trufm Current Affairs

trufm Current Affairs

By SABC NewsNews
Download on the App Store

All trufm Current Affairs episodes

  • TRUNEWS@6: IEC WEDNESDAY: Getting voters ready for election day #LGE26

    Njengoko kushiyeke iintsuku ezingaphantsi kweshumi ngaphambi konyulo loomasipala basekhaya, ikomishoni yonyulo i-IEC ithi ikwinqanaba lokugqibela kumalungiselelo okuqinisekisa ukuba abavoti bakulungelele ukuvota , nokuba inkqubo yokuvota iza kuhamba ngendlela. Emnxebeni sinaye usekela-manejala wale kwiphondo iMpuma Koloni, uMasindi Mosehana...

    9 min
  • TRUNEWS @6 - Seven refurbished railway stations along the KuGompo City rail corridor have been officially opened

    Umphathiswa wezothutho, uBarbara Creecy, uvule ngokusesikweni izikhululo zoololiwe ezisixhenxe ezilungiswe ngokutsha kwisixeko saKuGompo. Izikhululo zikaloliwe, esaseMtsotso, eFort Jackson, ePenmure, eMdantsane, eArnoldton, eMount Ruth naseWilsonia bezonakalisiwe, kwaye i-arhente yothutho ngoololiwe kweli, iPRASA, iye yazilungisa ezi zikhuluko. Umphathiswa uthi bamisele iintshukumo ezizizo zokuthintela ukuba zingaze ziphinde zonakaliswe ezi zikhululo. UNtombozuko Balintulo ebelapho, waza wasiqulunqela le ngxelo... 

    3 min
  • TRUNEWS @6 - Analysing the revised White Paper on Local Government 2026

    Analysing the revised White Paper on Local Government 2026 

    Izolo sincokole nomphathiswa wesebe lorhulumento ngobambiswano malunga noxwebhu oluphononongiweyo olubizwa iWhite Paper, oluzakubona kusenziwa utshintsho olukhulu koomasipala beli. Umphathiswa uVelenkosini Hlabisa uthe oku kukucwangcisa kwakhona (reset) oomasipala beli kuba kubonakala ukusilela kwe White Paper eyaqulunqwa ngo1998. Uthi baphelisa into abayibiza ngokuba yi "one-size fit all approach", ukuze oomasipala baxhaswe ngokwezidingo zabo endaweni yendlela enye yokubaxhasa ngemali neyolawulo. Ukuhlalutya banzi olu xwebhu, ingakumbi kumba wenkwinkxaso-mali kamasipala nohanjiso lweenkonzo, u-Amanda Xhala uncokole nengcali kwimiba yorhulumento, uSandile Swana...

    12 min
  • DISABILITY POD

    Icandelo elijongene namalungelo abantu ababandazeleke ngokwamalungu omzimba eMpuma Koloni, libambisene norhulumente wephondo liza kusungula inyanga yamalungelo abantu ababandazeleke ngokwamalungu omzimba ngomso, kwikhaya labantu abadala iEthembeni eMdanstane. Oyingqonyela ye Disability Economic Empowerment Trust, uThabiso Phetuka usichazela banzi ngoku

    7 min
  • NUMSA NEC STRIPS JIM ANC CHIRWA OFF THEIR POWERS

    Ikomiti yesigqeba solawulo ye NUMSA iwohluthile amagunya kunobhala jikelele walombutho u Irvin Jim, umongameli u Andrew Chirwa, kunye anamanye amalungu olawulo kulemanyano yesinyithi. Lekomiti ityhola ezinkokheli ngokutyeshela imisebenzi yazo nokungazichopheli nokurhoxisa iintlanganiso zalemanyano. Sithe ke kwinkqubo yethu masimeme oyingcali yezemicimbi yabasebenzi ukusihlalutyela banzi ngoku u Mojalefa Musi....

    10 min
  • TRUNEWS @6 - Breaking down the revise White Paper and understanding its purpose

    Kulindeleke kubekho utshintsho olukhulu kwindlela oomasipala abaxhaswa ngayo ngemali nabalawulwa ngayo. Urhulumente uthatha amanyathelo okuqulunqa ngokutsha inkqubo yoomasipala basekhaya. Umongameli uCyril Ramaphosa uphehlele uxwebhu oluphononongiweyo olubizwa iWhite Paper, noluqulathe iinguqu ezizakwenziwa koomasipala beli. Ukuva banzi ngalo mba, uAmanda Xhala uthethe nomphathiswa kwiSebe lolawulo ngentsebenziswano, uVelenkosini Hlabisa...

    14 min
  • TRUNEWS @6 - Concerns are mounting over access to essential medicines

    Sele isisithuba sonyaka sukela uMongameli weli waseka iqela elijongene nokusombulula ingxaki yokuqongophala kwamayeza kweli lizwe. Nangona kunjalo, kusekho inkxalabo malunga nokufumaneka kwamayeza abalulekileyo,kwakunye nemingeni ejongene necandelo elijongene nokuthengwa kwamayeza ( supply chain). Ukuva ukuba ingaba yintoni esele yenziwe leliqela, kwaye kutheni le ngxaki isekhona. U-Amanda Xhala uthethe noyi Chief Director in Health Products Procurement, uKhadija Jamaloodien... 

    8 min
  • Public Protector's suprise visit to the Eastern Cape

    Umkhuseli woluntu u Kholeka Gcaleka wenze utyelelo kwisibhedlele i Livingstone nesibhedlele saseGcuwa kuleveki iphelileyo, njengenxalenye yephulo lomkhuseli woluntu lolawulo olusulungekileyo. Enkqubeni ke sibambe oyintloko kwi ofisi yomkhuseli woluntu eMpuma Koloni u Sibongile Lwana

    9 min
  • INTERCHANGE| Dr Noma Mbeki Foundation offers bursaries academically and financial deserving students.

    Njengoko abafundi bebanga leshumi bebhala iimviwo zokuphela konyaka, kuninzi okuthi kubehlele ngelixesha okufana noxinezelelo lwengqondo, umva ndendwa kwakunye noloyiko, uninzi lwabo luye ludinge ukunakekelwa kwakunye nenkuthazo. Abanye babo baphuma kumakhaya ekungekho zinzo nto leyo ethi ichaphazele indlela abaqhuba ngayo kwizifundo zabo. IDr Noma Foundation ingenelela ngokuthi incedisane naabo badinga uncedo kwaye inikezele ngee bursary zokubaxhasa kwizifundo zabo zemfundo enomsila. Ukuva banzi ngelinyathelo, emnxebeni sinaye uGqirha Noma Mbeki ophuma kweli ziko...

    10 min
  • INTERCHANGE| EC Health department introduces digital admin system to at least 100 health facilities

    Kwilinge likarhulumente lokugcina iinkcukacha zezigulane. Isebe lezempilo eMpuma Koloni lazise inkqubo entsha yokusebenzisa yobuchwepheshe bale mihla obuzakustyenziswa kumaziko empilo kwizithili ezahlukileyo ephondweni ukugcina iinkcukacha zesigulane iElectronic Medical Record, kungasetyenziswa zimpepha. Oku kubonwa njengokuzakwethula umthwalo wobhaliso kula maziko nokhuseleo lweenkcukacha zezigulana. U-Ayabonga Kekana uncokole noyintloko yonxibelelwano yesebe lezempilo ephondweni, uSiyanda Manana...

    7 min