trufm Current Affairs

trufm Current Affairs

By SABC NewsNews
Download on the App Store

All trufm Current Affairs episodes

  • TRUNEWS @6 - EC Police readiness for the #LGE26

    Njengokuba sele equkunjelwa amalungiselelo onyulo ngomso umhla wesine kwenyeNkanga, ikomishoni yonyulo ezimeleyo ithi yenze onke amalungiselelo adingekayo ukuqinisekisa unyulo olungazukuba naziphazamiso. Kusenjalo iindawo eziliqela kwiphondo iMpuma Koloni ezaziwa njenge hotspots zolwaphulo mthetho, zijongwe ngamehlo abomvu ngelixesha. Yilonto ke sithe masimeme inkonzo yesipolisa ephondweni ukufumanisa izicwangciso zayo ukukhawulelana nemingeni yolusuku. U-Amanda Xhala uncokole nomkhomishinala wamapolisa kwiMpuma Koloni, uLieutenant General Vuyisile Ncata...

    7 min
  • TRUNEWS@6: What does South Africa's exclusion from the AGOA mean?

    Ukukhutshwa koMzantsi Afrika kwisivumelwano se-AGOA kuphakamise inkxalabo malunga nekamva lobudlelwane borhwebo neMelika (United States), kunye nefuthe lako kuqoqosho lwelizwe. Urhulumente woMzantsi Afrika uthi uyaziqonda iinkxalabo ezinokubangelwa sesi sigqibo. Nangona oku kungathethi ukuba uMzantsi Afrika uza kuphulukana nokufikelela kwimarike yaseMelika, ukwenyuka kweerhafu kunokunciphisa ukhuphiswano lweemveliso zeli. Emnxebeni sithe masikrwece uGqirha Asanda Fotoyi, noyingcali yezoqoqosho ukuze siqonde ukuba oku kuthetha ukuthini kuMzantsi Afrika, kumashishini nakuluntu ngokubanzi.

    10 min
  • TRUNEWS @6 - President Cyril Ramaphosa says the growth in political parties reflects the democratic principle that "the people shall govern." #LGE26

    Umongameli uCyril Ramaphosa ukhusele urhulumente we-democrasi weli olawulwa ngokubambisana kwamaqela ezopolitiko, esithi ukwanda kwamaqela ezopolitiko kubonisa umgaqo we-democracy othi "the people shall govern", oko kuthetha ukuba abantu bakuzikhethela urhulumente ofunwa ngabo. URamaphosa ukutsho oku ngexa etyelele ii-ofisi ze-Premier Soccer League, iPSL ngamafuphi eParktown eRhawutini, nalapho ahlangene nosihlalo we-PSL, uGqirha Irvin Khoza. Ukwakhuthaze uluntu loMzantsi Afrika ukuba luthathe inxaxheba kunyulo loorhulumente basekhaya, esithi uluntu lweli lungayiphucula indlela abalawulwa ngayo oomasipala ngokuthi luvote. U-Amanda Xhala usilungiselele le ngxelo kaSibahle Motha...

    3 min
  • TRUNEWS@6: Coaltion governemnt predictions ahead of local government elections #LGE26

    Nanjengoko kujongwe kunyulo loorhumente basemakhaya, uqikelelo lubonakalisa ukuba ngahle oomasipala abaliqela kwabo bambhaxa kungabikho mbutho uphumelela ngesininzi. Umbuzo ngoku ngowokuba, ingaba uMzantsi Afrika ungena kwixesha apho sizakubona ulawulo lwendibanisela iyinto yesiqhelo, elilizwe ekufuneka luziqhelanise nayo kusini na. Ukusinceda ukuqwalaslea esingakulindela kolunyulo nekamva loorhulumente bendibanisela, masamkele ugqirha Xolisile Ngumbela ongumhlalutyi wezopolitiko ...

    6 min
  • TRUNEWS@6: EC SPECIAL VOTES DAY ONE #LGE26

    Namhlanje ibilusuku lokuqala lovoto olukhethekileyo kunyulo looMasipala basekhaya. Abavoti abanelungelo lokuvota ngokukhethekileyo bafumene ithuba lokuvota ngaphambi kosuku lonyulo oluzakubanjwa ngoLwesithathu umhla wesine kule imiyo. Our reporter Lubabalo Dada has more.....

    5 min
  • TRUNEWS@6 ELECTIONS ANALYSIS OPINION PIECE BY DR NYEMBEZI #LGE26

    Ngempelaveki esiphuma kuyo imibutho yezopolitiko iqukumbele iirally zayo zokugay' elinkxaso, nanjengoko namhlanje luqalile unyulo lweevoti ezikhethekileyo kunyulo loorhulumente basekhaya. Ingaba amaqela ezopolitiko enze ngokwaneleyo ukurhwebesha abavoti ukuba bavotele la maqela? Imiqulu yezithembiso yawo yona, iyathetha nabavoti neemfuno zabo kusini na? Ukuphendula le mibuzo neminye, emnxebeni sinomhlalutyi wezopolitiko, uGqirhalwazi Nkosikhulule Nyembezi....

     

    12 min
  • nobhevu

    Ngenzame zokunceda uluntu lufunde umsebenzi wezandla uZama Nobhevu noyinzalelwane yase Ngcobo kwilali yase Nkondlo eGibeni, eMpuma Koloni, uhamba umgama omde osuka kwelinye iphondo esiya kwelinye, kwiphulo lakhe lokwenyusa inkxasomali ejolise ukuze kufezekiswe iminqweno yakhe. Kunyaka ophelileyo uhambe esuka eGauteng kwindawo yase Greenfields, esingise eNtshona Koloni. Ngomso uzakusuka eGauteng asingise eMpuma Koloni. UVuyo Mabeqa ubambe udliwano ndlebe noZama Nobhevu ukuva banzi ngeliphulo lakhe.  

    10 min
  • INTERCHANGE-Abantu Besizwe skills training programme empowers EC youth through film and television

    Inkampani yezonxibelelwano iNelana Media House ibambisene ne Nkosi Jongumsobomvu Maqoma Foundation, zikwiphulo lokuxhobisa kwakunye nokuphuhlisa izakhona zamagcisa,kudalwe namathuba engqesho kwicandelo lemiboniso bhanyabhanya. Le nkqubo ebizwa Abantu Besizwe Skills Training Programme, ivulela indlela abantu abatsha ukuba bakwazi ukufumana izakhono namathuba engqesho kamabona kude nakwicandelo lokuvelisa imiboniso bhanyabhanya, kumasipala iRaymond Mhlaba, eMpuma Koloni. UVuyolwethu Mabeqa uncokole nongumvelisi weenkqubo zemiboniso bhanya-bhanya, uNoxolo Nelana...

    9 min
  • TRUNEWS @6 - A wrap of this week's sporting events and a preview of the weekend games

    Ibonakala izakuba yimpela veki exakekileyo le kwezemidlalo nalapho iqela lebhola ekhatywayo i Orlando Pirates lizakudlala umdlalo wekhulu linamashumi asibhozo anesithandathu ( 186th edition) ne Kaizer Chiefs we Soweto Derby. Kwaye kuninzi okusemngciphekweni kwi Pirates ngaphandle kwalamanqaku mathathu we Betway Premiership.  Kwelinye icala iqela lesizwe lebhola yeqakamba likusuku lwesihlanu kwi test series nalapho liqubisana neqela lase Australia. Ukanti lempela veki ikwa yeyokugqibela kwi United Rugby Championship phambi kwekhefu lwe Nations Championships ngeyeNkanga. Ukuva banzi ngale midlalo neminye, u-Amanda Xhala uncokole nentatheli yezemidlalo yeli jelo, u Khanyiso Tshwaku...

    6 min