Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 694 episodes available.
May 05, 2025Charges against an EC mother who allegedly murdered a 65-year-old man have been withdrawn.Ulindeleke avele enkundleni umama otyholwa ngokubulala indoda ayityhola ngokuba yayidlwengula intombi yakhe ekhubazekileyo. Umtyholwa uzakuvela kwinkundla kamantyi yaseLady Frere. Kukwalindeleke ukuba inkulubaphathiswa yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane kwakunye nomphathiswa wesebe lemicimbi yophuhliso loluntu uBukiwe Fanta, bayokuxhasa elinina. UAyabanonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nentatheli yethu uNomzwanele Mngoma....more4minPlay
May 05, 2025Why are trade unions ONLY representing 22% of the total employed population?Nanjengoko siqhuba nokuphawula inyanga yabasebenzi, namhlanje sijonga kwiimanyano zabasebenzi. Ngumyinge wamashumi amabini anesibini ekhulwini wabasebenzi abaphantsi kweemanyano zabasebenzi, kwaye uninzi lwamalungu ezi manyano ngamadoda. Ezi nkcukhaca-manani zingaphendula umbuzo wokuba abasebenzi abaninzi abanathemba kwiimanyano zabasebenzi kusini na. Ingaba kunjalo ngenene? Ukuphendula lo mbuzo neminye, uAyabonga Kekana uncokola nesithethi somfela-ndawonye weemanyano zabasebenzi iCOSATU, uZanele Sabela...more13minPlay
May 04, 2025NEWS REVIEW - Labour unions and their relevance in today's democracyKule veki, uluntu loMzantsi Afrika belubhiyozela usuku lwabasebenzi, iWorker's Day ngolwasemzini. Oku kukunika ingqwalasela nembeko kubasebenzi. Lukwaphawula igalelo labasebenzi nemibutho yabasebenzi ekulweni inkqubo yengcinezelo kwa nokuqinisekisa ukuba abasebenzi abacalucalulwa kwiindawo zengqesho. Nangona kunjalo, iimbono ziyabethabethana ngokubhekiselele kolu suku. Bambi bathi besacinezelekile abasebenzi kwiindawo zeengqesho, olu suku abaluboni intsingiselo yabo, ngeli lixa abanye bencoma ngokusele kwenziwe ukunika ingqwalasela kubasebenzi. Kwinkqubo-ndaba yakho namhlanje, uAyabonga Kekana uhleli nothethela umfelandawonye wemibutho yabasebenzi iCOSATU uZanele Sabela, kwakunye nonobhala-jikelele weSAFTU, uZwelinzima Vavi.......more51minPlay
May 02, 2025High profile visit to shack fire victimsAbasemagunyeni kumasipala ombaxa waseBuffalo City, abezenkolo nabezopolitiko,namhlanje,bazakutyelela usapho lwabantu abathathu abatshiswa basweleka kwityotyombe labo eMdantsane, eMpuma Koloni.Umrhanelwa ulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi eMdantsane ukuya kufaka isicelo sebheyile ngokusesisikweni ngoMvulo. Emnxebeni sinayo intatheli yethu elandela eli nkqaku uAbongile Jantjies.... ...more5minPlay
May 01, 2025Workers Day Scene SettingUmongameli we ANC uCyril Ramaphosa uzakunikezela intetho ephambili yenkxaso kwimibhiyozo yosuku lwabasebenzi ebanjelwe eMiddelburg kwiphondo laseMpumalanga. Uzakwabelana iqonga neenkokheli zamahlakani kanxantathu -umongameli womfelandawonye wemibutho yabasebenzi iCOSATU uZingiswa Losi, nnobhala jikelele we SACP uSolly Mapaila. To hear more on what is currently happening on the line we have our reporter Sibahle Motha... ...more4minPlay
April 30, 2025SASSA verification process for certain grant beneficiaries IArente ejongene nezibonelelo zikarhuluntu iSASSA, ithi kuzakubakho ukulibaziseka kwentlawulo kubaxhamli abathile. Oku zinzame zokuqinisekisa iinkcukacha zabo. Eli liphulo lokuqinisekisa ukuba ingaba kukhona okutshintshileyo kwisimo semali, indawo abahlalo kuzo, ukuze ezinkcukacha zaziwe kwa-SASSA. UAmanda Xhala ubambe udliwano ndlebe nomanejala wakwaSASSA eMpuma Koloni uBandile Maqethuka....more7minPlay
April 30, 2025Update on recovery of missing policeAmaPolisa athi isithuthi somsebenzi wesiNe weNkonzo yesipolisa omzimba wakhe ubhaqwe kumlambo iHennops eCenturion izolo, kungenzeka ukuba besisuka kwenye indawo sisiya kuphelela kulo mlambo nje. Uphando ngokunyamalala kwamapolisa amathathu azi Constable kwiveki ephelileyo kukhokhelele ekubhaqweni kwemiye imizimba emibini. Umzimba wesihlanu womntu wasetyhini ongaziwayo ubhaqwe sele usonakala. To discuss this further, on the line we're now joined by the South African Police Service spokersperon, Brigadier Athlenda Mathe…...more6minPlay
April 29, 2025COGTA counducts oversight 8n the Eastern CapeUSekela Mphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (COGTA), uGqirha Namane Dickson Masemola, ephelekwa nguMphathiswa weSebe lentsebenziswano ngorhulumento nemicimbi yezeMveli eMpuma Koloni, uZolile Williams, bazakutyelelo lokubeka iliso kumasipala ombaxa iBuffalo City, eMpuma Koloni namhlanje. Olu tyelelo luqhutywa phantsi komxholo othi " Every Municipality Must Work" kwaye luyinxalenye yeenkqubo eziqhubayo zokuphawula imisebenzi ephambili ekufuneka yenziwe koomasipala bezithili kwakunye nabambaxa. Ukuva banzi, emnxebeni sinaye othethela eli sebe ephondweni uPheello Olifant... ...more6minPlay
April 28, 2025VAT UpdateInkundla ephakamileyo eNtshona Koloni igwebe ngelithi iyasinqumamisa isibhengezo senyang'ephelileyo sokunyuswa kweRhafu yentengo. Oku kuthetha ukuba ayizukunyuka i-VAT ngomhla wokuqala kuka-May. Inkundla ephakamileyo ikwagwebe ngelithi isibekela bucala isigqibo sePalamente sokwamkela ingxelo yeKomiti yeNdlu yowiso-Mthetho emayela neziphakamiso zezicwangcwiso ngohlahlo-mali nengeniso. USomlomo wale ndlu uyebhalela amalungu ale ndlu ngokuba, uMphathiswa u-Enoch Godongwana uzakuphinda athi thaca uhlalo-lwabiwo olutsha. Masincokole noyingcali kwibima yezoqoqosho uNjingalwazi Bonke Dumisa…...more9minPlay
April 27, 2025NEWS REVIEW - We make sense of the VAT increase reversal announced by TreasuryKwiveki esiphuma kuyo, umphathiswa wemicimbi yezemali, uEnoch Godongwana, ubhengeze iindaba zokurhoxiswa kwesigqibo sokwenyusa irhafu yentengo, iVAT, nebekulindeleke ukuba similiselwa ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo. Lo mba wokwenyuswa kwe-VAT uye wadala iintetha, kwaye wawushukumisa kakhulu urhulumente wobumbano, iGNU, bambi bawubona nje ngongahle uphasalake ngenxa yokungaboni ngasonye kwamalungu eGNU ngalo mba. Ingaba ukurhoxiswa kokwenyuswa kweVAT kuthetha ukuthini, kwaye ingubani onokuzingomb' isifuba nje ngoze nolu loyiso? Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli nomhlalutyi wezopolitiko nokwayingcali yemiba yorhulumente, uGqirha Nkosikhulule Nyembezi......more48minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 694 episodes available.