Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 694 episodes available.
April 08, 2025Discerning misinformation on social mediaAmakhasi onxibelelwano aye anconywe ngokudiza izenzo zolwaphulo mthetho ezenzeka ekuhlaleni, kwaye abenefuthe elikhulu ekufakeni uxinzelelo kwabasemagunyeni ukuba bathathe amanyathelo ngakwezizenzo. Nangona kunjalo, aye aphinde agxekwe ngokubanefuthe ekusasazeni iinkcukacha ezingachanekanga neziye zimanyelwe kakhulu luluntu kunoko kuthethwa ngabasemagunyeni. Esinye seziganeko amakhasi onxibelelwano athe adlala indima encomekayo ukusipapasha ukuze kuthathwe amanyathelo, lityala lomntwana oneminyaka esixhenxe ubudala ekutyholwa ukuba wadlwengulwa ngethuba esesikolweni eMatatiele. Kodwa kubekho neenkcukacha ezingachanekanga kwakulo mba mnye, de kube akuthenjwa namagosa achophele lo mba xa enika iinkcukacha ngenkqubela yelityala. To hear more on the good and bad influence social media can have in such cases, on the line we are joined by the head of communication at Media Monitor Africa, Thandi Smith......more9minPlay
April 08, 2025SAPS reacts on allegations that minister Mchunu lied about DNA being taken from the principal on the Cwecwe caseInkonzo yesipolisa iphendule kwiingxelo ezithe ndii kumakhasi onxibelelwano, malunga netyala eliqhubayo lomntwana waseMatatiele ekutyholwa ukuba wadlwengulwa kunyaka ophelileyo. Iingxelo kumakhasi onxibelelwano zibanga ngelithi umphatshiwa wamapolisa uSenzo Mchunu, akakhange abenanyani ngokumalunga nokuthathwa kwe DNA yenqununu yesikolo esifunda lentwazana, nekutyholwa ukuba yanukunezwa kuso. Isipolisa sithi azinabunyani ezingxelo. Ukuva banzi ngalo mba, uAmanda Xhala ku TruNews @18h00 nesithethi samapolisa uAthlenda Mathe......more7minPlay
April 06, 2025INTERCHANGE - QUEENS COUNCILOsandul' ukwenyulwa nje ngosihlalo webhunga leekumkanikazi zoMzantsi Afrika, ukumkanikazi Madosini Tina Ndamase, uzimisele ukusebenzisa eli bhunga ukuphuhlisa amanina, ingakumbi emaphandleni. Ukumkanikazi Ndamase unyulwe ngaphandle kophikiswano ngenyanga yokwindla. Injongo yelibhunga kukuphuhlisa amanina ngokwezoqoqosho, ezentlalo nokuphuhlisa izakhono zabasetyhini. Ukusabela banzi ngezicwangciso zakhe, emnxebeni uAmanda ubambe usihlalo webhunga leekumkanikazi zoMzantsi Afrika uKumkanikazi Tina Madosini Ndamase......more7minPlay
April 06, 2025NEWS REVIEW - South African criminal justice systemKwilizwe loMzantsi Afrika, inkqubo yokuzisa ubulungisa kulwaphulomthetho, nejoliswe ekutshutshiseni abophulimthetho, ingakumbi kumatyala angqamene nokuxhatshazwa ngezesondo, ingahle ijamelane nemingeni, nengakhokelela ekukhululweni kwabophulimthetho, nto leyo eshiya umbuzo ngokusebenza ngendlela kwale nkqubo. Kutshanje, ijaji kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha imfumanise engenatyala uMfundisi uTimothy Omotosho nesibini abetyholwa naso, kumatyala okuthengisa nabantu, nokudlwengula, phakathi kwamanye. Ijaji icaphule ukusilela kwicala labatshutshisi ngesigwebo sayo. Ingaba isilela phi inkqubo yezobulungisa ekwenzeni umsebenzi wayo ngokupheleleyo, ze abo banetyala sibabone bephendula ngamatyala abo? Ngaphambi kokuba siwuphendule lo mbuzo, neminye, makhe sikukhumbuze mphulaphuli ngeli tyala lika-Omotoso ukuba lisukela phina, de kuben kanti lifikelela esiphelweni. Apha estudio uAyabonga Kekana uhleli nentatheli yeli jelo ebilandela eli bali, uLerato Fekisi. Ukanti kamva sakubanayo nengcali kwimiba yezomthetho, uGqirha Mkhuseli Vimba......more53minPlay
April 04, 2025Impact of US tariffs on SAURhulumente woMzantsi Afrika uthi uzakuqhuba nokuthethana noRhulumente waseMelika. Namhlanje uMphathiswa wesebe lobudlelane namazwe ngamazwe uRonald Lamola, nomphathiswa wezorhwebo uParks Tau, bazakudakanca indlela uMzantsi Afrika ozakuthetha ngayo noRhulumente kaDonald Trump. UTrump umilisele imirhumo yerhafu ngamashumi amathathu eePesenti ngakuMzantsi Afrika. Kuza kusichaphazela oku? Emnxebeni sinaye oyingcali kwimiba yezoqoqosho, uNjingalwazi Bonke Dumisa…...more8minPlay
April 03, 2025Deportation of OmotosoIGunyabantu lezotshutshiso eMpuma Koloni, iNPA, lithi uMfundisi Timothy Omotoso uzakubuyiselwa kwilizwe lakhe lokuzalwa eNigeria, emva kokuba efunyenwe engenatyala kwinkundla ephakamileyo eGqeberha. U-Omotoso, nesibini ebetyholwa naso uLusanda Sulani no Zukiswa Sitho, bafunyenwe bengenatyala kuwo onke amatyala ebebejongene nawo, aquka ukudlwengula nokushishina ngabantu. Emnxebeni sinayo intatheli yeli jelo uLerato Fekisi…...more7minPlay
April 02, 2025TRUNEWS @6 - Pastor Timothy Omotoso acquittal analysisNgethuba ewisa isigwebo kwityala ngakuMfundisi uTimothy Omotoso natyholwa nabo kwityala lokudlwengula, ukuthimba nokugudisa imali efunyenwe ngondlelamnyama, ujaji Irma Schoeman uthe umbuso awukwazanga ukufumanisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba uOmotoso unetyala, nto leyo ekhokelele ekukhululweni kwakhe. Ukuhlalutya lo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe ingcali kwimiba yezomthetho, uMpumelelo Bond Nyoka......more9minPlay
April 02, 2025Omotoso aquitted of all chargesEmva kweminyaka esibhozo kuxoxwa elityala, inkundla ephakamileyo yaseGqeberha namhlanje imfumanise engenatyala kuzo zonke izityholo umfundisi Timothy Omotoso, kunye nababini atyholwa nabo. UOmotoso kunye noLusanda Sulani noZukiswa Sitho, babejongene namatyala angamashumi amathathu anesibini aquka ukudlwengula, ukuxhaphaza ngokwesondo, kunye nokurhweba ngabantu,ukuva ukuba ikundla iqhube njani, emnxebeni sinayo intatheli yeli jelo uLerato Fekisi......more6minPlay
April 01, 2025TRUNEWS @ 6 - Justice for CWECWE movementImibutho yoluntu nemibutho yezopolitiko kumasipala ombaxa iBuffalo City eMpuma Koloni, bamemelela ukuba kukhuselwe iisampuli zeDNA zabo ekungenzeka ukuba ngabarhanelwa kwityala lokudlwengulwa komntwana waseMatatiele, oneminyaka engamashumi asixhenxe ubudala, nekutyholwa ukuba udlwengulwe kweyeDwarha kunyaka ophelileyo. Kunikezelwe ngoluhlu lwezinyanzeliso kusodolophu weBuffalo City, uPrincess Faku, kwiholo yesixeko saseMonti. Oluqhankqalazo luyinxalenye yeminye imingcelele ebanjwe kwelilizwe jikelele, ngelokuxhasa usapho lwalentombazanana namanye amaxhoba odlwengulo. USidima Mfeku usenzele le ngxelo......more4minPlay
April 01, 2025Budget adption proposalIKomiti ejongene nemicimbi yezemali epalamente kulindeleke ukuba ibambe intlanganiso eyenzelwe ukupasisa ingxelo yayo ngesiphakamiso sohlahlo lwabiwo-mali, sokwenyuswa kwerhafu yentengo (VAT). Lekomiti ibikhe yabamba iingxoxo noluntu ngomba webhajethi, nalapho ababandakanyekayo baye bayiphikisa. Kusenjalo, umbutho i-DA ulumkise iANC ngelithi uzakuzikhupha wona kurhulumente wobumbano ukuba iANC ipasisa uhlahlo lwabiwo mali, ngoncedo lwemibutho engekho kwi GNU. U Ayabonga Kekana kwinkqubo yethu u 30 Minutes Live ibambe udliwano ndlebe nongumbhexeshi we ANc epalamente uMdumiseni Ntuli.......more7minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 694 episodes available.