Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 771 episodes available.
February 19, 2025TRUNEWS @6 - MK Party reacts to the postponement of the Budget SpeechUmbutho ophikisayo nongowesithathu ngobukhulu kwipalamente yeloMzantsi Afrika, uMkhonto Wesizwe Party, uphefumle ngokumiswa kwentetho yohlalo lwabiwo-mali ebekufanele ukuba yenziwe namhlanje. U-Amanda Xhala ubambe emnxebeni umbhexeshi oyintloko yalo mbutho, uMzwanele Manyi......more4minPlay
February 19, 2025TRUNEWS @6 - We analyse VAT increase implications on ordinary South AfricansInqunyanyiselwe umhla weshumi elinesibini kwinyanga ezayo intetho yohlahlo-lwabiwomali yomphathiswa wemicimbi yezemali, u-Enoch Godongwana. Oku kulandela ukumiswa kwale ntetho namhlanje, kulandela ukungavisisani kwimibutho engoogxa kurhulumente wobumbano, iGNU, ngomba wokwenyuswa kwerhafu yentengo iVAT, ngomyinge wesibini ekhulwini. Ukusicacisela banzi ngokuba iVAT lena yintoni na, u-Amanda Xhala ubambe emnxebeni umhlalutyi wezoqoqosho, uNjingalwazi Bonke Dumisa......more9minPlay
February 19, 2025Economic expectations ahead of budget speechNanjengoko kulindeleke ukuba uMphathiswa uGodongwana emva kwemini athi thaca uhlahlo lwabiwo-mali lonyaka mali ka-2025/26, kulindeleke aze namaqhinga okucutha ityala likaRhulumente, nawenkcitho karhulumente engazokutyabula abarhafi beli, nezicwangciso zikaRhulumente zokukhulisa uqoqosho kudalwe nemisebenzi phakathi kwezinye izinto. U Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe noyingcali kwimiba yezoqoqosho norhulumento, nosuka kwiDyunivesithi iWits, uGqirha Asanda Fotoyi...more30minPlay
February 18, 2025EC Government student historical debt reliefURhulumente wephondo iMpuma Koloni ngokusebenzisana necandelo labucala, baphehlelele iphulo lokuncedisa ukuhlawulela abafundi ityala abanalo kumaziko emfundo ephakamileyo. Imali ebekelwe bucala ukucima la matyala ibalelwa kwi-70 million rands, kwaye abo bazakuxhamla kuyo ngabo bagqibe izifundo zabo nto nje abakwazi ukufumana iziqinisekiso zabo zemfundo kuba betyala amaziko ebebefunda kuwo. Masincokole ngokubanzi ngoku nothethela uRhulumente wephondo, uKhuselwa Rantjie…...more9minPlay
February 17, 2025National Minimum Wage adjustmentAbaqeshi jikelele kweli lizwe bayabongozwa ukuba baziqhelanise nemiqathango emayela nowona mvuzo mncinci wamkelekileyo, ukuze baqinisekisa ukuba bayayithobela. Oku kusemva kokuba urhulumente ebhengeze ukuba owona mvuzo mncinci wamkelekileyo kweli lizwe, i-minimum wage, uzakonyuswa ngo-4-point-4 percent ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo. Oko kuthetha ukuba owona mvuzo uphantsi ngoku izakuba yi-28 rands 79-cents ngeyure ukusuka kwi 27-rands 58-cents. Masifumane ilizwi elisuka kumfela-ndawonye wemibutho yabasebenzi, iCOSATU, emnxebeni sinaso isithethi salo mbutho uZanele Sabela…...more9minPlay
February 16, 2025NEWS REVIEW - HIV prevalence in South Africa and the impact of non-funding by the US government on eradicating this diseaseIlizwe loMzantsi Afrika linelona nani liphezulu kwihlabathi labantu abaphila nentsholongwane kagawulayo, nalapho kuqikelelwa ukuba bakwisibhozo sezigidi (8 million) abantu kweli lizwe abaphila nale ntsholongwane. Kutshanje, umongameli waseMelika, uDonald Trump, ubhengeze ezokuba uyasinqumamisa isicwangciso sesibonelelo sexesha elingxamisekileyo somongameli wela lizwe esenzelwe ukujongana nesifo ugawulayo, iPEPFAR ngamafuphi. Le nkqubo izixhamlisa kakhulu iinkqubo zikagawulayo zeloMzantsi Afrika, kuquka amachiza ee-ARVs. Sithethanje, baqikelelwa kwishumi elinesihlanu lamawaka (15 000) abasebenzi kwimibutho engekho phantsi korhulumente, nesebenza ngabantu abaphila nentsholongwane kagawulayo, abachaphazelekileyo sesi sigqibo sikaTrump. Ukuxoxa banzi ngalo mba, uYolanda Kambile emnxebeni ubambe umlawuli kwicandelo elijongene nonyango nokhathalelo lwabo baphila nentsholongwane kagawulayo kwiSebe lezempilo kuzwelonke, uGqirha Musa Manganye, kwakunye nothethela umbutho iTreatment Action Campaing, iTAC ngamafuphi, uSibongile Tshabalala......more50minPlay
February 15, 2025INTERCHANGE - Promotion of literacy and storytelling in home languagesNjengelinge lokuphakamisa ukukwazi ukufunda nokubalisa amabali ngeelwimi zeenkobe, iSebe lemfundo esisiseko, ngokubambisana neNational Education Collaboration Trust kwakunye ne Nal'ibali Trust, babeke le nyanga bucala ukukhuthaza ukufunda, ufundela ngaphandle, iRead Aloud Month ngolwasemzini. Oku ziinzame zokwenza ukuba abantu bakwazi ukufikelela kumabali abaliswa kusetyenziswa iilwimi zenkobe. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umanejala wezonxibelelwano kwiNal'ibali Trust, uSuri Tsholetsane...more6minPlay
February 14, 2025STI/Condom WeekUkusukela izolo, kubhiyozelwa iveki ejongene nezifo ezosulela ngokwabelana ngesondo, iSTI/Condom Week, nezakuqhuba de kube ngomhla wamashumi amabini ananye kule nyanga. Umbutho wezempilo kuzwelonke, iWHO, uthi lixesha lokuba kuphinde kuthetha-thethwane kufundiswe ngokubaluleka kwe condom. Ku 30 MinutesLive namhlanje u Amanda Xhala wenze udliwano ndlebe nophuma kwisebe lempilo kuzwelonke u Regina Maithusi......more9minPlay
February 13, 2025TRUNEWS @6 BLIND RADIO DAYIhlabathi namhlanje libhiyozela usuku lokunika ingqwalasela kusasazo lukanomathotholo, iWorld Radio Day. Olu suku kulo nyaka lubhiyozelwa phantsi komxholo othi: Radio and Climate Change, ngeenzame zokuqwalasela indima kanomathotholo ekufundiseni ngengxaki yokuguquguquka kobume bezulu. Abantu abaziimfama nabo baxhomekeke kakhulu ukufumana ulwazi ngokwenzeka kwiindawo zabo, nakwihlabathi jikelele. Emnxebeni uVuyolwethu Mabeqa uthetha noyingqonyela yeNational Council for the Blind, uLouis Nzimande......more9minPlay
February 13, 2025ALTERNATIVE PROPOSAL TO NHIIndibanisela yemibutho yezempilo neyaziwa njenge Universal Healthcare Access Coalition, ithe thaca isiphakamiso sayo ethi sesona sichanekileyo esizakufezekisa iinjongo zokuba wonke ubani akwazi ukufumana iinkonzo zonyango ezisemgangathweni, ngokulinganayo nangokufikelelekayo eMzantsi Afrika, endaweni yeInshorensi yezempilo kuzwelonke i-NHI. Le ndibanisela ibandakanya imibutho yezonyango, izigulana, imibutho engenanto yakwenza norhulumente phakathi kweminye, ithi iziphakamiso eza nazo zisekelwe kubungqina obubambekayo, zizakubanakho ukusebenza ngoko nangoko kwaye zizakusebenza ngemali eyabelwe yona kungekho mfuneko yokunyusa irhafu kubemi beli. Ukusabela banzi ngesi siphakamiso, emnxebeni ngoku sinalo ilungu lekomiti eququzelela lendibanisela yemibutho ekwangusihlalo wombutho wezonyango woMzantsi Afrika, i SAMA uGqirha Mvuyisi Mzukwa......more9minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 771 episodes available.