trufm Current Affairs

trufm Current Affairs

By SABC NewsNews
Download on the App Store

All trufm Current Affairs episodes

  • TRUNEWS @6 - Fired MK Party secretary general, Sibonelo Nomvalo, addressed the media in Durban about his removal from the party

    Unobhala jikelele weqela i MKP ogxothiweyo uSibonelo Nomvalo,  uthi iingxelo zobuntlola ezibubuvuvu kwakunye nemifanekiso eyenziwe ngobuxhakaxhaka be AI, zisetyenziswe ukulahlekisa  umongameli weli qela uJacob Zuma ukuze amgxothe kwesisikhundla. UNomvalo uthethe neentatheli eThekwini ngokugxothwa kwakhe. Kwiveki ephelileyo uJacob Zuma unike uNomvalo uphumaphele njengonobhala jikelele weli qela nelungu legqugula ePalamente. Oku kuza emva kwezityholo zokuphazamisana noluhlu lwabagqatswa nabo bathunyelwa kwizikhundla ezithile. Masive kuZanele Buthelezi...

    5 min
  • TRUNEWS @6 - Concerns over the late notification of Parliament about the SANDF deployment to KZN

    Amalungu ekomiti ejongene nezokhuselo epalamente, akhalaza ngelithi awaziswanga kwangexesha ngomba wokuthunyelwa kwamajoni kwiphondo iKwaZulu-Natal, nebekufanele ukuba kuchazelwe ipalamente kuqala. Ngamajoni angamakhulu amahlanu aneshumi athunyelwe kwela phondo ngelokunika inkxaso kumapolisa. Oku kulandela iziganeko zoqhankqalazo olundlongo-ndlongo nokuzithathela kwizinto zabantu kweminye imimandla yela phondo naseGauteng, kulandela isigwebo senkundla yomgaqo-siseko kwinyanga ephelileyo ngomba ongqamene nabo bafuna ukuba ziimbacu kweli. Ukuthunyelwa kwala majoni kwiphondo iKwaZulu-Natal kwenzeke ngomhla wethoba kule nyanga, ngeli lixa ipalamente yona yaziswe kwisithuba seeveki ezimbini emva kokuthunyelwa kwawo. Ngokomgaqo-siseko weli, ipalamente kufuneka yaziswe kwisithuba seentsuku ezisexhenxe kwenzekile oko. ULikho Jack uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguZalene Merrington...

    3 min
  • TRUNEWS @6 - Human Settlements Minister visits flood affected areas in Easter Cape's OR Tambo region

    Umphathiswa wokuhlaliswa koluntu, uThembi Simelane, uthi iziseko zebhulorho neendlela ziye zachatshazelwa kakhulu ziimpuphuma zakutshanje neziye zathwaxa imimandla ethile yephondo iMpuma Koloni. USimelane ebetyelele imimandla echaphazelekileyo eNgqeleni naseMqanduli, kummandla i-OR Tambo kweli phondo, ngelokuvavanya ubongakanani bomonakalo odalwe zezi mpuphuma. UFundiswa Mhlekude usiqulunqele le ngxelo...

    3 min
  • TRUNEWS @6 - No Israel political party that gained parliamentary majority

    Sele kubalwe ngaphezulu kwe-97 percent yeziphumo zonyulo zelizwe lakwaSirayeli, nobelubanjwe ngoLwesibini waleveki. Ezo sele zibaliwe zibonakalisa ukuba umbutho wenkulu mbuso yelalizwe uBenjamin Netanyahu kwakunye nalowo uphikisayo uGadi Eisenkot, ayifumenanga sininzi sevoti epalamente. Umbutho kaNetanyahu ufumene izihlalo ezingamashumi amahlanu anesithathu ngelithuba izihlalo ezingamashumi amane anesibhozo ziphunyelelwe yimibutho ephikisayo. Ukuze ungene epalamente njengombutho olawulayo, kufuneka ufumane izihlalo ezingamashumi amathandathu ananye. Ingaba oku kuzakulibeka phi ilizwe lakwaSirayeli? Ukusihlalutyela banzi ngalo mba, uAmanda Xhala uthethe nengcali yezopolitiko kwakunye nemiba yamazwe angaphandle, uGqirha Sithenkosi Lungisa...

    12 min
  • TRUNEWS@6-Build One South Africa (BOSA) leader Mmusi Maimane says the party is confident its message has resonated with voters #LGE26

    Inkokheli yombutho iBuild One South Africa, iBOSA, uMmusi Maimane, ithi lo mbutho uqinisekile ukuba umyalezo wayo uthetha ngqo nabavoti, nanjengoko ulungiselela ukukhuphisana kunyulo lwawo lokuqala ngqa loorhulumente basekhaya oluza kubanjwa ngomhla wesine kwinyanga ezayo. UMaimane ebethetha namajelo eendaba eFinetown, eRhawutini, nalapho lo mbutho ubusindleke irally yawo yokugqibela ngaphambi kolu nyulo. Lo mbutho uchaze ubunkokheli obusulungekileyo, uhlumo lwezoqoqosho nokhuseleko njengezona zinto ezingundoqo ekuziseni uzinzo koomasipala. UZara Groenewald uza nengxelo ethe vetshe...

    2 min
  • TRUNEWS@6-DA rally in Nelson Mandela Bay #LGE26

    I-Democratic Alliance ikwiphulo layo lokugqibela lokuqinisekisa ukuba itsala umdla wabavoti bomasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay, ze iqhube nesininzi sayo kumasipala iKouga, nanjengoko uMzantsi Afrika usiya kunyulo loorhulumente basekhaya ngomhla wesine kwinyanga ezayo. E-Nelson Mandela Bay, ukhuphiswano lumandla nangakumbi. Kunyulo loorhulumente basekhaya ngo-2021, imibutho yezopolitiko iDA ne-ANC, yaba ntanganye ngezihlalo ezingamashumi amane anesibhozo umbutho ngamnye kwibhunga lalo masipala umbhaxa, nto leyo eyakhokelela kurhulumente wenkazathi, notshintsho oluthe gqolo lobunkokheli kwezopolitiko. Ukanti eKouga, i-DA ikhusela ubukhulu benkxaso yayo eyabufumana ngo-2021. U-Anda Nqonji usiqulunqele le ngxelo ilandelayo

    3 min
  • TRUNEWS@6-Taxi violence flare up in Cape Town in the WC

    Inkonzo yesipolisa kweli nesixeko saseKapa bachazele oonondaba ngamanyathelo okuhlangabezana nodushe oluthe gqolo lusehla kushishino lwee-taxi, kwiphondo iNtshona Koloni. Oku kulandela uthotho lweziganeko zodubulo phakathi kwemihlambi eyalanayo yemibutho yoo-notaxi sukela ngomhla weshumi elinesithandathu kule nyanga, nto leyo ekhokelele ekubulaweni kwabantu nakwizenzo zokuzama ukubulala. Amapolisa athi omeleza indlela asebenza ngayo kwimimandla echaphazelekayo, ngeli xesha iingxoxo zokuza nesisombululo kule mbhambhano zisaqhuba. UYonda Magubudela usiqulunqele le ngxelo...

    4 min
  • TRUNEWS @6 - Looking at the deployment of soldiers to KwaZulu-Natal

    Kuthunyelwe amajoni angaphezulu kwamakhulu amahlanu kwiphondo iKwaZulu-Natal kwiinzame zokugcina ucwangco. Umongameli uCyril Ramaphosa uxelele usomlomo wasePalamente uThoko Didiza kwakunye nosihlalo webhunga lamaphondo uRefilwe Mtsweni-Tsipane, ngesigqibo sakhe sokuthumela lamajoni ayokuncedisana namapolisa elaphondo. Lamajoni azakuhlala kude kube sekupheleni kwenyanga yeNkanga. Kuqikelelwa ukuba kuzakuchithwa imali engaphezulu kwezigidi ezingamashumi amathathu anesine zeerandi, ukugcina lamajoni kweliphondo. U-Amanda Xhala uncokole nengcali kwimiba yorhulumento nolawulo kwinkonzo yesipolisa, uGqirha Mfuneko Sihlobo... 

    8 min