Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 771 episodes available.
February 27, 2025TRUNEWS @6 SOBUKWENanjengoko sele iyiminyaka engamashumi amane anesixhenxe walishiyayo eli uRobert Sobukwe, iDyunivesiti iNelson Mandela ihlabe ikhwelo lokuba iinkokheli zilandele ekhondweni lakhe, kwaye zibe lilizwi lenyaniso kwabo bahlelelekileyo, noninzi lwabo ingabantu abanyama. Unjingalwazi Simphiwe Sesanti uyibalule indima enkulu eyadlalwa nguSobukwe ekunikeni iPan Africanism ithuba, nto leyo eyavumela iinkokheli ezimnyama ukuba zikwazi ukuvakalisa ukuchasa kwazo urhulumente wocalucalulo. UNjingalwazi Sesanti ukutsho oku kwintetho yakhe kule Dyunivesiti, nesihloko sayo sithi " Re-imagining the legacy of Robert Sobukwe". UNtombozuko Balintulo ebelapho, waza wasiqulunqela le ngxelo......more3minPlay
February 27, 2025SASSA fraudsters and authenticity of SRD websitesKurhaneleka ukuba kukho iqela labantu abangabasebenzi kwiArhente yezibonelelo zikarhulumente uSASSA, neliqhuba izenzo zobuqhophololo kule arhente. Ingxelo ithi, umanejala ophezulu kwi ofisi ekwilokishi yase Zwide unqunyanyisiwe, emva kwezityholo zokuba akakhange alibeke emsebenzini iminyaka emibini. Ukanti amatyala abanye abasebenzi abarhanelwa ngezenzo zobuqhophololo adluliselwe kumaziko aphanda izenzo zolwaphulo mthetho, kule arhente iphantsi kophando. Kusenjalo, abakwa SASSA bakhuphe isilumkiso kwabo banqwenela ukufaka izicelo zesibonelelo sokufumana imali eyi 350 Rand ukuba basebenzise ii Websites ezifanelekileyo ukufaka izicelo, kuba kukho nezo zizezomgunyathi. Ukuva banzi ngale miba, emnxebeni ngoku sinaye umphathi ophezulu kwa SASSA u Bandile Maqethuka......more4minPlay
February 26, 2025TRUNEWS @6 - The implementation of funding model aimed at accommodating the "missing middle"Usihlalo wekomiti yemfundo ephakamileyo epalamente uTebogo Letsie, ukholelwa ukuba inkqubo yokuxhasa abafundi ngemali iyakuncedisa kakhulu ekuxhaseni abafundi abaziwa nge-missing middle. Aba bafundi bajamelene nomngeni omandla, nanjengoko bengakwazi ukufumana inkxaso kuNSFAS, ngenxa yemivuzo yabazali babo, kwelinye icala abazali abakwazi kuhlawula izifundo zabo zamaziko emfundo ephakamileyo. Ngethuba umongameli uCyril Ramaphosa ebesenza intetho yobume besizwe kwinyanga ephelileyo, uthe urhulumente uzakuxhasa abafundi abangamawaka alishumi kunyaka wokuqala, nosele uqalile. Le nkqubo yemali mboleko yokufunda iphantsi kuka-NSFAS. UVuyolwethu Mabeqa usenzela ingxelo kaBusi Bopela... ...more4minPlay
February 26, 2025Makhanda Municipality plans to bring changes Umasipala osezingxakini i Makana ulindeleke ukuba wenze iinguqu kulawulo, achaze namaphulo amatsha azakusombulula imingeni ejongene nalomasipala. Kweminye yalemingeni lunikezo lwamanzi kubahlali balomasipala nabasele beneeveki bengafumani manzi, ngenxa yokuba umasipala ebhenele ekunikezeni amanzi ngokomlinganiselo. Kwinkqubo ndaba yethu izolo sikhe sancokola nosodolophu walomasipala, sase senza idinga lokuba sincokole naye banzi namhlanje ukuyidakanca ngokubanzi lemiba. Ukuncokola banzi ke ngoku emnxebeni sinaye usodolophu waseMakana uYandiswa Varha.......more12minPlay
February 25, 2025Comission for Gender Equality report on EC schoolgirls pregnancyIkomishoni kamakulinganwe ngokwesini ikhuphe ingxelo yophando ediza ukuba izikolo ezithile zeMpuma Koloni, zinyanzelisa abafundi abangamantombazana ukuba bayeke esikolweni ngenxa yokuba bekhulelwe. Oku nakubeni umgaqo nkqubo kazwelonke wolawulo nokukhulelwa kwabafundi, uchaza ukuba akukho mthethweni ukuba banyanzeliswe ukuba bayeke isikolo abafundi abakhulelweyo. Lo mgaqo nkqubo uhambisa uthi, abafundi mabavunyelwe ukuba bahlale esikolweni ngexesha lokukhulelwa kwabo ze bavunyelwe nokubuyela esikolweni emva kokubeleka. Uphando lwale komishoni lunikezelwe kwikomiti yepalamente ejongene nemiba yamanina, ulutsha nabantu abaphila nokukhubazeka. Emnxebeni ngoku sinalo igosa lezomthetho kwiKomishoni kamakulinganwe ngokwesini eMpuma Koloni uNoma-Afrika Wakashe, ukusabela kwelabo icala ngalomba......more10minPlay
February 24, 2025HAND,FOOT AND MOUTH DESEASEZilishumi iziganeko zesifo sochwane kwizandla, iinyawo, nenyebethu, ezingqiniweyo eMonti eMpuma Koloni uzakuthi ga ngoku. U Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwisebe lezempilo ephondweni ukuvundlisa uluntu ngesi sifo, uZoleka Mbange...more13minPlay
February 23, 2025NEWS REVIEW - EC Premier, Oscar Mabuyane, unpacks his State of the Province AddressInkulu-baphathiswa yephondo iMpuma Koloni, u-Oscar Mabuyane, ibibambe intetho yayo engobume bephondo ngoLwesihlanu, neyiyintetho yakhe yokuqala phantsi korhulumente wolawulo lwesichenxe. Phakathi kwezinto azibaluleyo uMabuyane, kukulungiswa kweendlela zomhlaba zeli phondo zifakelwe i-tar, ngelokunceda uluntu lweli phondo. Emnxebeni, u-Ayabonga Kekana ubambe iNkulu-baphathiswa, u-Oscar Mabuyane, khon' ukuze isicacisele banzi ngobume beli phondo......more48minPlay
February 22, 2025INTERCHANGE - International Mother Tongue Day celebrated at Nonkcampa Primary SchoolIzolo ihlabathi belibhiyozela usuku lwamazwe ngamazwe olugxile kulwimi lwebele, i-International Mother Tongue Day ngolwasemzini. Uphando lubonisa ukuba abafundi abafunda ngeelwimi ezimbini, eziquka nolwimi lwabo lweenkobe, baqhuba kakuhle kwizifundo zabo. Ukanti ukubhiyozela olu suku, isikolo samabanga aphantsi iNonkcampa eQonce, besibambe umsitho ogxile wesiNtu, obonisa inkqubeko yesiXhosa nobuncwane bokusetyenziswa kolwimi lweenkobe kwimidlalo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe inqununu yesikolo iNonkcampa Primary School, u-Anele Zita......more6minPlay
February 20, 2025SASSA ASSIST POSTBANKUSASSA ukwiphulo lokuncedisa iPostbank ekutshintshweni kwamakhadi egolide abe ngamakhadi amnyama. Liye landiswa ixesha lokuwatshintsha, ukuya kumhla wamashumi amabini kwinyanga ezayo. Kukholelwa ukuba lamakhadi matsha akuzokuba lula ukuba kwenzeke ubuqhetseba kuwo. UAmanda Xhala kaTruNews@6 ubambe udliwano ndlebe nomanejala ophezulu kwaSASSA, uBandile Maqethuka....more8minPlay
February 20, 2025New Brighton state mortuary continue to operate despite prohibitionIsebe lezabasebenzi liyalele ukuvalwa kweziko loqhaqho-zidumbu ( forensic pathology services facility) eNew Brighton eGqeberha, ngenxa yokungacokeki kwalo. Nangona kunjalo kukho iingxelo zokuba abasebenzi kweli ziko bayaqhubeka nokunikezela ngeenkonzo kwiindawo zokugcina izidumbu eGelvandale, naseMount Road. Emnxebeni sinaye ophuma kumbutho iHospersa Provincial Labour Relations Organiser and Tekno Felllow, uThembisa Mtshingila-Witbooi......more12minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 771 episodes available.