lwehlabathi nakuluntu ngokubanzi. EMzantsi Afrika, amazibulo, imizila yokuloba, neenqanawa zokuloba, ziqhuba zisebenza ngenxa yabasebenzi baselwandle ababalelwa kwishumi lamawaka. Kuninzi lwaba basebenzi, ukhuseleko emsebenzini ludlulela ngaphaya kokunxiba izambatho zokuzikhusela, ukuya kwilungelo lokusebenza ngokukhululekileyo, ungajamelananga noxhatshazo ngokwasemsebenzini. Kumsitho obusindlekwe liziko iSouth African International Maritime Institute eGqeberha, amazwi aphuma kurhulumente nakwicandelo lezaselwandle, amemelele ukukhathalelwa kwempilo yabasebenzi baselwandle, phantsi komxholo othi, "Harassment-Free Ship". UNtombozuko Balintulo ebelapho, waza wasiqulunqela le ngxelo......more3minPlay
June 25, 2025SCHOOL VIOLENCEIzolo umphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu nomphathiswa wemfundo esisiseko uSiviwe Gwarube batyikitye isibhambathiso seminyaka emihlanu sokumiliselwa kwemigaqo yokhuseleko ezikolweni nesaziwa njenge "School Safety Protocol". Iinjongo zale migaqo kukuqubisana neziganeko zodushe nolwaphulo mthetho kuquka neengxelo zakutsha nje zeenkcukacha manani zokubulawa kwabantu abathandathu, neziganeko zodlwengulo ezingamashumi asibhozo ngaphakathi kwamasango ezikolo zoMzantsi Afrika. Ukanti umphathiswa wamapolisa ubalule izikolo ezikumaphondo aKwaZulu/Natal, eMpuma Koloni, eGauteng nase Ntshona Koloni njengezona ezineqondo eliphezulu lolwaphulo mthetho. Ukuva banzi ngokuqulethwe kwesi sibhambathiso, emnxebeni sinaso isithethi sesebe lemfundo esisiseko uElijah Mhlanga......more10minPlay
June 24, 2025Updates on Mthatha shootings and Flood updatesLisaqhuba iphulo lohlangulo nokucoca kwingingqi yaseMthatha emva kwezikhukhula ezisube ubomi babantu abalikhulu.SiseseMthatha njalo ngokuhlwa kwaphezolo kudutyulwe kwabulawa abantu abathandathu ngamapolisa kuhola wendlela u R61 phakathi koMthatha ne Ngcobo. Kuvakala iingxelo zokuba ngethuba amapolisa emisa isithuthi abarhanelwa baye behlika bavuthulula iimbumbulu kumapolisa nathe aziphindezela. Ukuba sincokole banzi ngoku emnxebeni sinayo intatheli yethu eseMthatha u Nomzwanele Mngoma.......more8minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 694 episodes available.