
Sign up to save your podcasts
Or


U-Esona Funeka noYolanda Kambile abakwiziko lekomishoni ezimeleyo yezonyulo elamkela nelipapasha iziphumo zonyulo bathethe neqela iACDP kwakunye neSACP ngendlela la maqela aqhube ngayo kunyulo, nangoko akulindele kwiziphumo eziphokokayo ukungena kweli ziko...
Zingena ngokungena iziphumo zonyulo loorhulumente basekhaya, nobelubanjwe izolo. U-Esona Funeka noYolanda Kambile abakwiziko lekomishoni yezonyulo elamkela nelipapasha iziphumo eMidrand, bathethe nemibutho yezopolitiko iActionSA kwakunye ne-ATM...
Ngexesha lonyulo amehlo aye athi ntsho kwimibutho yopolitiko, abagqatswa kwakunye nabantu abalungele ukuvota. Kodwa phambi kokuba umntu wokuqala abeke unxi ( X) wakhe, bakhona abantu abakha umkhanyo bejonga ukuba iinkqubo zokuvota zihamba ngendlela kusini na. Sithe masikhwebe omnye waba bakhi-mkhanyo, nophuma kwiDemocracy Development Programme, uSphamandla Mhlongo...
Kusaqhutywa ukubalwa kweevoti, kulandela uvoto lwayizolo kunyulo loorhulumente basekhaya. Kwiphondo iMpuma Koloni, sele beliqela oomasipala abasele begqibile ukubala. Ngokokutsho kwekomishoni yezonyulo ezimeleyo, i-IEC, kwiphondo, okwangoku akukabikho mbutho uphumelela ngesininzi. Ukuxoxa banzi ngalo mba, u-Sethu Nonganga no-Ayabonga Kekana bathethe nomanejala we-IEC kwiphondo iMpuma Koloni, uSiyabonga Maki...
Zivaliwe izikhululo zovoto ngentsimbi yesithoba namhlanje. Ngentsimbi yesihlanu amanani okuqala ebebonisa ukuba bayi 12- million abavoti abathe bayokuvota. Iphondo laseGauteng belisahamba phambili lilandelwa liphondo iKwaZulu-Natal, iphondo iMpuma Koloni belikwindawo yesine beyi 1.4 million abantu abavotileyo ngentsimbi yesihlanu. Emnxebeni sinaye ongusekela manejala we IEC ephondweni u Masindi Mosehana...
Intatheli yethu u Nomzwanele Mngoma usisongela usuku lonyulo kulammandla...
Ukusonga usuku lonyulo amapolisa aseMpuma Koloni asinika ingxelo ngokwehle ngolusuku. u Brigadier Nobuntu Gantana usemnxebeni....
Ukanti ngoku makhe sijonge kwindlela oluqhuba ngayo uvoto kumasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay. U-Amanda uthethe nentatheli yeli jelo, u-Sisipho Ngcumbe...
Intatheli yethu ethunyelwe kulommandla u Kim Daniels usiqukumbelela usuku lonyulo esichazela nangemingeni ebijamelene nalendawo....
Kwiphondo i KwaZulu Natal ziyaqhubeka iintatheli zethu ukungena ziphuma kwizikhululo zonyulo zithethana nabemi belaphondo abayokuvota ngethemba lokuza notshintsho kwiindawo zabo zokuhlala. Kwindawo yase Newcastle intatheli yethu u Dries Liebenberg ithethana nabahlali yabuya sayipha lengxelo....