Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 697 episodes available.
October 23, 202423 10 2024 EC RAINAbahlali bomasipala ombaxa, iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, bathi ukungakhathalelwa kweenkqubo zogutyulo kusisizathu seempuphuma eziye zagubungela eminye imimandla. Abahlali baseMissionvale eGqeberha bathi baye banyanzeleka ukuba bazame ukuzivula ngokwabo iinkqubo zogutyulo izolo. Oku kwenzeka nanjengoko ingamakhulu eentsapho kwisixeko jikelele ashiyeke edinga, kwabhubha abantu abathathu ngenxa yezikhukhula. Emnxebeni sinaye othethela isebe lorhulumento ngentsebenziswano ephondweni, uPheello Oliphant…...more8minPlay
October 22, 202422 10 2024 EC RAIN EDUCIsebe lemfundo kwi Mpuma Koloni libongoza abafundi , iititshala nabazali kwiphondo ukuba balumke nanjengoko kusina imvula emandla kwiphondo, kwaye kulindelwe ukuba iqhube yonke le veki. Isebe likungqinile ukunqunyanyiswa kokubhalwa kwephepha leComputer Assistant Technology, labafundi bebanga leMatriki kwingingqi yaseKariega kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay. Ukuva banzi ngoku, emnxebeni sinaye osisithethi sesebe uVuyiseka Mboxela......more8minPlay
October 22, 202422 10 2024 EC RAIN Bangaphaya kwamakhulu amabini abantu abafudusiweyo emakhayeni abo kuMasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, ngenxa yezantyala-ntyala ezibangelwe yimvula ene phezolo nesagalelayo kungoku nje. Abantu bafuduswe ngale ntsasa kwaye bagcinwe kwii holo zoluntu. Le dolophu ibisando kujongana nezikhukhula ngoJune kulo nyaka, ukuva banzi sinayo emnxebeni intatheli yethu uSinethemba Witi......more6minPlay
October 21, 2024TRUNEWS @6 - EC MATRICSYonke into ime ngendlela nanjengoko kuqale ukuhlalelwa kweemviwo zematriki, oku kuvakaliswe lisebe lezemfundo eMpuma Koloni. Ilungu lesigqeba solawulo esijongene nesebe lezemfundo, uFundile Gade, utyelele isikolo samabanga aphakamileyo iKwaMagxaki eGqeberha, ukuya kujongela ukulungela kokubhalwa kweemviwo. Eli phondo lijonge ukufumana umyinge wamashumi asibhozo anesihlanu ekhulwini (85 %) kwiziphumo zokuphela konyaka, nezakuba nguchatha womyinge wesine ekhulwini ( 4%) kwiziphumo zonyaka ophelileyo. UNandipha Plaatjie usenzele lengxelo...more4minPlay
October 21, 202421 10 2024 EC WEATHERAbenkonzo yemozulu bakhuphe isilumkiso seemvula ezimandla neempuphuma kumaphondo amathandathu, kuquka iphondo le Mpuma Koloni kule veki. Oomasipala abachaphazelekayo kweli phondo babandakanya umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay, iBuffalo City, iKouga, i Sundays River, iMakana, iNdlambe, iAmahlathi neNgqushwa. Ukanti iziko lolawulo leentlekele eMpuma Koloni lithi lilifunqule iqondo lokulungela nayiphi na imeko engathi ihle. Ukuva banzi ngamalungiselelo akhoyo ukukhawulelana nale mozulu, emnxebeni ngoku sinaye othethela isebe lorhulumente ngobambiswano eMpuma Koloni uPheelo Oliphant......more4minPlay
October 21, 202421 10 2024 EC EXAMSUMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa, uthumele umyalezo wenkuthazo kubafundi bebanga lika-Grade 12, nabaqalisa ukubhala iimviwo zokuphela konyaka namhlanje. Kulo unyaka ngabafundi abangaphaya kwe-eight hundred thousand abazakuchophela iimviwo kweli. Kanti babalelwa ku-sixteen thousand abafundi abakwizikolo zabucala abazakuchophela iimviwo ze -IEB. Masijonge ukuba apha eMpuma Koloni ukusu lokuqala kwimviwo luqhuba/e njani na, ingakumbi nesimo sezulu singesihlanga? Emnxebeni sinaye othethela isebe lezemfundo ephonweni, uMalibongwe Mtima…...more7minPlay
October 20, 2024NEWS REVIEW - MENTAL WORKPLACENanjengoko le nyanga iyinyanga enika ingqwalasela kwimpilo ngokwasengqondweni, iMental Health Awareness Month ngolwasemzini, kuNews Review namhlanje u-Ayabonga Kekana ubambe ingxoxo ngempilo yabasebenzi ngokwasengqondweni kwiindawo zengqesho....more46minPlay
October 19, 2024INTERCHANGE - BREAST CANCERInyanga yeDwara ibekelwe bucalwa ukuphawula isifo somhlaza webele. Ukanti esi sifo, nesisesinye sezifo ezigqamileyo kweli loMzantsi Afrika, sifumaneka kakhulu kumanina aphantsi kweminyaka engamashumi amane ubudala. Owayesakuba yintatheli nokwicandelo lezonxibelelwano kurhulumente, uNoxolo Makoba-Somdaka, wazifumana enesifo somhlaza webele kunyaka ophelileyo, kwaye unomyalezo othi likhona ithemba, kwaye kuyaphileka xa esi sifo sifunyenwe kwangexesha. Ukuncokola banzi ngalo mba, uMkhokeli Bandla uncokola naye uNoxolo Makoba-Somdaka......more6minPlay
October 19, 2024INTERCHANGE - EFFUkuhamba kuka Floyd Shivambu kubangele iingxaki nemingeni kumbutho we-Economic Freedom Fighters. Ngokokutsho kwabakhi-mkhanya kwezopolitiko, ukushiya lombutho kwalowo ebengusekela mongameli kwi-EFF, kuveze iintanda embuthweni ze kwanika amalungu ombutho ithuba lokuba aphinde aqwalasele ukuba asafuna ukuqhubeka nalo mbutho kusini na. Oku kuza nanjengoko obelilungu lepalamente le-EFF uFana Mokoena kunye noBusisiwe Mkhwebane, bebhengeze ukulahla kwabo kulo mbutho kwisithuba kungaphelanga nosuku phakathi kwabo. Kwingxelo ka Zara Groenewald, masive ngokunabileyo kuMkhokheli Bandla... ...more2minPlay
October 18, 202418 10 2024 WHITE CANE LIVEUmbutho wabantu abangaboniyo eGqeberha ubhiyozela usuku olugqamisa ukusetyenziswa kweentonga ezincedisa abantu abangaboniyo. Kubanjwe imingcelele kwizwelonke nalapha eGqeberha. Oku kwenzelwa ukuphawula ukukwazi ukuzimela kwabantu abangaboniyo ngalenyanga ibekelwe bucala, yabantu abangaboniyo. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sinaye omnye wabaququzeleli balomngcelele u Yonela Hofu.......more7minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 697 episodes available.