Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 928 episodes available.
June 26, 2025Three years after Enyobeni tragedy and underage drinkingNjengokuba namhlanje siphawula unyaka wesithathu susela ukuba kwabhubha abantwana kwindawo yentselo yase Scenery Park eMonti ebizwa Enyobeni, sithe makhe sibeke isithatha ekuseleni utywala kwabantwana abangaphantsi kweminyaka ekwilungelo lokusela utywala. Kukhe kwakho iingxoxo mpikiswano ngokuba ngubani onelungelo lokuthintela okanye ukudlala indima ekuqinisekiseni ukuba abantwana bayathintelwa ekuseleni okanye ekuzibandakanyeni kwiindibano ezinotywala neziyobisi. Bangamashumi mabini ananye abantwana ababhubha Enyobeni, kwaye kuleveki sikuyo ibhodi elawula ukusetyenziswa kotywala eMpuma Kolini izakubamba ingqungquthela echashene nokuselwa kotywala ngabantwana. Yilento ke sithe masikrwece othethela lebhodi ugqirha Mgwebi Msiya...... ...more6minPlay
June 25, 2025TRUNEWS @6 - SAIMIUmhla wamashumi amabini anesihlanu kweyeSilimela lusuku olubizwa iInternational Day of Seafarers, nalapho kuye kunikwe ingqwalasela negalelo abanalo abo basebenza elwandle kuqoqosho lwehlabathi nakuluntu ngokubanzi. EMzantsi Afrika, amazibulo, imizila yokuloba, neenqanawa zokuloba, ziqhuba zisebenza ngenxa yabasebenzi baselwandle ababalelwa kwishumi lamawaka. Kuninzi lwaba basebenzi, ukhuseleko emsebenzini ludlulela ngaphaya kokunxiba izambatho zokuzikhusela, ukuya kwilungelo lokusebenza ngokukhululekileyo, ungajamelananga noxhatshazo ngokwasemsebenzini. Kumsitho obusindlekwe liziko iSouth African International Maritime Institute eGqeberha, amazwi aphuma kurhulumente nakwicandelo lezaselwandle, amemelele ukukhathalelwa kwempilo yabasebenzi baselwandle, phantsi komxholo othi, "Harassment-Free Ship". UNtombozuko Balintulo ebelapho, waza wasiqulunqela le ngxelo......more3minPlay
June 25, 2025SCHOOL VIOLENCEIzolo umphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu nomphathiswa wemfundo esisiseko uSiviwe Gwarube batyikitye isibhambathiso seminyaka emihlanu sokumiliselwa kwemigaqo yokhuseleko ezikolweni nesaziwa njenge "School Safety Protocol". Iinjongo zale migaqo kukuqubisana neziganeko zodushe nolwaphulo mthetho kuquka neengxelo zakutsha nje zeenkcukacha manani zokubulawa kwabantu abathandathu, neziganeko zodlwengulo ezingamashumi asibhozo ngaphakathi kwamasango ezikolo zoMzantsi Afrika. Ukanti umphathiswa wamapolisa ubalule izikolo ezikumaphondo aKwaZulu/Natal, eMpuma Koloni, eGauteng nase Ntshona Koloni njengezona ezineqondo eliphezulu lolwaphulo mthetho. Ukuva banzi ngokuqulethwe kwesi sibhambathiso, emnxebeni sinaso isithethi sesebe lemfundo esisiseko uElijah Mhlanga......more10minPlay
June 24, 2025Updates on Mthatha shootings and Flood updatesLisaqhuba iphulo lohlangulo nokucoca kwingingqi yaseMthatha emva kwezikhukhula ezisube ubomi babantu abalikhulu.SiseseMthatha njalo ngokuhlwa kwaphezolo kudutyulwe kwabulawa abantu abathandathu ngamapolisa kuhola wendlela u R61 phakathi koMthatha ne Ngcobo. Kuvakala iingxelo zokuba ngethuba amapolisa emisa isithuthi abarhanelwa baye behlika bavuthulula iimbumbulu kumapolisa nathe aziphindezela. Ukuba sincokole banzi ngoku emnxebeni sinayo intatheli yethu eseMthatha u Nomzwanele Mngoma.......more8minPlay
June 23, 2025Labour Minister brings services to flood victims in MthathaUmphathiswa wezemisebenzi nengqesho uNomakhosazana Meth ukhokhela isebe lakhe ukuya kunikezela isiqabu kumaxhoba ezikhukhula kwindawo yase Mthatha. Eli sebe lizakuphinda lise neenkonzo kumaxhoba ezinjengokubhalisela iUIF abo bafuna imisebenzi kwinkqubo yezengqesho yeli. Ukusabela banzi ngolu tyalelo emnxebeni ngoku sinaye u......more3minPlay
June 22, 2025NEWS REVIEW - EC Winter Initiation SeasonSele eqalile amakhwenkwe ukuya esuthwini kwimimandla eyahlukileyo yephondo iMpuma Koloni. Unyaka nonyaka, abo bakhokelayo kwisiko lolwaluko balungisa kangangoko, ngelokuqinisekisa ukuba eli siko lihamba ngendlela kwaye amakhwenkwe aya ephila esikweni, abuye esaphila. Noko kunjalo, nangona zikhona ezi nzame, amakhwenkwe asaqhuba ephulukana nobomi okanye nobudoda bawo ngenxa yokuba enomnqweno wokuba ngamadoda. Kwinkqubo-ndaba yakho namhlanje sithe makhe sishukuxe lo mba, khe sijonge nokungenziwa ukulondoloza ubomi bamakhwenkwe eli lizwe, nalikamva leli. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uYolanda Kambile ubambe usihlalo wekomiti eququzelela ulwaluko kwiphondo iMpuma Koloni, uNkosi Gwazinamba Matanzima. Ukanti kamva sizakubanaye nomlawuli wombutho ojongene nokuqinisekisa ukuziphatha kwamakhwenkwe namadoda, iPhila Ndoda, uBishop Zolile Dayimani.......more51minPlay
June 21, 2025INTERCHANGE - Eight suspects arrested after two girls were murdered and set alight in KwanobuhleKubanjwe amadoda asibhozo naphakathi kweminyaka elishumi elinesithandathu, namashumi amabini anesixhenxe ubudala, KwaNobuhle eKariega, natyholwa ngokubulala amantombazana amabini. Ukubulawa ngokungenalusini kwala mantombaza kubangele uloyiko nomothuko kubahlali. Imizimba, oka-Ibanathi Peter, nokaSinothando Malinga, ifunyenwe kufutshane nehlathi. Kutyholwa ukuba badlwengulwe, ze batshiswa. Omnye kule mizimba utshe kwanzima ukufaniseka. Abahlali bathi ulwaphulo-mthetho kule ndawo luxhaphakile, kwaye bamemelela ubulungisa nokhuseleko emapoliseni. UAnda Nqonji usenzele le ngxelo......more4minPlay
June 20, 2025WSU senior official fatally shotAmapolisa aseMpuma Koloni aphanda ityala lokubulala kulandela ukudutyulwa kwegosa eliphezulu kwiziko lemfundo ephakamileyo iWalter Sisulu, ngaphandle kwekhampasi yeliziko iNelson Mandela Drive eMthatha izolo. Eli gosa kutyholwa ukuba lidutyulwe labulawa ngaphakathi kwisithuthi esimileyo ngaphandle kwale khampasi.Ukuva banzi, emnxebeni sinaye othethela amapolisa kweliphondo, uBrigadier Nobuntu Gantana....more3minPlay
June 19, 2025TRUNEWS @6 - Floyd Shivambu to lead a consultation process to check if there's a need to form a new political partyUFloyd Shivambu uthi uzakukhokela inkqubo yokubonisana noluntu ukukhangela ukuba sikhona kusini na isidingo sokuseka umbutho omtsha wezopolitiko. Okokuqala, lo obefudula engunobhala jikelele woMkhonto Wesizwe uthethe phandle malunga nezizathu zokugxothwa kwakhe, esithi kubangelwe yingxelo yobuntlola yobuxoki eyayisithi uceba ukubhukuqa inkokheli yalo mbutho, uJacob Zuma. Nakubeni nje etyhole ezinye iinkokheli ngorhwaphilizo, uyincome kakhulu inkokheli yalo mbutho, esithi ufunde lukhulu kuZuma kwiinyanga ezintandathu ngaphezulu kunyeminyaka elishumi awayichitha kwi-EFF. UShivambu ebethetha nabendaba ngekamva lakhe eRhawutini namhlanje. Ukuhlalutya banzi lo mba, uVuyolwethu Mabeqa emnxebeni ubambe umhlalutyi wezopolitiko, uHlumelo Xaba......more13minPlay
June 19, 2025Update on the memorial prayer of EC floodsNamhlanje lusuku olubekelwe bucala lokuzilela amaxhoba ezikhukhula eMpuma Koloni, nezihlasele kwiveki ephelileyo. Le nkqubo ibanjelwe eKing Sabatha Dalindyebo TVET College eMthatha. Ukuba sive ngezamva nje nesingakulindela kule nkqubo, emnxebeni sibambe intatheli yethu eseMthatha, uLerato Fekisi......more5minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 928 episodes available.