Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 694 episodes available.
March 06, 2025YOUTH INDABAKwilinge lokuza nesisombululo kumngeni wentswela-ngqesho echaphazela ulutsha eMzantsi Afrika, nokuqinisekia ukuba ulutsha lweli lusebenzisa izakhono netalente yalo ukuziphuhlisa, lugxothwe ikati eziko, luqale namashishini alo. Namhlanje kubanjwe i-Indaba ezakudibanisa iinkokheli zolutsha, ooSomashishini, kunye nolutsha ukushukuxa imiba eyimingeni ekudalweni kwemisebenzi. Le ndibano isindlekwe liziko i-Youth Empowaworx phantsi komxholo othi "Reimagining Livelihoods and Recovering Lost Ground," . UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwi Youth Empowaworx, uSechaba Motsieloa…...more10minPlay
March 06, 2025DA visit to the USAUmbutho iDemocratic Alliance uqukumbele utyelelo lwawo lweveki eMelika eWashington DC. Bathi injongo yolutyelelo kukuzinzisa ubudlelane phakathi koMzantsi Afrika neMelika, emva kweentetha ebezikhona. Olu tyelelo lulandela olweqela iAfri-Forum, nebityelele iMelika. Isithethi sesebe lobudlelane namazwe angaphandle uChristpin Phiri, sithe umbuthe weDA ubungayanga kumela urhulumente woMzantsi Afrika. UAyabonga Kekana ka30MinutesLive uncokole nengcali yemiba yamazwe angaphandle ugqirha Mkhuseli Vimba....more8minPlay
March 05, 2025EC Economic development through assistance to farmersIsebe lezolimo, lize nephulo elitsha lokuphakamisa uhlumo lwezoqoqosho lwephondo iMpuma Koloni, ngokuthi luncede amafama asakhasayo. Eliphulo liza emva kokuba inkulubaphathiswa yephondo u Oscar Mabuyane ityelele ilizwe i United Arab Emirates, nalapho yenza isivumelwano sokuthumela inyama esuka apha ephondweni kwelalizwe. Ikomiti emele elisebe epalamente, iye yanikwa uxanduva lokukhangela indawo ezakulungela ukuthatha oluxanduva yaze yabona indawo yokuxhela ese Ngqushwa, nezakuthwala iinkomo ezingamawaka alishumi. Leprojekti izakudala amathuba engqesho kubantu beliphondo abalikhulu linamashumi amahlanu. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sithe masikrwece ongusihlalo wekomiti ejongene nesebe lezolimo epalamente ugqirha Fundile Bese.... ...more8minPlay
March 05, 2025G20 Anti-Corruption Working Group with SIUAbaphathiswa bamazwe ohlukileyo nabajongene nemiba yorhwaphilizo, bangungelene kwiphondo leNtshona Koloni, kwintlanganiso eyaziwa ngeG20 Anti-Corruption Working Group. Umphathiswa wesebe leenkonzo zoluntu nolawulo Inkosi Mzamo Buthelezi, ubambisene necandelo lophando elikhethekileyo kulentlanganiso. Umphathiswa uButhelezi uthi uluntu kufuneka lusebenzisane ukuze urhulumente akwazi ukulwa urhwaphilizo. Kusenjalo, umphathiswa ukwathi banezicwangciso zokukhusela oodiza amahlebo. UAyabonga Kekana ubenodliwano ndlebe nophuma kwiSIU, uKaizer Kganyago....more7minPlay
March 05, 2025World Bank says SA needs to make changes in their BEE laws.Ibhanka yehlabathi ithi uMzantsi Afrika mawuphelise inkqubo ye-Black Economic Empowerment uhlaziye nemithetho elawula umakulinganwe, kubunini nolawulo lwamashishini anika abantu abantsundu ithuba likamakulinganwe kwabo bebala, neyaphenjelelwa ziinzame zokulungisa ukuvalelwa kooSomashishini abantsundu kumathuba okuba yinxalenye yohlumo nophuhliso loqoqosho, nokuba babekwisithebe sokuthatha izigqibo kumashishini neenkampani eziphezulu. IWorld Bank ithi i-BEE nale mithetho zizo ezenza luhlume ngesantya sonwabu uqoqosho lweli, nokuba kubenzima ukudalwa kwemisebenzi. UAyabonga Kekana uncokole nengcali kwimiba yezoqoqosho, uKhaya Sithole....more11minPlay
March 04, 2025EC community workers against government austerityIqela lamanesi aangena kwinkqubo yoqeqesho ngo 2024 eMpuma Koloni, limgxeke kabukhali urhulumente wephondo ngokumilisela amanyathelo okucutha inkcitho kwisebe lezempilo. Bathi oku kubohluthe ithuba lokuqeshwa isigxina. Lamanesi aqhube uqhankqalazo ngaphandle kwee-ofisi zenkulubaphathiswa yephondo leMpuma Koloni, enyanzelisa ukuqeshwa isigxina xa izivumelwano zawo zengqesho zeenyanga ezilishumi elinesibini, zifikelela esiphelweni ekupheleni kwale nyanga yoKwindla. Ingxelo siyenzelwa ngu Sidima Mfeku......more3minPlay
March 04, 2025Bullying a schools at a riseIsebe lemfundo esisiseko kuzwelonke liveze ukuba zingapha kwamakhulu amahlanu iziganeko zokuxhatshazwa kwabafundi, ubukhulu becala ngabanye abafundi kwizikolo zeli, oko uqalile unyaka wokufunda ka-2025. IBullying kumaxesha athile ikhokhelela ekubeni abantwana bayeke isikolo, ngelixa abanye baye bazibulale. u Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe no Sifiso Ngobese ophuma kwisebe lemfundo esisiseko...more5minPlay
March 04, 2025Creation of a R500 million Spaza Shop Support Fund by Minister NdabeniUmphathiswa wesebe lophuhliso lwamashishini amancinci, uStella Ndabeni, ubhengeze ingxowa mali ye-500 million rand ukuxhasa iivenkilana zasekuhlaleni. Lengxowa mali ijolise ekukhuthazeni ukhuphiswano kwintengiso, khonukuze iivenkile ezincinci nezo zithengisa ukutya, zikwazi ukukhuphisana neevenkile ezinkulu. u Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwi SA Spaza uBheki Twala ngalomba...more7minPlay
March 03, 2025Departments come to gather to help student after appendicitis surgeryIsebe lezemfundo nophuhliso lwentlalo eMpuma Koloni, abambene ngezandla ngelokunceda umfundi oneminyaka elishumi elinesibhozo ubudala wakwilokishi iMotherwell, ongakwaziyo ukuya esikolweni emva kotyando lwethunjana elikumazantsi esisu (Appendicitis), kwisibhedlele iLivingstone eGqeberha. Lo mfundi ubephuma engena esibhedlele susela utyando lwakhe lokuqala kwinyanga yeNkanga (November) kunyaka ophelileyo, kwaye bekufanele ukuba wenza ibanga lematriki kulo nyaka, kodwa impilo yakhe iya isiba mbi nangakumbi. Masive ingxelo ku Ntombozuko Balintulo......more2minPlay
March 03, 2025Over 500 cases of bullying have been reported this yearIsebe lemfundo esisiseko kuzwelonke liveze ukuba zingapha kwamakhulu amahlanu iziganeko zokuxhatshazwa kwabafundi, ubukhulu becala ngabanye abafundi kwizikolo zeli, oko uqalile unyaka wokufunda ka-2025. Iphondo iLimpopo lichazwe njengelona lihamba phambili ngezi ziganeko, xa kuthelekiswa namanye amaphondo. IBullying kumaxesha athile ikhokhelela ekubeni abantwana bayeke isikolo, ngelixa abanye baye bazibulale. UAyabonga Kekana ka30MinutesLive uncokole nonikezela ngeenkonzo zoxinizelelo lwengqondo nomphefumlo, unjingalwazi Jabulani Keswa nophuma kwi-univesithi yaseFort Hare....more9minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 694 episodes available.