
Sign up to save your podcasts
Or


Bangaphezulu kwekhulu namashumi amathathu (130) omasipala ekungekho mbutho uphumelele ngesininzi kuwo. Kunyulo lomasipala luka 2021, aba basipala babengamashumi asixhenxe nekubonakala kulona unyaka lenyukile. Ngethuba ebhengeza iziphumo, usihlalo wekomishoni yonyulo uMosotho Moeypa, uvakalise ukuba uphando olwenziwe libhunga lophando iHuman Science Research Council, lubonakalise ukuba olu lunyulo luqhube kungekho ntembeko. Oku kubonakele ngethuba kuvote abantu abaqikelelwa kwi 15-million kwabo bayi 29-million babhalisele ukuvota. Emnxebeni sinayo ingcali yemiba yonyulo ugqirha Nkosikhulule Nyembezi
Sisixa semali esingadizwanga ebesiphangwe kwisithuthi esihambisa imali eGqeberha kwiphondo iMpuma Koloni, esifunyenwe kwisithuthi ebesisetyenziselwa ukubaleka nale mali.
Amapolisa aphinde aqinisekisa ukuba imipu emibini ekurhanelwa ukuba ibisetyenziswe ngexesha lokuphanga nayo ifunyenwe. Oku kuza emva kokuba abarhanelwa abahlanu ababandakanyeka kwesi sisiganeko sokuphanga isithuthi esithwele imali, bedutyulwe babhubha kudubulwano obeluphakathi kwabo namapolisa eGqeberha ebutsheni banamhlanje, nanjengoko isibalisela intatheli yethu uLubabalo Dada...
Emva konyulo loomasipala luka-2026, uAyabonga Kekana ubambe udliwano-ndlebe esenza uhlalutyo lweziphumo zonyulo loomasipala eqwalasele ingakumbi eMpuma Koloni. Uncokole no Njingalwazi Ntsikelelo Breakfast ekunye no Gqirha Xolisile Ngumbela...
Usekela mongameli we-UDM nokwangumgqatswa wokubangusodolophu walo mbutho kumasipala ombaxa, iBuffalo City, uNqabayomzi Kwankwa uvakalisa imincili ngempumelelo yalombutho koomasipala be Mpuma Koloni. Ngethuba encokola noAyabong Kekana, uKwankwa uqale ngokuphendula umbuzo wokuba uzakuhlala kusini na kulo masipala emva kokuba umbutho wakhe ufumene iivoti ezincomekayo kulo masipala...
Umbutho i-ANC eMpuma Koloni awuqhubanga kakuhle kunyulo loomasipala lwalo nyaka. Ngokweziphumo zonyulo lobalo olusele luqhukunjelwe, lo mbutho uphulukene nobunganga bolawulo koomasipala abaliqela, nabaquka iMakana, iMnquma, iKing Sabatha Dalindyebo, iEnoch Mgijima, Walter Sisulu Phakathi kwabanye. Elona duma ligqejwe lo mbutho kukuphulukana lobunganga bolawulo kumasipala ombaxa iBuffalo City. Oku kuthetha ukuba lo mbutho kuyakufuneka unkazathe neminye imibutho ukuba usakufuna ukugcina ulawulo kwaba masipala. u Ayabonga Kekana ubambe oludliwano ndlebe.....
Isaqhuba inkqubo yokubala iivoti, kwaye neziphumo zimana ukungena ngokungena. Sithetha nje ngumyinge we85% (to be updated) weevoti esele zibaliwe, zachazwa kuzwelonke, ze ibe ngu93% eMpuma Koloni. Kusenjalo, eminye imibutho equka iUDM eMpuma Koloni, ifake isikhalazo kwikomishoni yonyulo ezimeleyo, i-IEC, malunga nokubalwa ityeli lesibini kweevoti kumasipala ombaxa iBuffalo City, ze yacela ukuba kubalwe kwakhona iivoti kumasipala iKing Sabatha Dalindyebo, ngelithi amanani abalwe ngamalungu ajongene nonyulo kumbutho wabo awahambiselani nalawo we-IEC. Sithe makhe sikrwece i-IEC ukuva ngezamva nje, njengokuba kusaqhutywa nenkqubo yokubala iivoti. Masamkele emnxebeni ongusekela manejala we-IEC apha ephondweni, uMasindi Mosehana...
I-ANC ijamelene nokwehla kwenkxaso yayo yabavoti kwimimandla ethile kumasipala wesithili iSarah Baartman, kwiphondo iMpuma Koloni. Lo mbutho uphulukene nesininzi senkxaso koomasipala abane kwesa sithili. Omnye waba masipala, ngumasipala iMakana oseMakhanda, nobungomnye weentsika zalo mbutho kulaa mmandla. ULikho Jack usilungiselele le ngxelo ka-Kim Daniels...
Makana United Civic Movemement points out how querying spoilt ballot papers. Arch Nkosinathi Ngesi of the party....
Amaqela ezopolitiko abonakala enethemba ngeziphumo zonyulo ezisamane zingena ngokungena, kwiziko lekomishoni yezonyulo ezimeleyo, i-IEC, nelijongene nokwamkela nokupapasha iziphumo zonyulo loorhulumente basekhaya, eMidrand eRhawutini. UEsona Funeka noYolanda Kambile bancokole nemibutho yezopolitiko i-DA, i-EFF, iMK Party, i-ANC, i-IFP, iUDM ne-PAC ngezi ziphumo zonyulo, noko zingekagqibeleli nje. Ukanti ebekho noGqirhalwazi Xolisile Ngumbela khon' ukuze ahlalutye ezi ziphumo...
Current Affairs team wrapping up their last broadcast of the day on results day at Midrand ROC