Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.
December 13, 2025INTERCHANGE - Act of Kindness Campaign 2025 Critical Request: 16 Boys Currently in Initiation Need Immediate SupportUkuya kwamakhwenkwe esuthwini lisiko elibaluleke kakhulu kwaXhosa. Iba yimincili kwiintsapho nezihlobo, kuguywe, kubhiyozwe kubemnandi. Noxa kunjalo, kwamanye amakhaya iba yintlungu kuba engazi ukuba aza kudibanisa ntoni nantoni ukuze unyana wekhaya elo aye entabeni abuye, ze amkelwe ngemibhiyozo. Kungeso sizathu ke umbutho iSakhisizwe School of Tradition, Culture, Leadership, and Excellence, neyiyinkqubo ephantsi kwe-Eastern Cape Men's Movement, igqibe kwelokuba ingenelele, ze incedise ngokuthi icele amalizo kwabo banakho ukuphosa nokuba yintonina, khon' ukuze amakhwenkwe alishumi elinesithandathu, nangabakhwetha sithethanje, afumane uncedo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni siqhagamishelana nosihlalo walo mbutho, uJongi Hoza... ...more5minPlay
December 13, 2025INTERCHANGE - We review a book titled: The Beauty and Battle of a Single MomKuhlalutyo lwencwadi, namhlanje sihlalutya incwadi esihloko sithi: The Beauty and Battle of a Single Mom, nebhalwe ngu Wendy Figlan. Le ncwadi iphehlelelwe kwiveki ephelileyo eKhayelitsha, eKapa kwiNtshona Koloni. Nje ngomama okhulisa umntwana eyedwa, uFiglan kule ncwadi ubalisa ngokuphola kwamanxeba asemphefumlweni, ukuthanda ngokungazenzisiyo nokuzixolela, ze uphinde ube namaphupha kwakho. Ukuva banzi ngengxam yale ncwadi, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umbhali wayo, uWendy Figlan......more7minPlay
December 12, 202530 MINUTES LIVE - The PAC is holding its elective conference in GqeberhaIngena kusuku lwesibini namhlanje inkomfa yePAC, nalapho kulindeleke ukuba yenyule iinkokheli ezintsha zala mbutho. Ukanti namhlanje kulindeleke ukuba umongameli wala mbutho, uMzwanele Nyhontso, awise ingxelo kamongameli egxile kumbutho. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe unondyebo walo mbutho kuzwelonke, uJaki Seroke......more6minPlay
December 12, 202530 MINUTES LIVE - Statistics South Africa releases Poverty Trends in SA Report with insights across population groups and provincesIziko leenkcukacha-manani, iStats SA, izolo likhuphe ingxelo ngeqondo lendlala eMzantsi Afrika. Le ngxelo ijonga utshintsho kwiqondo lentlupheko phakathi kweminyaka u2006 no-2023, inika ingqwalasela kumaphondo ohlukileyo, kunye nangokwehluka kweentlanga kweli. To discuss more of this, on the line Ayabonga Kekana is joined by the Acting Deputy Director-General responsible for Population and Social Statistics at Stats SA, Mr. Solly Molayi......more15minPlay
December 11, 2025TRUNEWS @6 - SASSA clarifies life certification process and confirms no suspension of social grantsI-Arhente yesibonelelo sendodla, uSASSA, uphawule imiyalezo ethe ndii kumakhasi onxibelelwano ngeenkcukacha ezingachanekanga nezilahlekisayo malunga nenkqubo yokwenziwa kwesiqinisekiso sokuphila kwabaxhamli, nenziwa yile arhente ukuqinisekisa abaxhamli bayo. Iinkcukacha ezikumakhasi onxibelelwano zithi njengokuba iqhuba le nkqubo, ziza kunqunyanyiswa izibonelelo. Kodwa ukuba sicaciselwe ngale nkqubo, emnxebeni uAmanlda Xhala ubambe umanejala ophezulu kwicandelo lonxibelelwano kwaSASSA eMpuma Koloni, uTabisa Nondwayi......more7minPlay
December 11, 2025TRUNEWS @6 - The ANC President could be voted by all party members in good standing across the country as opposed to just around 4000 delegates at elective conferencesOnke amalungu eANC aselungelweni kufanele ukuba avotele umongameli walo mbutho, ngokunxamnye nangaphambili, apho ibiba ngabathunywa abangamawaka amane kwiinkomfa zonyulo kuphela abenza njalo. Oku kwakwenzeka kuphela ukuba inkomfa kazwelonke ye-ANC iyakwamkela oku, kuquka nezindululo ezigxile kwimigaqo-nkqubo yalo mbutho, kwa nohlengahlengiso kumgaqo-siseko wombutho. Oku kuvele kwintlanganiso yesihlanu yebhunga leANC kuzwelonke, iNGC. Le ntlanganiso, nequkunjelwayo namhlanje, iza kubona utshintsho kwimigaqo-nkqubo elishumi elinesibini equlathwe kumgaqo-siseko we-ANC, kwakunye neminye eliqela endululwayo kumgaqo-siseko welizwe loMzantsi Afrika. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguNtebo Mokobo......more6minPlay
December 10, 2025TRUNEWS @6 - Oversight of the Presidency – parties react to new committeeSizise iinguqu kupolitiko isigqibo sepalamente sokuseka ikomiti entsha eza kuqwalasela imiba ye-ofisi kamongameli. Oku kuphawula isiqalo ekubeni amalungu epalamente abe neqela elisekelwe ukuthabathisa uxanduva umongameli nosekela-mongameli, ngomsebenzi wabo. I-ofisi kamongameli buqu ilamkele eli nyathelo, nalapho usekela-mongameli uPaul Mashatile athi yena noMongameli uCyril Ramaphosa bakulungele ukuhlolwa komsebenzi wabo, ze baphendule nayiphina imibuzo esuka kumalungu epalamente, nebonwa nje ngesemdleni woluntu. Imibutho yezopolitiko eyahlukileyo iyalixhasa eli nyathelo lokusekwa kwale komiti, ngelithi linyathelo ebekufanele ukuba kudala lathatyathwa, ngokubhekiselele ekomelezeni intatho-xanduva kwi-ofisi kamongameli. UMkhokeli Bandla uza nengxelo......more5minPlay
December 09, 2025TRUNEWS @6 - Highlights of the Parliament's Ad Hoc committee established to look into concerns around national securityIqale ngolonwabu ikomiti yethutyana yasepalamente, nesekelwe ukuphanda ngenkxalabo ngokhuseleko lwesizwe, kodwa ithe apho iqale khona yatyelela nkqu kwintolongo enokhuseleko oluluqilima ePitoli. Le komiti yasekwa yipalamente ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyeKhala, emva kwenkomfa yamajelo eendaba eyayibanjwe ngumkhomishinala wamapolisa kwiphondo iKwaZulu-Natal, uLt General Nhlanhla Mkhwanazi, kwangaloo nyanga. UMkhwanazi wenza izityholo zongenelelo lolwaphulomthetho, urhwaphilizo nopolitiko kwinkqubo yezobulungisa, zityholo ezo ezibandakanya amanye amagosa aphezulu kwinkonzo yesipolisa, kuquka nomphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu osele ebekwe kwikhefu elikhethekileyo sithethanje. UZalene Merrington uqwalasela ezinye zezinto eziye zaphambili kule komiti, kule ngxelo siyiphathelwe nguZukiswa Tshume......more7minPlay
December 08, 2025NEWS REVIEW - We are discussing the challenge of underage drinking in South AfricaSibone amaphulo aliqela alumkisa ngokubanjwa kwemijuxuzo eyaziwa ngePens Down, kwiindawo ezahlukileyo kweli. Isebe lemfundo, imibutho engafumani nkxaso kurhulumente, noluntu ngokubanzi, bamenyelela ulonwabo olungenatywala nanjengoko abafundi begqibile ukubhala. ENelson Mandela Bay, bekubanjwe umsitho wePens Down nalapho bekukho izinto zokuzinwabisa kungekho tywala ngenzame zokuphelisa lomkhuba. Uyakusikhumbula isehlo saseEnyobeni nalapho kwasweleka abantwana abayi 21 ngonyaka ka2022. Namhlanje, sithe masixoxe ngomba wokusetyenziswa kotywala, ingaba busetyenzisa ngelixesha kuphela okanye sinengxaki yabantwana abasela utywala. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ugqirha ojongene noxinizelelo lwengqondo nomphedumlo uNjingalwazi Jabulani Kheswa, kwakunye nomsunguli wephulo elibizwa i #ungazibulali matric campaign, uGqirha Sanele Gamede......more53minPlay
December 06, 2025Interchange-First ever Africa-Europe-Middle East Earthquake Response to take place in Africa wraps in GqeberhaUsekela mphathiswa wesebe lolawulo ngobambiswano nemicimbi yemveli, uPrince Zolile Burns-Ncamashe, ugxininise isidingo sentsebenziswano yehlabathi ukuqinisekisa ukuba amazwe anako ukumelana neentlekele ezinkulu zendalo. Uvakalise oku ngethuba esenza intetho ngosuku lokugqibela lendibano yelizwekazi i Afrika libambisene ne Europe, ebishukuxa amaqhinga okusabela kwiintlekele zendalo( iAfrica-Europe-Middle East Earthquake Response Exercise) eGqeberha kwiphondo iMpuma Koloni. Le ndibano ihlanganise amagosa ajongene nentlekele, amaqela ohlangulo, kunye nemibutho yesisa ephuma kwihlabathi, ukuhlola nokuqinisa uMzantsi Afrika ukuze ubenokulungela ukuqubisana neentlekele ezinkulu zendalo. Masive ngokubanzi kuSisipho Ngcumbe......more3minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.