Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 772 episodes available.
January 13, 202530 MINUTES LIVE - MATRICSIphondo iMpuma Koloni liye labonisa ukukhula okuzinzileyo ngokubhekiselele kwiqondo lempumelelo kwibanga lematriki kule minyaka idlulileyo, nalapho kunyaka ka-2023 eli phondo laye laphumelela ngomyinge we 81.4%. Oku kwaalibeka eli phondo kwindawo yesithandathu kwisizwe siphela. Ukanti ngomso kulindeleke ukuba kukhutshwe iziphumo zematriki zika 2024 ngokusesikweni. Ukuva okulindelekileyo, emnxebeni uYolanda Kambile uncokole nesithethi seSebe lezemfundo eMpuma Koloni, uMalibongwe Mtima......more10minPlay
January 12, 202512 01 2025 NEWS REVIEW JAN 8Iqela i ANC kufuneka lizihlaziye lona ngokunokwalo ngaphakathi okanye lijongane nomngcipheko wokutshabalala. La ngamazwi omongameli weli qela uCyril Ramaphosa xeshikweni ewisa intetho yekomiti yesigqeba esiphezulu - i January 8 statement kumabala i Mandela Park eKhayelitsha eKapa izolo. Lo msitho nobanjwa rhoqo ngonyaka, uza kanye xa eli qela liphulukene neevoti kunyulo jikelele lwanyakenye okokuqala kwiminyaka engamashumi amathathu. Ukanti uRamaphosa ukholelwa ukuba i ANC ingazibuyisa ezi voti ngokuthi izibhence kwakunye nomanyano. Uvule intetho yakhe ngokukhwel'ezehlela kwiqela i Democratic Alliance nelilihlakani layo kurhulumente wobumbano lwesizwe nelilawulayo kwiphondo leNtshona Koloni, esithi abantu baseNtshona Koloni bayaqhubeka nokujongana nentswela ngqesho, intlupheko nokungalingani, miba leyo iqandusela ulwaphulo mthetho, udushe, impatho mbi yamanina, ukusetyenziswa kweziyobisi ngokugqithisileyo neminye imiba. Ukungena nzulu kule ntetho yomongameli we ANC uCyril Ramaphosa, emnxebeni ngoku sinalo ilungu lesigqeba esiphezulu kwi ANC uStella Ndabeni Abrahams ngokunjalo nomhlalutyi wezopolitiko uGqirha Nkosikhulule Nyembezi......more49minPlay
January 08, 202508 01 2025 INFANT ABANDONIsebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni livakalise inkxalabo ngokwenyuka kwenani lokulahlwa kweemveku kweli phondo. Susela ngoMarch wonyaka ophelileyo, phantse ibe ngabantwana abangamashumi amane abathe balahlwa, nalapho kwisiganeko sakutsha nje, kuqukwa umntwana oneveki ezelwe nofunyenwe efakwe eplastikhini kwibhulorho yaseMdantsane ngaphandle kwaseMonti. Ngoko mthetho, ukulahla umntwana lulwaphulo mthetho, kwaye ubani angabekwa ityala atshutshiswe. Kodwa ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sibambe isithethi sesebe lophuhliso loluntu, uMpumzi Zuzile......more8minPlay
January 08, 2025Liberation movement analysisOwona mbutho mdala wezopolitiko e-Afrika owawusilwa nenkqubo yengcinezelo nobuKoloniyali, i-ANC, namhlanje ugqiba iminyaka eyi-113, wasekwayo. Lo mbutho wasekwa ngonyaka ka-1912 eBloemfontein. Ngo-1994 wabaselulawuleni okokuqala phantsi kwenkqubo yeDemokhrasi ngokukhokhelwa ngu Bawo uNelson Mandela. Kunyulo lonyaka odlulileyo i-ANC iphulukene nolawulo okokuqala kwiminyaka engamashumi amabini anethoba ulawula wodwa kuzwelonke nakumaphondo. Kwakule minyaka, lo mbutho ubenemingeni eli qela ebangele iintanda kuwo nokuba uphulukane nenkxaso. Izityholo zorhwaphilizo, ubunkokheli obuhexayo, iintanda phakathi embuthweni zezinye izinto ezichaphazele lo mbutho. UAyabonga Kekana uncokole Gqirha Nkosikhulule Nyembez, ngembali nekamva le-ANC kwezopolitiko. ...more9minPlay
January 07, 2025ANC January 8thUnobhala jikelele we-ANC uFikile Mbalula, uthi lo mbutho uzakuthatha amanyathelo ngakumalungu angaziphathi kakuhle. Uthethe neentatheli kwibala iNelson Mandela Park eKhayelitsha eKapa, nalapho lo mbutho uzakubambela umsitho wawo weJanuary 8th Statement. UMbalula uthi iANC iqinisekile ukuba izakuligcwalisa eli bala. Nangona kunjalo, amalungu alo mbutho afana noTony Yengeni ebesoloko eligxeka eli bala esithi ukusetyenziswa kwalo kubonisa ukuba akulindelwanga bantu baninzi. UMbalula uthi uTony Yengeni kwakunye no Obed Bapela, bazakubizelwa kwinkqubo yoluleko nanjengoko ebatyhola ngokurhuqela igama lombutho eludakeni. UAyabonga Kekana unodliwano ndlebe nomhlalutyi wezopolitiko uNjingalwazi uNtsikelelo Breakfast…...more11minPlay
January 05, 202505 01 2025 NEWS REVIEWNanjengoko sele lisemnyango ixesha lokuvulwa kwezikolo kunyaka u 2025, isebe lezemfundo esisiseko kwiphondo leMpuma Koloni kulindeleke ukuba liqhube umsebenzi wokuphendla ukukulungela kwezikolo ukufunda nokufundisa, nalapho ngokwesiqhelo lisithi ekuqaleni konyaka ngamnye linikezele inkxaso edingwa zizikolo, liqaphela nemingeni engathi ibenefuthe elibi kwinkqubo yokufunda nokufundisa. Ukanti mkhulu umqela osele uhanjiwe eminyakeni ukuqinisekisa ukuba zonke izikolo zikulungele ukufunda nokufundisa zisuka nje ngosuku lokuqala zivulwa izikolo. Ukanti ke akubi njalo kuzo zonke izikolo ingakumbi ezo zisemaphandleni nasezilokishini ngenxa yeengxaki ezahlukileyo nesizakuthi sizishukuxe kule nkqubo. Ukusincedisa ukuxovula ukulungela kokuvulwa kwezikolo ephondweni-emnxebeni ngoku sinaye usekela mlawuli ekwangumanejala weenkqubo zezikolo kwiphondo leMpuma Koloni u Thembani Mtyida.......more49minPlay
January 04, 202504 01 2025 CONTRACTSUmbutho woluntu, iSave South Africa, kwakunye ne-COSATU, bakugxekile ukupheliswa kwezivumelwano zengqesho zexeshana zabo benza umsebenzi woluntu ekuhlaleni, iicommunity workers ngolwasemzini. Oku kuza ngexesha apho iSebe lolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli libhengeze ukuba liza kuziphelisa izivumelwano zengqesho zabasebenza kule nkqubo, abaneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu nangaphezulu, ekupheleni kwale nyanga. I-Save South Africa ithi inoloyiko lokuba eli nyathelo lakwandisa iqondo esele lixhomile kade lentswelangqesho kweli lizwe. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguNothando Magudulela......more3minPlay
January 03, 202503 01 2025 RMTC ACCIIqumrhu i-Road Traffic Management Corporation liphakamisa ukuba sibeqatha isohlwayo sabo bophula umthetho kwiindlela zeli. I-RTMC iphakamisa ukuba ulwaphulo-mthetho olwenziwa kwiindlela zeli, malufakwe kwinqanaba lolwaphulo-mthetho luka-Schedule 5, noluquka amatyala afana nokubulala, ukuzama-ukubulala, ukuphanga nobuqhophololo. Emnxebeni sinaye othethela iRoad Traffic Management Corporation, uSimon Zwane…...more6minPlay
January 02, 202502 01 2025 POLITICS 2025Kunyaka ophelileyo kwezopolitiko kweli loMzantsi Afrika, sibone kubanjwa unyulo nolukhokelele kurhulumente wentsebenziswano iGNU. Sabona amalungu aphambili kumbutho weEFF, elishiya elaqela esiya kumbutho weMK Party. Sithe masikrwece intatheli yethu yezopolitiko uNtebo Mokobo......more9minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 772 episodes available.