Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 772 episodes available.
November 20, 202430 MINUTES LIVE - POPIA MATRICIgunyabantu elilawula iinkcukacha iInformation Regulator, liyalele isebe lemfundo esi siseko ukuba limilisele inkqubo apho umzali ezakunikeza imvume kwisebe ukuba lipapashe iziphumo zomntwana zebanga leshumi. Ngaphambili, amagama abafundi, iifani kwakunye neziphumo, zazipapashwa kumaphephandaba. Kodwa ekuhambeni kwexesha isebe laye lapapasha iinombolo zabafundi zokubhala kuphela. Eli gunyabantu lithi ukupapashwa kwezi ziphumo kukungawuthobeli umthetho ogxile ekupapasheni iinkcukacha zomntu. Ukusabela banzi, u-Ayabonga Kekana uthethe nophuma kwigunyabantu elilawula iinkcukacha, i-Information Regulator ngolwasemzini, uNomzamo Zondi......more10minPlay
November 19, 2024SPAZA SHOP OWNERS BEGIN REGISTRATION IN GQEBERHAAbanini bezikroxo eGqeberha eMpuma Koloni, sele beqalile nenkqubo yokubhalisa amashishini abo ukuqinisekisa ukuba bathobela imiqathango eqinisekisa ukhuselo lwezempilo. Ngethuba ethetha nesizwe ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga, umongameli uCyril Ramaphosa unike abanini bezivenkile iintsuku ezingamashumi amane ananye ukuba babhalise koomasipala babo, okanye azakuvalwa amashishini abo. Susela kwinyanga yoMsintsi, kuchazwe iziganeko ezingamakhulu asibhozo anamashumi alithoba zezigulo ezibangelwa kukutya okunetyhefu kuzwelonke, nalapho iGauteng kunye neKwaZulu Natal ingawona maphondo achaphazeleke kakhulu. Abanikazi bezivenkile bakhalazile ngokuba ezintsuku bazinikiweyo ukuba babhalise, zimfutshane kakhulu. USinethemba Witi usenzele le ngxelo...more3minPlay
November 19, 202430 MINUTES LIVE - SPAZAUkusukela ngenyanga yoMsintsi ( September) zingaphezulu kwe-890 izehlo ezichaziweyo zokugula kwabantu ngenxa yokutya okutyhefekileyo eMzantsi Afrika. Umongameli uCyril Ramaphosa, uye wamemelela ukubhaliswa kwezi zikroxo zingekapheli iintsuku ezingamashumi amabini ananye. Kwiveki ephelileyo, usodolophu waseNelson Mandela ubambe ugqogqo nalapho ekhuphe umyalelo wokuba kuvalwe ezisibhozo kuba abanini bazo bengenazimpepha. Ukanti sele kuqaliwe ukubhaliswa kwezi zikroxo. Phulaphula udliwano-ndlebe phakathi ko-Ayabonga Kekana noceba kumasipala weNelson Mandela, uThembinkosi Mafana......more6minPlay
November 18, 202430 MINUTES LIVE - EFF ANALYSISIingcali zezopolitiko zilumkise ngelithi ingendela iyantlukwano phakathi kumbutho iEFF ngenxa yezityholo zokuthintelwa kwelungu lalo mbutho, ugqirha Mbuyiseni Ndlozi, ukuzimasa inkomfa yonyulo yalo mbutho ezayo. Iingxelo zithi uNdlozi uthintelwe ukuba abeyinxalenye yenkomfa kazwelonke, iNational People's Assembly ekulindeleke ukuba iqhube eNasrec eRhawutini kwinyanga yoMnga. Ngohlalutyo oluthe vetshe kulo mba, u-Ayabonga Kekana ubambe emnxebeni umhlalutyi wezoplitiko, uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast......more7minPlay
November 18, 202430 MINUTES LIVE - SACPUmbutho wamakomanisi, iSACP, ukhwebe intlanganiso ekhethekileyo yamahlakani kanxantathu. Oku kulandela ukungaboni ngasonye kwalo mbutho ne-ANC, ngomba ongqamene norhulumente wobumbano, iGNU. Kumaxa angaphambili, lo mbutho ubuye ubhengeze ukuba uza kuzigqatsela unyulo ngexa lonyulo, kodwa kunangoku, oko akukenzeki. U-Ayabonga uncokole nentatheli yeli jelo, uNtebo Mokobo, ngale nyewe... ...more7minPlay
November 17, 202417 11 2024 NEWS REVIEW-SPAZA SHOPSUrhulumente woMzantsi Afrika ude walisabela ikhwelo lokuba uthathe amanyathelo ngakwiivenkile zasekuhlaleni ezingayithobeliyo imithetho yeli nemiqathango emayela nokuthengisa ukutya okufanelekileyo ukuba kungatyiwa ngabantu. Ngokuhlwa kwangoLwesihlanu kwiveki esiyishiyayo umongameli uCyril Ramaphosa uthethe nesizwe ngamanyathelo azakuthathwa ukuqubisana nokufunquka kwamanani abantu abathi bagule bambi besweleka ngenxa yokutya ukutya okutyhefekileyo. Kwezi nyanga zidlulileyo abantwana abaselula bathe bangamaxhoba okutya izimuncu-muncu ezingekho mpilweni nto leyo ikhokhelele ekubhubheni kwabangamashumi amabini anesibini ze kwaqhambuka neentshukumo zoqhankqalazo kwezinye iindawo. Eiminye yale miqathango ibhengezwe ngumongameli kukuba ezi venkile zibhalise koomaspala kwisithuba seentsuku ezingamashumi amabini ananye kwaye zizakuvalwa iivenkile ezifunyaniswa zingayithobeli imiqathango yezempilo. Ukusincedisa kule ncoko yethu namhlanje emnxebeni sinaye unobhala wecandelo lezophuliso lwamashishini kumbutho i South African Spaza and Tuckshop Association u Sibusiso Ngcobo... ...more55minPlay
November 16, 202416 11 2024 BOOK REVIEWNgomhla weshumi kweYenkanga kuphehlelelwe incwadi ebizwa ukuba 'Imfundiso kubhalo loncwadi Isixhosa' eKapa kwiphondo leMpuma Koloni. Le ncwadi nebhalwe nguVuyani Nkunzi injongo yayo kukunika iingcebiso kwabo benza izifundo zolwimi lwesiXhosa. Ukusabela banzi emnxebeni, sibambe kanye lombhali uVuyani Nkunzi... ...more7minPlay
November 15, 202430 MINUTES LIVE - ILLEGAL MININGIngxelo yebhunga lezimbiwa ithi uMzantsi Afrika uphulukana nezigidi zeerandi rhoqo ngonyaka, ngenxa yokombiwa kwemigodi ngokungekho semthethweni. Kunyaka ophelileyo umongameli uCyril Ramaphosa, wagunyazisa ukutyalwa kwamajoni angaphezulu kwamawaka amathathu kwimigodi engesasebenziyo. Kunyaka ophelileyo ngoJune, kwaasweleka abombi mgodi abangekhomthethweni nabaziwa ngeZama-Zama, abangamashumi amabini. Sithetha nje, ingxelo ezingaqinisekiswanga zithi ngamawaka abantu abaphantsi komgodi nekulindeleke ukuba bakhutshwe. U-Ayabonga Kekana udlene indlebe nothethela iSebe lezimbiwa, uMakhosonke Buthelezi, ngalo mba... ...more9minPlay
November 15, 2024Initiation Summer SeasonKubekwe imithetho engqingqwa nanjengoko ixesha lolwaluko livulwe ngokusesikweni. Eminye yemithetho ebekiweyo, kukuba umntwana ozakoluka othe wahlolwa kwelinye iphondo akazokuvunyelwa ukoluka kweliphondo leMpuma Koloni. Isebe lezempilo kwakunye nesebe elijongene nemicimbi yezemveli, banikezele ngezithuthi kwiqela elizakujongana nelixesha lokwaluka. UAyabonga Kekana uncokole nosekela sihlalo wendlu yeenkosi ephondweni, okwangusihlalo kwikomiti ejongene nokoluka ephondweni, unkosi Gwazinamba Matanzima. ...more8minPlay
November 14, 2024Social development announces the de registration of non complain NPOsIsebe lophuhliso loluntu eMzantsi Afrika sele liqalile nenkqubo yokukhupha kuluhlu lwemibutho ebhaliswe phantsi kwalo, imibutho engafumani nkxaso kurhulumente engahambisani nemiqathango emiselwe lelisebe. U Amanda Xhala wenze udliwano ndlebe nobambela ngqonyela kwicala lee NPO kwisebe lophuhliso loluntu u Luyanda Ngonyama...more10minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 772 episodes available.