Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.
January 09, 202630MinutesLive-National Consumer Commission has announced the recall of a specific batch of Nestle NAN Special Pro HA infant formulaIkomishoni ejongene neemfuno zabathengi, iNational Consumer Commission, ibhengeze ukumiswa kokuthengiswa kwemveliso yobisi lweentsana iNestle NAN. Kwaye le komishoni ibongoza abathengi abasele bezithengile ezimveliso zobisi ukuba bazibuyisele kwiivenkile ebebezithenge kuzo. UAyabonga Kekana uthethe nophuma kule komishoni uPhetho Ntaba. ...more5minPlay
January 08, 202630 Minutes live: NSFAS concludes all funding decisions for 2026.Iziko lengxowa-mali exhasa abafundi kumaziko emfundo ephakamileyo uNSFAS, libhengeze ukuqukumbela inkqubo yokwamkela izicelo zokuxhasa abafundi kunyaka ka-2026. Kwaye bonke abafundi abazakuxhamla kule ngxowa-mali kulo nyaka bangajonga ubume bezicelo zabo kwiqonga le-internet lika-NSFAS, besebenzisa iinkcukhaca zabo. Ayabonga Kekana uncokola nophuma kweliziko, uIshmael Mnisi.....more12minPlay
January 07, 2026New NDPP appointmentUzakuqala ukukhokela igunya bantu lezotshutshiso uAdvocate Andy Mothibi ngomhla wokuqala kweyoMdumba ( February). Umongameli uCyril Ramaphosa wonyule uAdvocate Mothibi njengentloko yegunya bantu lezotshutshiso, ntoleyo ebonwe njengesigqibo esothusayo. UAdv Mothibi ebengeyonxalenye yabagqatswa abathandathu abe behlelele udliwano ndlebe lwesi sikhundla. Ngokwangoku uMothibi yintloko yecandelo elikhethekileyo lophando. Ayabonga Kekana speaks with a senior lecturer in criminal law at the University of KwaZulu-Natal, Dr Suhayfa Bhamjee. ...more10minPlay
January 06, 2026STATE OF RECONCILIATIONIsimo soxolo noxolelwaniso eMzantsi Afrika sisabonwa njengenkqubo esaqhubayo enobuzaza nesele ikwazile ukuzisa uxolo nokuhlalelana, kodwa isajamelene nemingeni yonkungalingani nezinye iingxaki ezingeka sonjululwa zexesha localucalulo. Namhlanje kwinkqubo yakho u NewsReview sithi makhe siqwalasele esisimo soxolelwaniso eMzantsi Afrika, nalapho sinenjongo yokuphonononga imiba eliqela ekuquka kuyo impumelelo nenkqubela esele yenziwe, imingeni, nendlela emiliselwe ngayo lenkqubo eMzantsi Afrika. u Ayabonga Kekana wenze udliwano ndlebe nomhlalutyi wezopolitiko u Sandile Swana.......more55minPlay
January 06, 202630 minuteslive: The Black Lawyers Association (BLA) has thrown its weight behind Justice Department Minister Mmamoloko Kubayi's call for mandatory lifestyle audits for prosecutors.Umbutho wamagqwetha i-Black Lawyers Association, uyasixhasa isimemelelo sika mphathiswa wesebe lezobulungisa uMmamoloko Kubayi, sokuba ibesisinyanzelo ukuba kuqhutywe uphicotho lwendlela yokuphila kwabatshutshisi (lifestyle audit ngelasemzinni). UKubayi unenkolelo yokuba olu phicotho luyakwenza indima eyiyo ekukhuseleni intembeko nesidima kumsebenzi wenkqubo yezobulungisa kweli. Ayabonga Kekana ubambe udliwanondlebe umongameli walombutho, uNkosana Francois Mvundlela…...more12minPlay
January 06, 202630 minuteslive:Unpaid Debt: NSFAS leaves students strugglingNanjengoko kuqala unyaka omtsha wezemfundo, amawaka abafundi abaxhaswa yi-NSFAS azifumana enamatyala angakwazi ukuwahlawula. Uninzi lwabo babane ngxaki zokubhalisa ngenxa yalamatyala, nto leyo eye inyanzelise abanye ukuba bayeke phakathi izifundo zabo. Nabo basele begqibile ngezifundo zabo bakhangela imisebenzi bayachaphazeleka, njengoko amaziko ebamba iziqinisekiso zemfundo zabo ngenxa yamatyala angahlawulwanga, oku kwenza kunzima ukuba bafumane imisebenzi. Ayabonga Kekana uncokola nophuma kumbutho wabafundi i-SAUS, uBuhle Mchunu......more7minPlay
January 05, 2026USA vs VENEZUALAKulindeleke avele enkundleni eNew York eMelika namhlanje umongameli waseVenezuala, uNicolas Maduro, emva kokubanjwa ngumkhosi waseMelika. NgoLwesihlanu kuye kwahlaselwa ikomkhulu laseVenezuala nalapho abanjwe khona uMaduro nenkosikazi yakhe uCelia Flores. Bajamelene namatyala okushishina ngeziyobisi nezixhobo. Sele kulithuba ubudlelane beMelika neVenezuala bungebuhlanga. Ilizwe loMzantsi Afrika liye lamemelela ukubanjwa kwentlanganiso ekhawulezileyo yi-United Nations Security Council ngelithi ilizwe laseMelika linyhashe isibhambathiso samazwe ayinxalenye yeUnited Nations. UAyabonga Kekana uncokole nengcali yemiba yamazwe angaphandle ugqirha Mkhuseli Vimba. ...more13minPlay
January 02, 202630MinutesLive-Rising teenage pregnancy figures in South Africa have renewed urgent calls for action.Amanani anayukayo okukhulelwa kwabantwana eMzantsi Afrika aphinde amamelela ukuthathwa koxanduva ziindawo zoluntu ekukhalimeleni amadoda amadala aye alale nabantwana, nokuba uluntu lufundise abantwana ngemiphumela yokwabelana ngesondo kwiminyaka eselula. UAyabonga Kekana uncokole nengcali ngemo yentlalo, uNjingalwazi Jabulani Kheswa…...more8minPlay
January 01, 2026LIQOUR BOARD ACTKuvulwe idokhethi lophando phantsi komthetho iContravention of the National Liquor Act 59 yonyaka ka-2003, kulandela ushicilelo oluye lwathi ndii kumakhasi onxibelelwano nalapho lubonisa abantwana bethe qhiwu iibhotile zotywala, bambi bezisela. Aba bantwana kukholeleka ukuba baphakathi kweminyaka emithathandu nelishumi elinambini ubudala. Eyona nto edale isankxwe ngamandla kukuba ababantwana babonakala oku bekwenza phakathi kwabantu abadala nekungenzeka ukuba abanye ngabazali babo. Emva kwesi sankxwe umphathiswa wesebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni uBukiwe Fanta, uye wathumela oonontlalo-ntle kummandla waseNgqamakhwe apho kukholeleka ukuba oku kwenzeke khona. Kungoku nje uphando lwamapolisa luyaqhuba. Sithe apha enkqubeni masifumane ilizwi eliphuma kwibhodi elawula iindawo zoshishino ngotywala nekwayiyo ethi iwise imithetho ngokusebenza kwezi ndawo apha ephondweni, i-Eastern Cape Liquor Board, uGqirha Mgwebi Msiya…...more2minPlay
December 28, 2025NEWS REVIEW - 2025, A YEAR THAT WASUnyaka ka-2025 ibe ngunyana obe neziganeko ezisematheni nezitshis' ibunzi kupolitiko, imontlalo noqoqosho lwelizwe loMzantsi Afrika. Eli lizwe libone ukwehla kweqondo lenzala kwimali-mboleko izihlandlo eziliqela, ukukhutshwa kweli kuluhlu lwamazwe axhasa ngemali izenzo zobunqolobi, igreylisting ngolwasemzini. Singayilibala njani inkomfa yamajelo eendaba engundaba-mlonyeni yangomhla wesithandathu kuJune walo nyaka, yomkhomishinala wamapolisa kwiphondo iKwaZulu-Natal, uLt General Nhlanhla Mkhwanazi, nemiphumela yayo, nalapho wathi wenza izityholo zongenelelo loonqevu, oosopolitiki norhwaphilizo kwinkonzo yesipolisa nakwinkqubo yezobulungisa? Koloko ke sigqibe kwelokuba kwinkqubo-ndaba yakho namhlanje makhe sikukhumbuze ngamanye ala manqaku aye adala isankxwe kwisizwe siphela. Ukuxoxa banzi ngale miba neminye, sakuthi sithethe neentatheli zeli jelo ezahlukileyo, uZalene Merrington, uSibahle Motha, uAbongile Jantjies, uSisipho Ngcumbe, uMonwabisi Jimlongo wezemidlalo, ze kamva sibenaye nomhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Mkhuseli Vimba. Masiqale ngentatheli yeli jelo epalamente, nebilandela iintshukumo zekomiti yexeshana, neyathi yasekwa, ngeenjongo zokuphanda ngezi zityholo zikaMkhwanazi. On the line now we are joined by our reporter, Zalene Merrington... ...more45minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 926 episodes available.