Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 928 episodes available.
October 02, 2025The African National Congress has distanced itself from Brown MogotsiUmbutho we-ANC uzibhekelisile kuBrown Mogotsi, ekutyholwa ukuba ungumntu osondele kumphathiswa wamapolisa, uSenzo Mchunu, osele ebekwe kwikhefu elikhethekileyo. Unobhala jikelele walo mbutho, uFikile Mbalula, uthethe nabeendaba ngeziphumo zekomiti ejongene nemisebenzi yemihla ngemihla ye-ANC, kundlunkulu wombutho iLuthuli House. Uthi kukho abantu abangacacanga abasebenzisa igama le-ANC nabathunywa balo mbutho kwimisebenzi yabo yokophula umthetho. Ngethuba leenkqubo zekomishoni kaMadlanga, oyintloko yobuntlola bolwaphulo-mthetho, uDumisani Khumalo, udize incoko eyayiphakathi kuka Vusi "Cat" Matlala kunye noBrown Mogotsi, ngendlela uMogotsi awafaka ngayo uxinezelelo kuMatlala ukuba axhase ngemali imisitho ye-ANC. Kwingxelo ka Sibahle Motha, masive ngokunabileyo kuMkhokheli Bandla... ...more3minPlay
October 02, 202530 MINUTES LIVE - The Global Sumud Flotilla says multiple of their vessels have been illegally intercepted and boarded by Israeli Occupation ForcesIGlobal Sumud Flottila, neyintlanganisela yamatshantliziyo aphuma kumazwe ngamazwe akholelwa kwisidima somntu namandla eentshukumo ezingasebenzisi zigalo, ithi uthotho lweenqanawa zayo zithintelwe yimikhosi kaSirayeli ukuba zihambe kwiilwandle zamazwe ehlabathi. La matshantliziyo, nekukho phakathi kwawo uNkosi Mandla Mandela, aquka oogqirha, abefundisi, amagqwetha nemibutho yesisa, phakathi kwabanye abantu. Ezi nqanawa zisingise eGaza, ngelinge lokuya kunikezela ngoncedo olungundoqo kwiimfuno zoluntu lwela lizwe. Oku kwenzeka ngexesha kusaqhuba ukujongana ngezikhondo zamehlo phakathi koSirayeli nePalestina. Ukuhlalutya banzi lo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe intatheli yeSABC ejongene nemiba yamazwe ngamazwe, uSophie Mokoena......more9minPlay
October 01, 2025EFF leader Julius Malema plans to appeal the guilty verdict against him, that was handed down by the East London Magistrates court.Inkokheli yeEFF, uJulius Malema, ifunge ngelokubhena kwisigqibo senkundla kaMantyi eMonti sokumfumanisa enetyala. UMalema ufunyaniswe enetyala lokuba nompu neembumbulu ngokungekho mthethweni, nokudubula esidlangalaleni ngethuba lemibhiyozo yeEFF yokugqiba iminyaka emihlanu, kwibala lezemidlalo iSisa Dukashe eMdantsane ngo2018. Owayesakuba ngunogada wakhe nabetyholwa naye, uAdriaan Snyman, ufunyaniswe engenatyala yena yile nkundla. UMalema uthi iyamothusa into yokuba uSnyman yena angabinatyala, kodwa inguye ekutyholwa ukuba wamnika umpu. Masive kuLubabalo Dada...more4minPlay
October 01, 202530 MINUTES LIVE - SA Ambassador to France, Nathi Mthethwa has passed onLusothukile uluntu loMzantsi Afrika kukusweleka konozakuzaku weli kwilizwe laseFrance, uNathi Mthethwa. Ngaphambi kwesi sikhundla, uMthethwa wayesakuba ngumphathiswa wamapolisa, ze kamva waba ngoweSebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko. Ngokweengxelo ezikhutshwe liSebe lobudlelane namazwe ehlabathi, iDIRCO ngamafuphi, umzimba kaMthethwa ufunyenwe ngaphandle kwehotele iHyatt Regency Hotel ekwiNtshona yesixeko iParis. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ukrwece othethela iDIRCO, uChrispin Phiri......more4minPlay
October 01, 202530 MINUTES LIVE - The EFF Leader, Julius Malema has been found guilty for unlawful possession of a firearm, ammunition and discharging a firearm in public during EFF's 5th anniversary celebrationsIfunyenwe inetyala inkokheli yeEFF uJulius Malema, kwinkundla kaMantyi yaseMonti, eMpuma Koloni, ngelixa atyholwa naye uAdrian Snyman efunyaniswe engenatyala. uMalema ubejongene netyala lokudubula kwi rally eyayibanjelwe kwibala lezemidlalo laseMdantsane iSisa Dukashe ngonyaka ka-2018. Lo wayesakuba ngunogada wakhe, uSnyman, ubejongene nezityholo zokuba nompu kunye neembumbulu ngokungekho mthethweni. Ukuva banzi ngeli tyala, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe intatheli yeli jelo elapho, uLubabalo Dada......more4minPlay
September 29, 2025NEWS REVIEW - NSFAS funding mechanismIvulwe ngokusesikweni inkqubo yokufaka isicelo sokuxhaswa yingxowamali exhasa izifundo zabafundi abakumaziko emfundo ephakamileyo, iNSFAS, kulungiselelwa unyaka ka-2026. Apha kwinkqubo-ndaba yakho sikhe sathetha neNSFAS ngendlela abaqhuba ngayo ekuxhaseni abafundi ngemali, nemingeni abaye bahlangabezana nayo ekunikezeleni ngale mali kulo nyaka. Ukuxoxa banzi ngalo mba, kuquka indlela yokufaka izicelo nokuhlawulelwa kweendawo ezihlalisa abafundi, phakathi kwezinye izinto, emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli nothethela iNSFAS, u Ishmael Mnisi.......more45minPlay
September 25, 202530 MINUTES LIVE - The Constitutional Court is examining whether South Africa's current laws on sexual consent violate victims' constitutional rights to dignity, equality, freedom and security.Inkundla yomgaqo-siseko iphulaphule ityala eliyimbali, nelingahle libe nefuthe kwindlela amatyala angqamene nokwabelana ngesondo atshutshiswa ngayo, kweli loMzantsi Afrika. Imibutho elwa impatho-gadalala ngokwesini, ichwechwele le nkundla ngelokuva ukuba yona iyangqinelana nyhani na nesigwebo senkundla ephakamileyo yoMntla-Gauteng, nalapho la nkundla yagweba ngelithi amasolotya athile kumthetho obizwa iSexual Offenses Act awahambelani nomgaqo-siseko weli, nanjengoko ewabeka emngciphekweni amaxhoba odlwengulo. Oku kungqamene nendlela ubani aye abonakalise ngayo ukuba uyavuma okanye akavumi kusini na ukwabelana ngesondo. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yezomthetho, uAdv Dumisani Apollos......more10minPlay
September 24, 202530 MINUTES LIVE - Eastern Cape to commemorate 150 years of SEK Mqhayi during Heritage Day 2025Nanjengoko namhlanje uMzantsi Afrika ubhiyozela inyanga yamafa, iphondo iMpuma Koloni likwabhiyozela ubomi bombhali owaziwayo weencwadi zesiXhosa, uSamuel Edward Krune (SEK) Mqhayi, nobezakube ebhiyozela ikhulu elinamashumi amahlanu eminyaka (150 years) ukuba ebesaphila. Urhulumente wephondo, neYunivesiti iWalter Sisulu, babambe umsitho wokukhumbula le mbongi yosiba, umbhali neqhayiya lenkcubeko yakwaNtu namhlanje, kwicandelo lale Yunivesiti eliseNtabozuku, ngaphandle kwaseQonce. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sibambe othethela urhulumente wephondo iMpuma Koloni, uKhuselwa Rantjie......more10minPlay
September 23, 2025National Commissioner General Fannie Masemola continues giving evidence in Madlanga CommissionLusuku lwesibini namhlanje enikeza ubungqina umkomishinala wamapolisa kuzwelonke, uGeneral Fannie Masemola, kwikhomishoni ephanda ngongenelelo lwezopolitiko noonqevu, kuquka norhwaphilizo, kwinkqubo nomsebenzi wenkonzo yesipolisa, nakwicandelo lezobulungisa. Kubungqina bakhe izolo, uMasemola ucangcathe kwisigqibo sokuchithwa kweqela elikhethekileyo lamapolisa eliphanda ngolwaphulo-mthetho lokubulawa kwabantu, nokuphenjelelwa lupolitiko. UAyabonga Kekana uncokola nentatheli elandela eli nqaku, uSibahle Motha......more10minPlay
September 22, 202530 MINUTES LIVE - Seven teachers from St John's College in Mthatha have been placed on precautionary suspensionISebe lezemfundo kwiMpuma Koloni linqumamise ootitshala abasixhenxe kwisikolo samabanga aphakamileyo, iSt John's College, eMthatha, ngeenzame zokuqinisekisa ukuba uphando luhamba ngaphandle kwamagingxigingxi. Oku kulandela izityholo ngakwabatitshala, nekutyolwa ukuba babelana ngesondo nabafundi, kwaye abanye abafundi bade bakhulelwa kwesi sikolo, bekhuleliswa ngaba titshala. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe othethela iSebe kwiphondo, uMalibongwe Mtima......more7minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 928 episodes available.