Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.
January 20, 202630 MINUTES LIVE - World Economic Forum is underway in DavosIyaqhuba indibano eliqonga lokunxibelelana kwamazwe, amashishini kunye nabatyali-mali ngeenjongo zokwakha ubudlelane boshishino, ukudalwa kwemisebenzi nophuhliso loqoqosho, iWorld Economic Forum eDavos eSwitzerland. UMzantsi Afrika lelinye lamazwe ayinxalenye yale ndibano kwaye lizakuzithengisa kakuhle nanjengoko liphumile kwi-Greylisting nebibonwa njengomngeni kutyalo-mali kweli. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yezoqoqosho, uNjingalwazi Bonke Dumisa…...more6minPlay
January 20, 202630 Minutes Live| Buffalo City Metro's fight against cable theft 'syndicate'The Buffalo City Metro in the Eastern Cape working with its law enforcement services and the South African Police Service have arrested about nine people linked to cable theft. As they conducted operations across the metro, they discovered an illegal scrapyard in Bisho fronting as a tavern. The municipality says the crime has a negative impact on service delivery. Ayabonga Kekana is in conversation with BCM's Safety and Law Head, Advocate Boniswa Mzimba......more7minPlay
January 19, 202630 MINUTES LIVE - The dangers and consequences of vigilantismNgabantu abalishumi elinesihlanu eDebe Nek kwiMpuma Koloni abagwetywe isigwebo sobom ngamatyala amane okubulala, kwakunye neminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ngawokuthimba nodushe lwasesidlangalaleni. Ezi zigwebo ziza kuqhuba ngexesha elinye. Ngokomthetho, ukuthabathela umthetho ezandleni zakho, yinto engakhuthazwayo. Oku, abahlali kwakunye namaqonga opoliso asekuhlaleni, bathi ngamaxesha amaninzi bakwenza ngenxa yokuba belahlekelwe lithemba ngakwinkonzo yezobulungisa. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yezolwaphulomthetho, uGqirha Thompho Tshivhase....more8minPlay
January 19, 202630MinutesLive-Flood-hit communities have been classified as a national disasterUmphathiswa wentsebenziswano ngorhulumento uVelenkosini Hlabisa, ubhengeze imo yonxunguphalo kwazwelonke, emva kwezikhukhula ezintlithe amaphondo iLimpopo neMpumalanga. Ukuzakuthi ga ngoku, bangamashumi amathathu anesixhenxe abantu abathe basweleka kulamaphondo omabini, eMpumalanga bangamashumi amabini ngelithuba eLimpopo belishumi elinesixhenxe. Amakhaya adilikile, ibhulorho neendlela zikhukhulesikile kulamaphondo. UAyabonga Kekana uncokole noyintloko yeziko elijongene nolawulo lweentlekele kuzwelonke, ugqirha Bongani Sithole. ...more12minPlay
January 15, 202630 MINUTES LIVE- Universities only have space for about 230 000 students, leaving a shortfall of over 100 000 students that can't be accommodated.Inkqubo yemfundo ephakamileyo eMzantsi Afrika ijongene nengxaki yokuxinana kakhulu, ngenxa yezicelo ezingaphezulu kweendawo ezikhoyo. Amaziko emfundo ephakamileyo eli athi inani labantwana abaphumeleleyo nabanama nqaku oneleyo ukwamkwelwa eUniversity, lodlula umthamo okhoyo kwiUniversities nakwi TVET colleges. Isebe lemfundo ephakamileyo lithi lifumene izicelo ezingapha kwe 230 000 kulo nyaka. Amanda Xhala uncokola noyiCEO yeUniversities South Africa uGqirha Phethiwe Matutu......more10minPlay
January 14, 202630 MINUTES LIVE - EC school readiness for the 2026 academic yearZivulwe ngokusesikweni izikolo namhlanje kumaphondo onke elizwe loMzantsi Afrika. ISebe lezemfundo kwiphondo iMpuma Koloni lithi likulungele ukuqhuba nonyaka wokufunda ka-2026. Nangona kunjalo, isekhona yona imingeni esathwaxa inkqubo yokufunda nokufundisa kwimimandla ethile, nequka ukugcwala ngokugqithisileyo kwamagumbi okufundela, ukungafumani ndawo zokufundela kwabafundi, kwakunye nongenelelo kwizikolo ezathwaxwa zizikhukhula zonyaka ophelileyo, phakathi kwezinye izinto. Ukuxoxa banzi ngalo mba, uAmanda Xhala ubambe emnxebeni othethela iSebe kwiphondo, uMalibongwe Mtima......more9minPlay
January 14, 202630 MINUTES LIVE - Ongoing water crisis in Buffalo City Metro.Abahlali kuMasipala ombaxa iBuffalo City basaqhubeka nokujongana nomngeni wokuqongophala kwamanzi, ukucima nokubuyiselwa kwawo rhoqo, kunye nenkxalabo enkulu ngomgangatho wamanzi aphuma kwiimpompo zamakhaya abo. Ezinye zendawo ebezethe zachaphazeleka ziquka iMonti, Mdantsane kunye neBhisho. Amanda Xhala uncokola noyintloko kwincandelo lwamanzi ngogutyulo kulo masipala uMkhuseli Nongogo (Hod for water and sanitation) ...more10minPlay
January 12, 202630 MINUTES LIVE - The Competition Commission continues to monitor schools' adherence to school uniform guidelines with regards to agreements with retails and suppliersNgonyaka ka-2021, ikomishoni ephanda, ilawule, ze ivavanye indlela amashishini awenza ngayo ushishino, iCompetition Commission, yapapasha imigaqonkqubo echaza ukuvunyelwa kwabazali ukuba bangathenga naphina iyunifomu yesikolo yabantwana babo, banganyanzeliswa zizikolo ukuba bathenge kwindawo enye kuphela. Oku kulandela izikhalazo, nalapho abazali babenyanzeleka ukuba bahlawule inkuntyula yemali ukuthenga iyunifomu ezikolweni okanye kwindawo leyo imiselwe sisikolo kuphela. Ukuxoxa banzi ngomgama osele uhanjwe yile komishoni ekuqinisekiseni ukuba oku kuyenzeka kusini na, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe oyi Senior Analyst kwiCompetition Commission, uSithabiso Buthelezi......more7minPlay
January 12, 202630 MINUTES LIVE - We look at how matric learners can be supported by their parents as they are anxiously waiting for their results and the support SADAG providesBalinde ngexhala noloyiko abafundi ebebebhala iimviwo zebanga leshumi kunyaka ophelileyo, njengoko bezakufumana iziphumo zabo ngomso. Ngokuhlwa namhlanje umphathiswa wesebe lezemfundo esisiseko uSiviwe Gwarube uzakubhengeza iziphumo zamaphondo nendlela isebe eliqhube ngayo kuzwelonke, kuwongwe nabafundi abaphumelele emagqabini. Sithe makhe sizame ukuthoba amaxhala nokoluleka abo basilindele ukuzibona kumaphepha-ndaba ngomso. On the line now our reporter, Amanda Xhala, is joined by SADAG Call Centre Manager, Tracy Feinstein......more8minPlay
January 12, 2026An analysis of ANC's 114th birthday and relevance.I-ANC ibibambe umbhiyozo wokusekwa kwalo mbutho ngonyaka ka-1912, wokubugqiba iminyaka elikhulu elineshumi elinesine wasekwayo. Le mibhiyozo ibibanjelwe eRustenburg eMtla Ntshona, nalapho umongameli we-ANC uCyril Ramaphosa eye wavuma ukusilela kwalo mbutho kwinkqubo yonikezelo lweenkonzo nakulawulo koomasipala abaphantsi kobunkokheli beqela lakhe. Uye wabalula nendlela eli qela elijonge ukuzilungisa lizivuselele ngayo ukulungela unyulo loomasipala oluzakubanjwa kulo nyaka.. Kwintetho yakhe uRamaphosa ubalule imiba ephambili emithandathu nesizakuhlalutya yona apha enkqubeni namhlanje. Ayabonga Kekana uncokola nabahlalutyi bezopolitiko norhulumento, uDr Xolisile Ngumbela kunye noHlumelo Xaba......more53minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.