Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 694 episodes available.
May 24, 2025EC Health MEC updates on recovery of 2 stolen babies at Dora Nginza Hospital...more5minPlay
May 23, 202530 MINUTES LIVE - FUEL LEVYZiyabethana izimvo ngesibhengezo sikaRhulumente sokwenyusa irhafu kumafutha ezithuthi. Kulindeleke ukuba lo funqu uqalise kwinyanga ezayo emva kokuba ikhe ayonyuwa isithuba seminyaka emithathu. Umphathiswa wesebe lemali, u-Enoch Godongwana, ngoLwesithathu uthe thaca uhlahlo-lwabiwo lonyaka-mali ka-2025/26 ePalamente eKapa. Emnxebeni uAyabonga ubambe ingcali kwimiba yezoqoqosho, uNjingalwazi Bonke Dumisa......more7minPlay
May 23, 2025EC Health MEC updates on recovery of 2 stolen babies at Dora Nginza HospitalNgale mva kwemini, ilungu lesigqeba solawulo kwisebe lezempilo eMpuma Koloni, lithethe nabeendaba ukunika eza mva nje kumba wokulahleka kweemveku ezimbini neziye zaphinda zafumaneka, kwisibhedlele iDora Nginza eGqeberha. Isebe limisele inkqubo yophando ngokumalunga nesiganeko sokubiwa kwababantwana. Kodwa ukuba sive ngokuthethwe ngumphathiswa, emnxebeni ikhona intatheli ekwasesibhedlele, uSisipho Ngcumbe......more5minPlay
May 22, 2025Focus on safety in hospitals after two babies were abducted in Dora Nginza hospital in GqeberhaIsiganeko sokuxhwilwa kweentsana ezimbini kwisibhedlele iDora Nginza eGqeberha, siphinde savuselela inkxalabo ngokhuseleko kumaziko ezempilo kwiphondo iMpuma Koloni. Izolo, kuye kwabanjwa amanina amabini natyholwa ngokuxhwila abantwana abangamakhwenkwe eDora Nginza. UAyabonga Kekana uncokole nesithethi sesebe lezempilo uSizwe Kuphelo. ...more11minPlay
May 22, 202530 MINUTES LIVE - We analyse the meeting between Presidents, Cyril Ramaphosa of SA and Donald Trump of the USAUmongameli Cyril Ramaphosa uxelele umongameli waseMelika uDonald Trump ngethuba lendibano noonondaba eWhite House, ukuba akuhlaselwa kubulawe abantu abamhlophe ngobuninzi eMzantsi Afrika. Ezinkokheli zithethe noonondaba ngaphambili kokubamba iingxoxo zabucala eWhite House. Abathunywa boMzantsi Afrika baquka abaphathiswa, oosomashishi, iimanyano zabasebenzi nabadlali begalufa abaziwayo. Umongameli Ramaphosa uthi ulwaphulomthetho eMzantsi Afrika luchaphazela zonke iintlanga. Oku kuza nanjengoko kuthe tshitshilili ulwazi olungeyonyani ngoMzantsi Afrika eMelika, lokuba kubulawa amafama amhlophe kweli lizwe. Injongo yale ndibano ibikukomezela ubudlelane obungebuhlanga phakathi kwala mazwe mabini, kuvuselelwe nentsebenziswano. Umongameli weli uyichaze le ndibano njengeyimpumelelo kulandela indibano esekhusini noTrump. Uye waqinisekisa ukuba iMelika izakuthabatha inxaxheba kwingqungquthela yeG20 ezakubanjelwa eMzantsi Afrika, ngenyanga yeNkanga. Ukushukuxa le ndibano, emnxebeni masamkele iingcali zethu kwimiba yopolitiko, ugqirha Mkhuseli Vimba......more14minPlay
May 21, 2025Analysis of the budget tabled todayUnondyebo woMzantsi Afrika kuhlahlo lwabiwo mali lwakhe ugxininise into yokuba irhafu yentengo izakuhlala kumyinge ka 15% nto leyo ekhokhelele ekubeni kurhoxiswe imigqaliselo ebizakukhusela amakhaya angenzi ngeniso ingakanani, ngakwisigqibo sokonyuswa kwe VAT. Umphathiswa wezimali, uEnoch Godongwana, uthe bakwazile ukuphumeza le budget ngokuthi bacuthe kulwabiwo olongezelelekileyo nathe wagxininisa ukuba oku ayikokucutha ibudget. Phakathi kwezinye izinto, uphakamise ukonyusa irhafu etywaleni nakwiimveliso zecuba, nakwirhafu yamafutha. UMzantsi Afrika usajongene neengxaki zemali nalapho esachitha imali ngaphezulu kokuba esenza ingeniso. Ukuba sihlalutye uhlalo lwabiwo mali lwelityeli, emnxebeni sinaye usoqoqosho, uXhanti Payi......more10minPlay
May 21, 2025Two newborn babies went missing at the Dora Nginza Hospital in GqeberhaZothukile iintsapho kunye nabazali kukulahleka kwabantwana ababini abasandula kuzalwa ngokuhlwa kwa ngoLwesibini kule veki, kwisibhedlele iDora Nginza , eGqeberha eMpuma Koloni. UAyabonga Kekana uncokole nelungu lolunye usapho, uNamhla Stofile kwakunye nesithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni, uSizwe Kuphelo....more9minPlay
May 21, 202530 MINUTES LIVE - Pres Ramaphosa is meeting with Pres Trump at 17h30 todayNgenjikalanga yanamhlanje umongameli uCyril Ramaphosa uzakudibana nomongameli waseMelika uDonald Trump, kwindibano ekudala ilindelwe. Umphathiswa wesebe lobudlelane namazwe angaphandle uRonald Lamola, nokhokhela igqiza labaphathiswa elipheleke uRamaphosa, ungqinile ukuba bakulungele ukuba yinxalenye yale ntlanganiso, nezakuvuselela ubudlelane phakathi kwala mazwe. Kukho iingxelo ezithi phakathi kwabantu abapheleke umongameli ngusomashishi waseMzantsi Afrika uJohann Rupert, kwakunye nentshatsheli yomdlalo wegalufa uErnie Els. Emnxebeni, uAyabonga Kekana ubambe usoqoqosho ojongene norhwebo lwamazwe ngamazwe nophuma kwidyunivesity iUNISA, uMzwanele Ntshwanti......more9minPlay
May 20, 2025Efficient Group Economist Dawie Roodt proposes that some public universities be closed and converted into collegesKukho isiphakamiso sokuvalwa kwezinye ii-Universities okanye ziguqulwe zibe ziiKholeji ezizakunikeza uqeqesho lwezakhono oluzakunceda ulutsha ukuba lufumane imisebenzi xa lugqibile ukufunda; kunokuba baxhonxwe ngezifundo nezakhono ezingadingwayo luqoqosho lweli. Zibalelwa kumashumi amabini anesithandathu ii-University ezikhoyo eMzantsi Afrika. Ayabonga Kekana speaks with Efficient Group Economist Dawie Roodt...more8minPlay
May 19, 2025TRUNEWS @6 - WEATHER WARNING ECAbenkonzo yemozulu eMzantsi Afrika bakhuphe isilumkiso sika level 2 wemozulu engentlanga eMpuma Koloni, ukususela ezinzulwini zobusuku bangomso. Imisinga yomoya obandayo kulindeleke idlule kweli phondo, isuka kwelaseNtshona Koloni. Yimimandla eliqela ezakuthi ichaphazeleke kweli phondo, kuquka nomasipala ombaxa iNelson Mandela Bay. To hear more about the weather warnings, on the line we are now joined by Weather Forecaster from the SA Weather Service, Kevin Ingram......more7minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 694 episodes available.