
Sign up to save your podcasts
Or


Owayesakuba yi Brigadier General yomkhosi wokhuselo weloMzantsi Afrika, iSADF, uthi inkqubo yokudibanisa umkhosi wokhuselo weli, imikhosi yamaphandle ayengoozimele geqe kwakunye nemikhosi eyayilwela inkululeko, yayiyinkqubo enzima kakhulu, kodwa yezisa ubumbano phakathi kwabo babeziintshaba edabini. UBrigadier General Abel Nelwamondo waseThohoyandou eLimpopo, ngomnye wabo babephambili ekuchithweni nasekuhlanganisweni kwale mikhosi, ze kwabunjwa umkhosi wokhuselo weloMzantsi Afrika omtsha ngonyaka ka-1994. UMzantsi Afrika ubhiyozela usuku olubizwa iArmed Forces Day namhlanje eThohoyandou. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguRudzani Tshivhase...
Imanyano yooTishala kweli iSADTU, imemelela ukuba iSouth African Council for Educators (SACE), irhoxise imali yobulungu yenyanga ekumele ihlawulwe ziititshala ezingasebenziyo. Le manyano ithi lomrhumo ubeka umthwalo onzima kubafundi abagqibe izifundo zabo kodwa bengafumani misebenzi. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni, uAyabonga Kekana ubambe ophuma kwi SADTU uXolani Dube...ย
Onqunyanyisiweyo njengosekela-mkomishinala wamapolisa uGeneral Shadrack Sibiya, uyaqhuba nokunika ubungqina kwikomishini yophando kaMadlanga ePitoli. USibiya utyholwa ngokuba nobudlelane nabatyholwa ngokubayinxalenye yomkhambathi woonqevu ongenelele kwinkonzo yesipolisa, u-Vusumuzi "CAT" Matlala kunye noKatiso "KT" Matlala. Izityholo ezivele phambi kwale komishoni zezokuba uMatlala kunye noMolefe banika uSibiya imali kuba befuna ukhuselo ekubanjweni kwimikhuba yabo yolwaphulo-mthetho. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe intatheli yeli jelo, uSibahle Mothaโฆ
Uphando olutsha olwenziwe liziko lemfundo ephakamileyo iUniversity of Free State, luveze inkxalabo enkulu engempilo ngokungqamene nezixhobo ezisetyenziswa ngamanina xa esexexheni (Menustual pads and Pantyliners), ezithengiswa eMzantsi Afrika. Iingcali zenzululwazi zifumanise ukuba i-pads kunye ne-pantyliners ezivavanyiweyo ziqulathe umchiza ophazamisana nenkqubo yendalo yokuba sexesheni (Endocrine-disrupting chemicals). Ngenxa yoku oluphando luphakamisa inkxalabo kubathengi nabasebenzisi bezimveliso ngokhuseleko lwazo, nempilo yabo. On the line now Ayabonga Kekana is joined by one of the Researchers at the UFS Chemistry Department, Prof Deon Visser...ย
Ngokweenkcukacha-manani ezikhutshwe liziko leenkcukacha-manani, iStats SA, iphondo iMpuma Koloni lelona phondo linelona qondo lixhomileyo le ntswela-ngqesho kweli, nelikumyinge ka 42.5%. Oku kudandalaziswe kwiinkcukacha-manani zekota yesine ka-2025 ezigxile kwezengqesho. Ngokwala manani, awona macandelo achaphazeleke kakhulu ngawezolimo, icandelo lezemali neleenkonzo zoluntu. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe othethela urhulumente wephondo, uKhuselwa Rantjie...
Usekela-mphathiswa weSebe lolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli, uDickson Masemola, uthi umthetho oyilwayo ongqamene noorhulumente benkazathi, iCoalition Bill ngolwasemzini, kufuneka uqukunjelwe ngokukhawuleza. UMasemola ugxininise ukubaluleka kokupasiswa kwalo mthetho uyilwayo kunyaka wokubanjwa konyulo, ukuze ube semthethweni khon' ukuze ube ngumkhombandlela koomasipala abalawulwa ngenkazathi. Lo mthetho uyilwayo ujoliswe ekwenzeni ukuba ulawulo ngenkazathi phakathi kwamaqela ezopolitiko luqamangele ngokomthetho, usazisa inani elifunekayo kwizihlalo zebhunga, kwaye unciphisa nenkqubo yesiphakamiso sokubonisa ukuphelelwa lithemba, phakathi kwezinye izinto. Lo mthetho uyilwayo ukwavumela usomlomo webhunga ukuba akwazi ukuqesha iqela elizimeleyo eliza kuqinisekisa ukunyaniseka kwesindululo sokukhutshwa kukasomlomo, umbhexeshi, usodolophu okanye isekela lika sodolophu kwi ofisi. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguZara Groenewald...
ISebe lezempilo kuzwelonke lithi ukukhutshwa kwesigonyo seenyanga ezintandathu, iLenacapavir, nesithintela intsholongwane ka gawulayo, kuzakwenziwa kumaphondo amathandathu phakathi kwenyanga kaTshazimpuzi ukuya kweyeSilimela kulo nyaka. Lamaphondo aquka uMntla Ntshona, iKwaZulu Natal, iGauteng, iMpumalanga, iMpuma Koloni kwakunye neNtshona Koloni. Kwintetho yakhe engobume besizwe, umongameli uCyril Ramaphosa ubhengeze ukuba urhulumente uzakubamba inkqubo yokuhanjiswa kwezigonyo zokuthintela iHIV. URamaphosa uthi le nkqubo iyinxalenye yeenzame zikarhulumente zokuthintela nokucutha le ntsholongwane. UAmanda Xhala uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguThabiso Moss...
Inkqubo yophando ngamatyala ekomishoni yenyaniso noxolelwaniso, iTRC, kumele iqwalasele owayesakuba yintloko yegunyabantu lezotshutshiso iNPA, uShamila Batohi, ngokusilela ukuthatha uxanduva lokutshutshisa kumatyala amayela nale komishoni. Oku kuvakaliswe ngowayesakuba ngumkomishinala walekomishoni uYasmin Sooka, kubungqina bakhe kwinkqubo yophando eqwalasela iinzame zokulibazisa uphando nokutshutshisa abo babandakanyekayo, neqhubayo eNewtown eRhawutini. Kusuku lwesihlanu lokuphulaphulwa kwezimvo zoluntu, uSooka ubenemibuzo ngendima yabo babesakuba ngoomongameli uThabo Mbeki noJacob Zuma, ngokuphathelene nokuqubisana nalamatyala wagxeka nokuba kungathathwanga manyathelo ngakwabo bebemele ukujongana notshutshiso. Ingxelo ka Busi Bopela siyenzelwa nguVuyolwethu Mabeqa...
Abazali besikolo samabanga aphantsi iNonkcampa eQonce, kulindeleke ukuba babambe uqhankqalazo namhlanje, bekhalaza ngokungaselwaso kwezikhalazo zabo liSebe lezemfundo kwiMpuma Koloni. Aba bazali bathi sele isisithuba esingangonyaka enye yeetitshala zesi sikolo ingasayi esikolweni, nto leyo ebeka imfundo yabantwana babo emngciphekweni. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe usihlalo webhodi elawula esi sikolo, uXolani Mei...
Bayalile ibheyile abatyholwa abathathu, abayanyaniswa nokubulawa komqhubi we e-hailing, kwinkundla kamantyi yasePitoli. Iingxelo zamapolisa ezingekagqibeleli zibonisa ukuba umtyholwa ubulewe yindoda nowasetyhini nabebebize esi sithuthi ngoLwesithathu weveki ephelileyo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga ubambe intatheli yeli jelo, uNonhlanhla Ntshingila...ย
ย
From the publisher's feed
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.