Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 772 episodes available.
February 06, 2025SONA PREVIEWUhlumo loqoqosho nokudalwa kwemisebenzi yeminye yemiba ephambili ekulindeleke ukuba umongameli Cyril Ramaphosa athethe ngayo kwintetho yakhe engobume besizwe namhlanje. URamaphosa uzakusebenzisa eli thuba ukudakanca izinto azakugxila kuzo urhulumente, izicwangciso zonyaka nokuchaza ngezinto ezenziwe ngurhulumente kunyaka ophelileyo nakwiminyaka egqithileyo. Ngethuba kuvulwa ipalamente kunyaka ophelileyo, emva kokusekwa korhulumente wobumbano, uphuhliso loqoqosho, ukuphuculwa kweziseko nokuqubisana noomasipala abangaqhubi kakuhle, zezinye zezinto ezazihamba phambili kwintetho kaRamaphosa. UAyabonga Kekana uncokole nomhlalutyi wezopolitiko uGqirha Nkosikhulule Nyembezi…...more12minPlay
February 05, 2025ROBOTICS-DBE launches two new labs in Motherwell, Gqeberha.Usekela-mphathiswa wemfundo esisiseko, uGqirha Regina Mhaule, ukugxininisisile ukuzibophelela kukarhulumente ekuxhobiseni abafundi kwizikolo zikarhulumente ngezakhono ezidingekayo, ezizakwenza ukuba kubelula ukungena kwizithuba zengqesho. UMhaule ebethetha kumsitho wokuphehlelelwa kwee-labhoratri ezimbini zezifundo ze-robotics kwizikolo zamabanga aphakamileyo ezimbini eziqhube kakuhle kakhulu kwiphondo iMpuma Koloni. Ezi zikolo, iSoqhayisa kwakunye neCingani eMotherwell eGqeberha, zingabaxhamli botyalomali oluxabisa izigidi zeerandi olwenziwe ngabathathi-nxaxheba babucala. USisipho Ngcumbe usiqulunqele le ngxelo......more3minPlay
February 05, 2025Eastern Cape Health Department marks Pregnancy Awareness WeekIsebe lezempilo eMpuma Koloni liphawula iveki yokwazisa uluntu ngokukhulelwa kwabantwana nanjengoko liqhubeka lisanda inani labantwana abakhulelwayo kweliphondo. Yilonto ke kwinkqubo ndaba yethu sithe masikrwece ogumlawuli kwingingqi i Sarah Baartman apha kwisebe lezempilo ugqirha Bulelwa Mzileni.......more10minPlay
February 04, 2025TRUNEWS @6 MASHATILEUsekela-mongameli uPaul Mashatile, uqinisekise uluntu loMzantsi Afrika ngokuqulathwe kumthetho ongqamene nokoxuthwa komhlaba kubaniniwo, khon' ukuze usetyenziswe ngumbuso, iLand Expropriation Act ngolwasemzini. UMashatile ebethetha kwindibano yesigqeba solawulo kumbutho woomasipala kweli, iSALGA, eKapa kwiNtshona Koloni namhlanje. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe ngu Zara Groenewald......more3minPlay
February 04, 2025SEX OFFENDERS LIST MADE PUBLICUmphathiswa wesebe lezobulungisa nophuhliso lomgaqo siseko, uMmamoloko Kubayi, ubhengeze ukuba abemi boMzantsi Afrika bazakukwazi ukubona uluhlu lwabantu abaxhaphaza ngokwesondo nabo bempatho mbi esekelezelwe kwisini. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kumbutho olwela amalungelo wabantwana kweli u Shaheeda Omar....more7minPlay
February 03, 2025DRC vs RSAUnpacking DRC conflict with Public and international affairs researcher Advocate Sipho Mantula and political analyst, Dr Mkhuseli. ...more45minPlay
February 03, 202503 02 2025 TRUMP ANALYSISUMongameli waseMelika uDonald Trump, utyhola iinkokheli zo Mzantsi Afrika ngokwenza ububi obufana nokupasisa imigaqo -nkqubo yokuthathwa komhlaba ngaphandle kwembuyekezo. UTrump ugrogrise ngokuyeka ukuxhasa ngemali eli lizwe. Oku ukubhale kwikhasi lonxibelelwano etyhola uMzantsi Afrika ngokoxutha umhlaba watsho esithi elilizwe liziphethe kakubi ezinye iintlanga kweli. Emnxebeni sinaye umhlalutyi wezopolitiko Nkosinathi Breakfast.....more7minPlay
January 30, 2025HEALTH FACILITY CABLE THEFTKuchaphazeleke amaziko amathandathu ezempilo eKariega ngenxa yokubiwa kweentambo zombane, ntoleyo echaphazele iinkonzo ezisiwa eluntwini. Ezintambo zombane zibiwe ngoLwesibini. Izigulane kuye kwafuneka zithunyelwe kwamanye amaziko ezempilo ngelithuba bekusetyenziswa ijenareyitha. Ukanti abarhanelwa ngokwenza oku bafumane umonzakalo wokutsha. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nomlawuli wezonxibelelwano kwisebe lezempilo uSiyanda Manana....more8minPlay
January 27, 2025RULING ON THE SOCIAL RELIEF GRANT INkundla ePhakamileyo yasePitoli igwebe ukuba eminye yemigaqonkqubo enxulumene nesibonelelo sikarhulumente sabo bangaphangeliyo ayikho mthethweni. Le nkundla igwebe kwelokuba i-Arhente yezibonelelo zikaRhulumente iSASSA, mayilungise le miqathango nethintela izigidi zabaxhamli besi sibonelelo ukuba basifumane. Eminye yemiqathango yile yokuba abaxhamli abafumana imali nakwizihlobo baye bakhatywe yile nkqubo. UAyabonga Kekana uncokola nophuma kwi Institute for Economic Justice uSiyanda Baduza, nalapho simbuze ngokuba inkundla igwebe ngelithini ngokwale miqathango... ...more7minPlay
January 24, 2025JUDGES CODE OF CONDUCTInkqubo yophando ngakwizityholo zesincwaso ezityatyekwa ijaji eyongameleyo eMpuma Koloni, uSelby Mbenenge, iphinde yavuselela iingxoxo ngendlela yokuziphatha kweejaji emsebenzini kwakunye nobudlelane nabasebenzi. Kukho imibuzo yokuba ingaba zivumelekile ukuba zibe nobudlelane obungaphandle komsebenzi kusini na. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwiJudges Matter, uMbekezeli Benjamin....more9minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 772 episodes available.