Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 771 episodes available.
May 15, 2025TRUNEWS @6 - SASSA cautions its beneficiaries to be careful of fake news on grantsI-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika, iSASSA ngamafuphi, ithi ixhalabile ziingxelo ezibubuxoki nezilahlekisayo ngale arhente, neenkonzo zayo, nezisasazwa phantse yonke imihla. I-SASSA ithi kufuneka ithi gqolo ilungisa ulwazi olungachanekanga olusasazwa ngabantu abangenabuso, abanjongo zabo ikukulahlekisa, ukubangela uloyiko, nokudala ithemba elingeyonyani kubaxhamli beenkonzo zale arhente noluntu ngokubanzi. Ukanti ezakutshanje iindaba ezingeyonyani, zezokuba abantu baza kwamkela izibonelelo zabo zezentlalontle kabini kwinyanga ezayo. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sinaye ophuma kule Arhente, uPaseka Letsatsi......more5minPlay
May 15, 2025TRUNEWS @6 - South African government expects the highest level of decorum from US President Donald TrumpUmphathiswa kwi-ofisi kamongameli, uKhumbudzo Ntshavheni, uthi urhulumente weloMzantsi Afrika ulindele intlonipho ekwiqondo eliphezulu kumongameli waseMelika, uDonald Trump. Umongameli uCyril Ramaphosa uzakube etyelele ilizwe laseMelika kwiveki ezayo. Iingxelo ezibubuxoki zokoxuthwa komhlaba, nezingangqinisiswanga zokubulawa kwesininzi sabamhlophe kweli lizwe, kwa nokufuduka kwabantetho isisiBhulu abakumashumi amane anethoba kweli lizwe befudukela eMelika, kulindeleke ukuba ibe yimiba ephambili kwiingxoxo xa zihlangana ezi nkokheli zimbini. Amagama abathunywa abaza kupheleka umongameli uRamaphosa ukuya eMelika, aza kwaziswa ekuhambeni kwexesha. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguSibahle Motha......more4minPlay
May 15, 2025More than 80,000 workers lost their jobs in the EC in the first three months of 2025Kulahleke imisebenzi engapha kwamashumi asibhozo amawaka eMpuma Koloni kwiKota yokuqala ka-2025. Oku kuvezwe liziko leenkcukacha-manani, uStats SA, nalapho liveze ukuba iqondo lentswela-ngqesho kwiKota yokuqala eMzantsi Afrika, lenyuke layakuma ku-39.3%. Abantu abatsha eMzantsi Afrika, kuquka nalapha ephondweni, ngabona baninzi abangaphangeliyo. UAyabonga Kekana uncokole nothethela uRhulumente wephondo leMpuma Koloni uKhuselwa Rantjie...more8minPlay
May 14, 2025Artists march to the Union BuildingsAmawaka amagcisa, abasebenzi bezenkcubeko, nabashishina kwelicandelo, babambe uqhankqalazo namhlanje ebekulindeleke ukuba luqale kwi Union buildings lusingise kwii ofisi zesebe lezobugcisa nenkcubeko, nalapho iinkokheli zalomngcelele bezizakunikeza uxwebhu lwezikhalazo kwi ofisi kamongameli nomphathiswa. Oku kulandela ukungaxoli nokuxhalaba kwalamagcisa yinto abathi kukufeda kulawulo kwelicandelo, ukunganakwa kwemithetho ethile nokungathathwa xanduva kwabo bamele ukwenza njalo. Kodwa ukuva banzi ngoku, emnxebeni sinaye ongumququzeleli walomngcelele u Zama Mlindeni Ntshona........more7minPlay
May 14, 202530 MINUTES LIVE - USA RAMAPHOSAKwindibano noonondaba, umongameli waseMelika uDonald Trump, uthe kwiveki ezayo bazakuhlangana neenkokheli zelizwe loMzantsi Afrika. Izolo, bagaleleke eMelika abemi boMzantsi Afrika abamhlophe abantetho isisibhulu, nabathe bafaka izicelo zokuba ziimbacu kwelalizwe kuba besithi baya calucalulwa. Urhulumente woMzantsi Afrika uyigxekile lenkqubo, kwaye uyichaza njengenyathelo eliphenjelelwa zezopolitiko. Kulindeleke kwezinyanga zizayo elinye iqela liye kwela lizwe. Emnxebeni, uAyabonga Kekana ubambe ingcali kwimiba yamazwe angaphandle, uGqirha Mkhuseli Vimba... ...more8minPlay
May 13, 202530 MINUTES LIVE NPA APPEALIgunyabantu lezotshutshiso kwisizwe, i-NPA, lithi lizakubhena ngakwisigwebo seNkundla ePhakamileyo yase-Gqeberha eye yamfumanisa engenatyala uMfundisi uTimothy Omotoso, nabanye abarhanelwa ababini. Kwinyanga ephelileyo, u-Omotoso nabarhanelwa ababini bahlanjwe kuwo nke amatyala abebetyatyekwa wona aquka ukudlwengula, ukushishina ngabantu nokuzenzela imali ngondlela mnyama. Oku kuza emva kokuba uJaji Erma Schoeman ethe kwisigwebo sakhe umbuso woyisakele ukungenisa ubungqina obuluqilima ngakubatyholwa. Ukanti umlawuli wezotshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, uthe esi sigqibo sithathwe emva kokuba igqiza lamagqwetha e-NPA liye lasiphonononga esi sigwebo, ngaphambi kokuba bafikelele kwesi sigqibo. Emnxebeni, uAmanda Xhala ubambe ingcali yezoMthetho, uAdvocate Dumisani Apollis, oza kusincedisa kuhlalutyo oluthe vetshe kulo mba......more9minPlay
May 12, 2025Police-Population ratio in the South African contextEMzantsi Afrika iPolisa elinye lithwaliswe uxanduva lokujongana nabahlali abangapha kwamaKhulu amane. Oku akuhambelani nommiselo we-United Nations othi iPolisa elinye malijongane nabahlali abangamaKhulu amabini anamashumi amabini. Iingcali zikubona oku njengomngeni obangela amaPolisa angakwazi ukwenza umsebenzi wawo ngokupheleleyo ngenxa yoxinzelelo. Asondele ku-two-hundred thousand amaPolisa aqeshiweyo kweli. Kungalungiswa njani oku?UAyabonga Kekana uncokole nengcali yeNkonzo yesiPolisa, nephuma kwi-Yunivesithi iWalter Sisulu, uZimisele Nxafani…...more10minPlay
May 11, 2025NEWS REVIEW-EC Educ MEC Fundile GadeKwiveki esiyishiyayo umphathiswa wezemfundo eMpuma Koloni uFundile Gade ubekhwebe indibano noonondaba kwiziko i Mandla Makuphula eMonti, nalapho ebenikezela ingxelo ngomqela osele wenziwe lisebe lakhe kwiKota yokuqala kunyaka-mfundo ka 2025. Kule ndibano uGade unikezele iinkcukacha mayela nendlela abaqhube ngayo abafundi beMatric ephondweni, kwiKota yokuqala yalo nyaka ze wadandalazisa namaphulo oyamene nezemfundo azakuthi aqhutywe apha enyakeni nazakuncedisana nabafundi ukuze kuphuculwe iziphumo zokuphela konyaka. Ukungenza nzulu kwimiba athe wayondlala umphathiswa koonondaba neminye, emnxebeni ngoku sinaye umphathsiwa wemfundo eMpuma Koloni uFundile Gade......more51minPlay
May 10, 2025Rhodes University installs underground boreholesIziko elibizwa i-Institute for Water Research kwiDyunivesiti iRhodes, livelise isicwangciso esiyimpumelelo sokusebenzisa amaqula amanzi angaphantsi komhlaba, ukukhawulelana nomba wokushokoxeka kwamanzi kwela ziko-mfundo. Ulwakhiwo lwamaqula amatsha aluzukuphucula kuphela ubonelelo lwamanzi kule Dyunivesiti, koko luzakucutha nokuxhomekeka kwayo kumanzi kamasipala. UNandipha Plaatjie usenzele le ngxelo......more4minPlay
May 10, 2025Tsolo community to get their land backUsekela mongameli u Paul Mashatile nomphathiswa wesebe leenguqu kwezomhlaba u Mzwanele Nyhontso, banikezele ngeziqinisekiso zobunini mhlaba kwiindawo ezimbini zokuhlala ku Tsolo eMpuma Koloni. Oku njenge nxalenye yokuphawula iminyaka engamashumi amathathu susela ukumiselwa komthetho ongqamene nokubuyiselwa kwamalungelo obunini mhlaba. Ezindawo zimbini zoohluthwa lomhlaba kwiminyaka engamashumi asithoba eyadlulayo, ngexesha localucalulo. u Nozwanele Mngoma unengxelo.......more4minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 771 episodes available.