Sign up to save your podcastsEmail addressPasswordRegisterOrContinue with GoogleAlready have an account? Log in here.
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 773 episodes available.
October 24, 2024TRUNEWS @6 - ENYOBENI DEMOLISHAbanini bendawo yentselo iEnyobeni, kwindawo yaseScenery Park eMonti, bathi abazokubhena kumyalelo wenkundla ephakamileyo yaseMonti, wokuba kudilizwe le ndawo. Lo myalelo uthi baneentsuku ezingamashumi amathathu ananye ukuba bayidilize. Umasipala ombaxa iBuffalo City, wafaka esi sicelo, ephakamisa imingeni efana nomhlaba esakhiwe kuwo, isimo sesakhiwo kwakunye neempepha zokushishina. Ngenyanga yeSilimela (June) ngo2022, kwasweleka abantwana abangamashumi amabini ananye kulendawo. ...more9minPlay
October 24, 202424 10 2024 ENYOBENI DEMOLITIONInkundla ephakamileyo yase Monti inike umasipala ombaxa i Buffalo City umyalelo wokudiliza indawo yentselo iEnyobeni ese Scenery Park, ngaphandle kwase Monti. Umasipala waafaka isicelo sokudiliza esisakhiwo ephakamisa imingeni efana nomhlaba esakhiwe kuwo, isiseko esi kunye neempepha zokushishina. Ngenyanga yeSilimela ngonyaka u 2022 kwaabhubha abantwana abangamashumi amabini ananye kwesasakhiwo. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni sinaye othethela umasipala ombaxa i Buffalo City u Samkelo Ngwenya......more4minPlay
October 24, 2024Concerns have been raised about "deadly force" used police.Kukho isimemelelo sokuba amapolisa anxibe iikhamera xa esemsebenzini ukuze kujongwe umsebenzi wabo. Oku kuza emva kwenkxalabo yokuba amapolisa angasebenzisa amagunya awo ukudubula abulale abantu abamsulwa, kwisizathu sokuba ebezikhusela kudubulwano obelukhona phakathi kwawo noonqevu. Ayabonga Kekana ubambe udliwanondlebe ingcali kwiinkqubo nolawulo lwenkonzo yesipolisa uZimisele Nxafani... ...more10minPlay
October 23, 2024Deadline for new electricity vending codes for prepaid metersu Eskom uthi abathengi abasebenzisa umbane we prepaid meters ezindala, abazokukwazi ukufumana umbane xa bewuthenga ukuba abahlaziyanga basebenzise inkqubo entsha esanduluku veliswa. Kwinkqubo yethu namhlanje sincokola nothethela u Eskom kuzwelonke u Daphne Mokoena.....more6minPlay
October 23, 20245 PEOPLE SHOT AND KILLED IN NEW BRIGHTONKuvakala iingxelo zokuba kudutyulwe kwabulalwa abantu abahlanu ngobusuku bayizolo eNew Brighton eGqeberha. Kusenjalo, kukho neengxelo zokuba kukho abantu ababanjiwe kwityala lokubulawa kwa bantu abahlanu eBityi, eMthatha ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. U Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nothethela umphathiswa kwisebe lezothutho ephondweni u Makhaya Komisa...more8minPlay
October 23, 202423 10 2024 EC KILLING1Kuvakala iingxelo zokuba kudutyulwe kwabulalwa abantu abahlanu ngobusuku bayizolo eNew Brighton eGqeberha. Kusenjalo, kukho neengxelo zokuba kukho abantu ababanjiwe kwityala lokubulawa kwa bantu abahlanu eBityi, eMthatha ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Ukuva banzi, sinaye othethela isebe lezothutho nokhuseleko loluntu uMakhaya Komisa......more7minPlay
October 23, 202423 10 2024 EC RAINAbahlali bomasipala ombaxa, iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, bathi ukungakhathalelwa kweenkqubo zogutyulo kusisizathu seempuphuma eziye zagubungela eminye imimandla. Abahlali baseMissionvale eGqeberha bathi baye banyanzeleka ukuba bazame ukuzivula ngokwabo iinkqubo zogutyulo izolo. Oku kwenzeka nanjengoko ingamakhulu eentsapho kwisixeko jikelele ashiyeke edinga, kwabhubha abantu abathathu ngenxa yezikhukhula. Emnxebeni sinaye othethela isebe lorhulumento ngentsebenziswano ephondweni, uPheello Oliphant…...more8minPlay
October 22, 202422 10 2024 EC RAIN EDUCIsebe lemfundo kwi Mpuma Koloni libongoza abafundi , iititshala nabazali kwiphondo ukuba balumke nanjengoko kusina imvula emandla kwiphondo, kwaye kulindelwe ukuba iqhube yonke le veki. Isebe likungqinile ukunqunyanyiswa kokubhalwa kwephepha leComputer Assistant Technology, labafundi bebanga leMatriki kwingingqi yaseKariega kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay. Ukuva banzi ngoku, emnxebeni sinaye osisithethi sesebe uVuyiseka Mboxela......more8minPlay
October 22, 202422 10 2024 EC RAIN Bangaphaya kwamakhulu amabini abantu abafudusiweyo emakhayeni abo kuMasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, ngenxa yezantyala-ntyala ezibangelwe yimvula ene phezolo nesagalelayo kungoku nje. Abantu bafuduswe ngale ntsasa kwaye bagcinwe kwii holo zoluntu. Le dolophu ibisando kujongana nezikhukhula ngoJune kulo nyaka, ukuva banzi sinayo emnxebeni intatheli yethu uSinethemba Witi......more6minPlay
October 21, 2024TRUNEWS @6 - EC MATRICSYonke into ime ngendlela nanjengoko kuqale ukuhlalelwa kweemviwo zematriki, oku kuvakaliswe lisebe lezemfundo eMpuma Koloni. Ilungu lesigqeba solawulo esijongene nesebe lezemfundo, uFundile Gade, utyelele isikolo samabanga aphakamileyo iKwaMagxaki eGqeberha, ukuya kujongela ukulungela kokubhalwa kweemviwo. Eli phondo lijonge ukufumana umyinge wamashumi asibhozo anesihlanu ekhulwini (85 %) kwiziphumo zokuphela konyaka, nezakuba nguchatha womyinge wesine ekhulwini ( 4%) kwiziphumo zonyaka ophelileyo. UNandipha Plaatjie usenzele lengxelo...more4minPlay
FAQs about trufm Current Affairs:How many episodes does trufm Current Affairs have?The podcast currently has 773 episodes available.