Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.
December 27, 2025INTERCHANGE - Experts warn against overstretching the budget this festive season.Nanjengoko ulutsha ilolona luyinxenye enkulu yabavoti beloMzantsi Afrika, zisaqhuba zona iinkxalabo ngokwehla kwentatho-nxaxheba yalo kuvoto, nanjengoko kusiyiwa kunyulo loomasipala lonyaka ozayo. Imibutho yolutsha imi kwelokuba yenza ukuba imigaqo neenkqubo zayo ithethe ngqo neemfuno zabavoti. Noxa kunjalo, abahlalutyi balumkisa ngelithi ukungabikho konxibelelwano phakathi kokuthethwa ngoosopolitiki, kwakunye noko kuphilwa luluntu imihla ngemihla, kuko okudala ukuba abantu abatsha bangabi namdla wokuvota. UZara Groenewald usenzele le ngxelo......more5minPlay
December 27, 2025INTERCHANGE - This year has proven to be one of the most tumultuous for the ANC Tripartite AllianceLo nyaka ubonakalise ukuba ngowona nyaka unzima kakhulu kunxantathu okhokelwa yi- ANC. Ubudlelane obuyimbali beminyaka bungaqhekeka, nalapho umbutho wamakomanisi, iSACP, ufunge ngokuthatha inxaxheba ngokuzimeleyo kunyulo lorhulumente basekhaya ngonyaka ka-2026, nakwezinye iinkqubo zonyulo ezilandelayo. Emva kweendibano ezininzi nogxa wawo kunxantathu, iANC, amakomanisi amile kwelokuba afuna ulawulo lombuso, emva kokusilela kwawo ukubonisa iANC ukuba afuna kwenziwe iinguqu kunxantathu. Intatheli yedesika yezoPolitiko eSABC, uNtlantla Kgatlhane, ujonga ukuba uqhube njani lo nyaka kunxathathu okhokelwa yi-ANC, kule ngxelo siyiphathelwe nguBabalwa Mtengenya.....more6minPlay
December 25, 202530 MINUTES LIVE - The issue of deaths during initiation season in the Eastern Cape remains one of the most complex challenges for this seasonMinyaka le, ukuqala kwexesha lolwaluko kwiMpuma Koloni kuvusa inkxalabo malunga nokusweleka kwabakhwetha ngeli xesha. Nangona eli siko libalulekile kwinkcubeko yoluntu, ukusweleka kwabantwana kuyaqhuba kuphakamisa imibuzo ngokuthotyelwa kwesiko, kube kwangaxeshanye kukhuselwa abantwana abathath' inxaxheba kweli siko. Ukuncokola ngokulinganisa phakathi (BALANCE) kokugcinwa kwenkcubeko, nelungelo lobomi, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ongumphandi, uYanga Funani... ...more14minPlay
December 23, 2025What Artificial Intelligence is in a workplaceUbuchwepheshe obukwinqanaba eliphezulu nolwaziwa njenge-Artificial Intelligence ngolwasemzini busebenza ngokubalulekileyo ngokumandla kwiindawo zengqesho. Olu hlobo lobuchwepheshe lunegalelo elibaluleke kakhulu kwiinkampani ekuphuculeni umsebenzi wazo ubengcono, kwaye luza nenguqu kuhlobo lokwenza izinto. Nangona kunjalo, obu buchwepheshe bubonwa njengomngcipheko onokukhokhelela ekulahlekeni kwemisebenzi nokudodobalisa ukucinga nokusiphula-umthetho. UAyabonga Kekana uncokola nengcali kwezo buchwepheshe uSiphumelele Zondi.....more9minPlay
December 22, 2025Exploration of Whatsapp as a formal communication tool in the workplaceIqonga lonxibelelwano uWhatsApp sele lisetyenziswa kwiindawo zentsebenzo njengeqonga lonxibebelelwano, phakathi kwabasebenzi. Abaphathi baye basebenzise ii-WhatsApp Groups ukukhupha imiyalelo kubasebenzi. Ezi groups zikwasetyenziswa njengeqonga lokwenza izazizo zomsebenzi. Unxibelelwano ku-WhatsApp lubonwa njengolulula nolukhawulezileyo xa kuthelekiswa nezinye iindlela zonxibelelwano, ezifana neminxeba okanye ii-emails. Nangona kunjalo, ezinye iindawo zengqesho azinayo imigaqo-nkqubo elawula eli qonga neyinika ingqwalasela ngokusesikweni njengeqonga lonxibelelwano emsebenzini. Kuye kwenzeke ntoni xa umyalelo okhutshwe kweli qonga ungalandelwa? UAyabonga Kekana uncokola nengcali kwimiba yezengqesho uThato Mxo....more13minPlay
December 20, 2025Interchange-CONCERN OVER N10 TRUCK ACCIDENTSUhola wendlela uN10, nosuka eNanaga kufutshane naseGqeberha, uyokutsho kumda odibanisa eli loMzantsi Afrika neNamibia, ube nothotho lweengozi zendlela ezibandakanya izigadla kuwo wonke lo nyaka. Ingozi yakutshanje yeyesigadla esigraye izithuthi eziliqela ngethuba izama ukugqitha esinye, ngozi leyo ekhokelele ekuswelekeni komntu omnye. Ziliqela iintshukumo ezibekelwe ukubeka esweni abaqhubi bezigadla. Noko kunjalo, la hola wendlela usaqhuba ubeka ubomi babantu beli emngciphekweni, nalapho kuye kwaphawulwa nabaqhubi abaqhuba bephantsi kweempembelelo zotywala. UNandipha Plaatjie uza nengxelo... ...more4minPlay
December 17, 2025How parents creating social media pages for their children can be seen as a violation of the child's/children's privacyAbanye abazali baye bafake imifanekiso, noshicilelo lweevidiyo kunye neenkcukacha zabantwana babo kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook, Instagram kunye noTikTok. Bambi bathi oku bakwenza ukugcina iinkumbulo zokukhula kwabantwana babo, ngethuba abanye besithi baye basebenzise la maqonga ukuphuhlisa iitalente zabantwana babo. Nangona oku kubonwa njengokulungileyo kodwa ngokomthetho kungabe kunyhasha amalungelo omntwana, afana nokunikeza imvume ukuba imifanekiso yabo ifakwe kumakhasi onxibelelwano ngaphandle kwemvume yabo, ukupapashwa kobomi babo ngaphandle kwemvume yabo, nokubeka ubomi babo emngciphekweni. Amakhasi onxibelelwano asetyenziswa kakhulu ngoonqevu ukuxhwila abantwana ngeenjongo zoshishino nokubaxhaphaza ngokwesondo. Masincokole ngamalungelo abantwana kule meko. UAyabonga Kekana uncokole negqwetha lamalungelo oluntu, uZukiswa Mqakanya...more10minPlay
December 17, 2025Minister of Small Business Development, Stella Tembisa Ndabeni, will convene a consultation session on the Inyamazane FundIsebe elijongene namashishini asakhulayo lizakubamba iinkqubo zokuthetha-thethana eMthatha, malunga nengxowa yenkxaso mali ebizwa Inyamazane, neyinkqubo ephantsi kwe Small Enterprise Development & Finance Agency (SEDFA). Le nkqubo imiselwe ukuxhasa amashishini aphantsi kwamagqala omkhosi. Ezi zingxoxo zokuqala zokuzama ukuvuselela lengxowa ukuze kuncedakale lamagqala omkhosi. UAyabonga Kekani uncokola nophuma kwi-SEDFA noyi-Chief Investment Officer, uRichard Manzini....more6minPlay
December 15, 2025TRUNEWS @6 - ANCYL says registration of delegates has been concludedIphiko lolutsha kwiANC lithi lilindele ukuba ibeyimpumelelo inkomfa yamashumi amabini anesixhenxe kazwelonke, nengazukuphikiswa. Eliphiko lolutsha libhengeze abagqatswa balo abathandathu abachongiweyo. Le nkomfa izakubanjelwa kwiziko le mfundo iUniversity of Limpopo, kwi Mpuma yasePolokwane. Inkokheli yabantu abatsha, uCollen Malatji, kulindeleke ukuba aphinde onyulwe njengomongameli, kwakunye noTsakani Shivity ophakanyiswe njengonobhala jikelele. UMalatji uthethe nabeendaba ngokulungela kwabo ukusingatha le nkomfa. Umongameli weANC, uCyril Ramaphosa, ulindeleke ukuba yena athethe nabathunywa. Ngabathunywa abangamawaka amabini anamakhulu amathandathu (2600) abalindeleke bathathe inxaxheba kule nkomfa. Masive nanku uAmanda Xhala, kwingxelo esiyilungiselelwe ngu-Avhapfanu Munyai......more4minPlay
December 14, 2025NEWS REVIEW - ANC NGC REVIEWKwiveki esiphuma kuyo, umbutho we-ANC ububambe intlanganiso yebhunga likazwelonke lalo mbutho, iNGC ngamafuphi. Le ntlanganiso, nebanjwa phakathi kweenkomfa, iqwalasele imiba eliqela, nequka ukuzigocagoca kwalo mbutho, kulandela ukubethwa kwawo kunyulo lukazwelonke lonyaka ophelileyo, ukuhlengahlengiswa komgaqo-nkqubo walo mbutho, kuquka nomgaqo-siseko wawo. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ilungu leqoqo lolawulo kwi-ANC, uMzwandile Masina. Ukanti apha estudio sinomhlalutyi wezopolitiko, uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast... ...more55minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.