Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 772 episodes available.
December 09, 202409 12 2024 SEXUAL COURT LIVEUsekela mphathiswa kwisebe lobulungisa nophuhliso lomgaqo siseko u Andries Nel, usindleka umsitho wokuvulwa kwenkundla yamatyala okuxhatshazwa ngokwesondo eMthatha namhlanje. Lomsitho kazwelonke ukwaphawula nephulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu elichasene nempatho mbi ngakumanina nabantwana. Lenkundla yenzelwa ukunikeza inkxaso kumaxhoba ezehlo zokuxhatshazwa ngesondo. Ukuva banzi ngalomsitho, emnxebeni sithe masikrwece intatheli yethu elandela elinqaku u Nkululeko Nyembezi..... ...more4minPlay
December 09, 202409 12 2024 EC CORRUPTION LIVEUrhulumente wase Mpuma Koloni namhlanje uqaphela usuku oluchasene nobuqhophololo. Lo msitho nobanjelwe kwilokishi yaKwaZakhele eGqeberha kumasipala ombaxa iNelson Mandela kulo nyaka, uphawula inyathelo elibalulekileyo lokwazisa nokuba kukhuthazwe abantu ukuba babuchase ubuqhophololo. Iphondo lidize ukuba urhulumente ukwazile ukucutha izenzo zobuqhophololo obenziwa ngabasebenzi baseburhulumenteni kule minyaka mine igqithileyo, susela ukusungulwa kwamaphulo ezicwangciso zokuthintela nokulwa ubuqhophololo norhwaphilizo( i-Provincial Anti-Corruption Action Plan ne- Provincial Fraud Prevention Plan). Ukusabela banzi ngalo msitho, emnxebeni ngoku sinaye othethela urhulumente wephondo leMpuma Koloni uKhuselwa Rantjie......more8minPlay
December 08, 2024NEWS REVIEW - MATHEMITICS DISMALIziphumo zophando olwenziwe liziko i The Trends in International Mathematics and Science Study, zibonisa abafundi bebanga u Grade 5 beloMzantsi Afrika basemsileni, xa kuthelekiswa nabamazwe angamashumi amahlanu anethoba, ngokubhekiselele kwizifundo ze-Maths nezeNzululwazi. Nangona kunjalo, ezi ziphumo zikwabonisa ukuphucuka kwezabebanga u Grade 9, nezenyukileyo. Ingaba yintoni unobangela wokuba uMzantsi Afrika uzibone ukule meko, ngokubhekiselele kwezi zifundo zimbini? Ingaba oku kunento yokwenza ne-curriculum okanye abafundi abanamdla kwezi zifundo? Ukuphendula le mibuzo neminye, u-Amanda Xhala uxoxe le nyewe noyi-Acting Chief Director for Curriculum Management kwiSebe lezemfundo kwiphondo iMpuma Koloni, uChulekazi Xundu-Bula, kwakunye noyingcali kwimiba yezemfundo, uGqirha Thembinkosi Thwalo....more47minPlay
December 07, 2024INTERCHANGE - MEN'S PARLIAMENTIcandelo lamadoda kwibhunga elijongene nentsholongwane kagawulayo, libambisene nombutho i- National Men's Forum South Africa, kwakunye nabanye abathathi-nxaxheba abohlukileyo, babame umsitho obizwa ngokuba yipalamente yamadoda oMzantsi Afrika, i- Mens Parliament ngolwasemzini, eKapa, kwiphondo leNtshona Koloni. Lo msitho untsuku-mbini, noqukunjelwayo namhlanje, uqwalasela indima yamadoda ekulweni udushe olusekelezelwe kwisini nabantwana. Ukusabela banzi, emnxebeni u-Amanda Xhala ubambe unobhala-jikelele we-Songe Social Change, uSiya Ndesi....more9minPlay
December 06, 202406 12 2024 EC MURDER LIVEKudutyulwe kwabulawa amadoda amane akwiminyaka ephakathi kwamashumi amathathu anesine kunye namashumi amahlanu anesithoba ubudala, kwilali yakuGatyane kuMente eMpuma Koloni. Kuvakala ukuba isibonda sale lali nabantakwaso , besisemotweni esingise edolophini kuGatyane, ngethuba kusenzeka esi siganeko. Ukusabela banzi ngoku, emnxebeni sinaso isithethi senkonzo yesipolisa ephondweni, uSiphokazi Mawisa…...more2minPlay
December 05, 202405 12 2024 INITIATE DEATHSSele kusweleke abakhwetha abahlanu eMpuma Koloni kwelixesha lasehlotyeni lolwaluko. Ziyohluka izizathu zokusweleka kwaba bakhwetha, kwaye bakwimimandla eyohlukileyo ephondweni. Kunyaka ophelileyo, babalelwa kumashumi amathathu anesine abakhwetha abathi basweleka ngeli xesha lolwaluko. Ukusabela banzi ngoku, emnxebeni sinaye othethela uphathiswa kwisebe lemicimbi yemveli ephondweni, uPheelo Oliphant…...more5minPlay
December 04, 202404 12 2024 NOMONDE Ijelo losasazo iSABC eMpuma Koloni livakalise amazwi ovelwano kusapho lomsasazi ongasekhoyo woMhlobo Wenene FM nomabona kude, uNomonde Vakalisa. UVakalisa uswelekele esibhedlele ngentseni yanamhlanje, emva kokuba ekhe wagula ixesha elide. Ebesaziwa kakhulu ngeenkqubo azibhexeshileyo eziliqela zenkolo kwisikhululo sikanomathotholo. USisipho Ngcumbe uyabalisa... ...more4minPlay
December 03, 202430 MINUTES LIVE - EX-MINERS CLAIMSIngxowamali ebizwa iTshiamiso Trust, ibongoza bonke ababesakusebenza kwimigodi yegolide kweli loMzantsi Afrika, okanye iintsapho zabo, ingakumbi abo bathi bachatshazelwa sisifo isilicosis okanye isifo sephepha (TB) ukuba beze ngaphambili, ngelokujonga ukuba baselungelweni lokuxhamla kusini na kule ngxowamali. Iphondo iMpuma Koloni lelona kugxilwe kakhulu kulo. Ukusabela banzi ngalo mba, u-Ayabonga Kekana ubambe umanejala wezonxibelelwano kwi Tshiamiso Trust, uLusanda Jiya....more7minPlay
December 01, 202401 12 2024 NEWS REVIEW-WORLD AIDS DAYNamhlanje usuku lokuqala kwinyanga yoMnga ihlabathi jikelele liqaphela usuku lwesifo sikagawulayo ngesimemelelo sokuba kubekho umanyano ekulweni intsholongwana kagawulayo. Umxholo wesizwe wulo nyaka othi "Equal Rights, Equal Care" uhlaba ikhwelo kwiinkokheli nabemi beli lizwe ukuba bakubeke phambili ukubaluleka kwamalungelo kwezempilo ngokuqubisana nokungalingani nto leyo ibangela ukuba kungabikho nkqubela kumlo nesifo sikagawulayo. Babetha kwizigidi ezisibhozo abantu abaphila nentsholongwane kagawulayo kweli kwaye kwelinani bangaphezulwana kwezigidi ezintandathu abantu abafumana amachiza okunyaa le ntsholongwane. Ukanti iingcali zithi emva kweminyaka yokufundisa nokwazisa ngesi sifo basebaninzi abantu eMzantsi Afrika abangayiyo ukufumana uncedo okanye ukuya kufumanisa ukuba banayo kusini le ntsholongwane. Ukungena nzulu kwincoko yethu namhlanje sinaye emnxebeni umcebisi ngezamalungelo oluntu kumbutho i South African National Aids Council (SANAC) u Pholo Ramothwala, kwakunye nosihlalo kuzwelonke wombutho i Treatment Action Campaign uSibongile Tshabalala......more52minPlay
November 30, 202430 11 2024 BOOK REVIEWIncwadi esihloko sithi 'I Survived it all: A story of forced marriage, domestic abuse and resilience', yincwadi ebalisa ibali lombhali ukususela ebuntwaneni bakhe ukuya kwixesha lokuthatha kwakhe umhlala phantsi. Kule ncwadi umbhali noyintombi yalowo wayesakuba ngumongameli wephandle iTranskei, uKaizer Daliwonga Matanzima ongasekhoyo, uqubisana nohambo lwakhe lwamahla-ndinyuka neenzingo agagene nazo ebomini noxa nje ezelelwe kusapho olufumileyo. Uqubisana kule ncwadi nemixholo eyahlukileyo, phakathi kwayo kukho iimeko zokuhlala, ezenkcubeko, upolitiko kwakunye nezembali. Ukuva banzi ngale ncwadi, emnxebeni ngoku sinaye umbhali u Xoliswa Matanzima-Jozana......more6minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 772 episodes available.