
Sign up to save your podcasts
Or


Namhlanje xa sijonga kwimiba yamanye amazwe sifumene iingxelo eziphuma kubuKumkani base-Swatini ezithi iPalamente yela lizwe ipasise umthetho obizwa i-Citizen Economic Empowerment Act, nonyanzelisa ukuvalwa kwamashishini abemi bamazwe angaphandle, khon'ukuze aqhutywe ngabemi bela lizwe. Ukumiliselwa nokupasiswa kwalo mthetho kuza emva kwezikhalazo zoosomashishini bela lizwe abathi amashishini abemi bangaphandle kwela lizwe atya kwintsimi yabo, kwaye oku kubachaphazela kakubi, ingakumbi kwiivenkile zasekuhlaleni ezisemaphandleni. Izikhalazo ezikumila kunje ke mphulaphuli zikho nalapha eMzantsi Afrika kunye nase-Kenya. Ilizwe lasEswatini lelinye lamazwe akumazantsi e-Afrika ajamelene nemingeni yentswela-ngqesho, indlala nokungalingani. Ngoko lo mthetho ubonwa njengelinge lokukhawulelana nale mingeni. Ukufumana uhlalutyo ngoku, uAmanda Xhala uthethe nomhlalutyi wemiba yamazwe ngamazwe nomhlohli wezifundo zophuhliso kwiziko-mfundo laseMpumalanga, uGqirha Nsizwazonke Yende...
Usihlalo wepalamente, uCedrick Frolick, uthomalalise amathemba ngomthetho-sihlomelo oyilwayo, iLocal Government Municipal Structures Amendment Bill, nowaziwa nge Coalition Bill, ngelithi awuzokukwazi ukuqukunjelwa zingekaqukunjelwa iingxoxo zothethathethwano zokubumba oorhulumente benkazathi. Kulandela ukufakwa kumqulu wezibhengezo zakwarhulumente kweziphumo zonyulo loorhulumente basekhaya izolo, oomasipala baneentsuku ezilishumi elinesine (14 days) ukuba bangene ebhungeni. Intatheli yethu u Zalene Merrington wenze lengxelo esiyiphathelwe ngu Thandokazi Vusani...
AGRICULTURE MINISTRY MOTIVATES FARMERS TO PRODUCE MORE FOOD TO FIGHT MALNUTRITION AND HUNGER .
Nkululeko Nyembezi our reporter filed this report for us...
Umbutho ongafumani nkxaso kurhulumente, Indlela Mental Health, ubambe indibano nabo babandakanyekayo kumaqonga ohlukileyo eqwalasela ukhuseleleko kwizikolo zeli. Injongo yalendibano kukuxhobisa abantu nokufundisa ngemigaqo nkqubo engqamene nokhuseleko kubafundi ezikolweni. Lombutho unoxanduva lokulwela amalungelo nesidiima sabo baphantsi koxinzelelo lwengqondo, ukwaphakamisa nomanyano kwiindawo zokuhlala nasezikolweni. Lendibano ibanjwe namhlanje e ETC Conference Center eGqeberha, phantsi komxholo othi " "From Policy to Practice: Building Safe, Inclusive and Supportive Schools for Every Child." U-Amanda Xhala uncokole banzi ngale ndibano noyi Advocay Officer, u Lelona Mxesibe...
Umbutho wabasebenzi i-SAFTU, uyakuchasa ukwenyuswa kwemivuzo nge 3.5% kwinkokheli zopolitiko, eziquka abaphathiswa namalungu epalamente, kodwa ukuxhasa ukwenyuswa nge4% kwemivuzo yeejaji. Lo mbutho uthi oku akwamkelekanga ngeli xesha isizwe sijamelene neqondo lwentswela ngqesho eliphuzulu, kunye nokwenyuka kwamaxabiso ezinto. I-SAFTU imemelela uMongameli uCyril Ramaphosa asirhoxise esisigqibo. U-Amanda Xhala uthethe nonobhala-jikelele walo mbutho, uZwelinzima Vavi...
Iziko elibeka esweni inkqubo yezobulungisa kweli, iJudges Matter, likwamkele ukwenyuselwa kweejaji neemantyi ngomyinge wesine weepesenti. Nangona kunjalo, umfelandawonye wemibutho yabasebenzi, iCOSATU, ukugxekile ukwenyuselwa kwabaphathiswa, oosekela-baphathiswa, amalungu epalamente nawezindlu-zowisomthetho kumaphondo, kwakunye namabhunga koomasipala ngomyinge we 3-point-5 weepesenti. Umongameli uCyril Ramaphosa izolo wenyuse imivuzo yala magosa, kulandela izindululo zekomishoni ebizwa i-Independent Commission for the Remuneration of Public Office Bearers. UYamkela Mtshiyo uzilungiselele le ngxelo...
Ingaba iziphumo zonyulo loomasipala ezibone kusanda oomasipala abangenambutho ulawula ngesininzi kubenegalelo elinjani kwiimalike zehlabathi? Iimalike ziye zithi ntsho amehlo kwiziphumo zonyulo qho kulixesha lonyulo. Kolunyulo lugqithileyo loomasipala, abanye oosoqoqosho babona ngathi noko iimalike zibenalo ithemba kwelilizwe loMzantsi Afrika, njengoko irandi iye yathanda ukomelela emva kweziphumo. Kanti kusajongwe nasekubeni kusekwe oorhulumente bendibanisela, ingaba oku kungatshintsha nto? U-Amanda Xhala uncokole noyingcali kwimiba yopolitiko noqoqosho, uNjingalwazi Isaac Khambule...
Kukho ukruthakruthwano phakathi komphathiswa weenkonzo zoluleko, uGqirha Pieter Groenewald, namalungu ekomiti ejongene neenkonzo zoluleko epalamente. Oku kungqamene nokuba semthethweni kokuqeshwa ngokupheleleyo kwamalungu enkampani i G4S, kwiziko loluleko elinokhuseleko oluluqilima iGrootvlei, eMangaung. Ebutsheni balo nyaka, iSebe lalithathela phantsi kolawulo lwalo eli ziko loluleko. Oku kulandela ukufikelela esiphelweni kwesivumelwano sokusebenzisana seminyaka engamashumi amabini anesihlanu, phakathi korhulumente nale nkampani yabucala, emva kokuqhwesha kukaThabo Bester. Ababesakuba ngabasebenzi benkampani iG4S bamangalela iSebe ngokungabaqeshi emva kokuphela kwesi sivumelwano. NgoCanzibe kulo nyaka, inkundla yezemisebenzi yagweba ngelithi iSebe maliqeshe aba basebenzi, kodwa iSebe labe linezicwangciso zokubhena ngakwesi sigwebo ngenxa yefuthe okwakuba nalo oku. Ngentsasa yanamhlanje, iSebe, kuquka noGroenewald, bebengazi ukuba isicelo sabo sokubhena sikhatyiwe. UVuyolwethu Mabeqa usilungiselele le ngxelo kaZalene Merrington
Lenyuke ukuya kumyinge we 33-point-7 weepesenti iqondo lentswelangqesho kweli kwikota yesithathu yalo nyaka. Oku kuthetha ukuba eli qondo elikhutshwe liziko leenkcukacha-manani, iStats SA, lenyuke ngomyinge we 0-point-1 weepesenti, ukusuka ku 33-point-6 weepesenti wekota engaphambili. Ezi ziphumo zophando olugxile kwezengqesho olubanjwa qho ngekota, lubonisa ukuba noko iyi 101,000 imisebenzi ethe yaveliswa phakathi kweyeKhala neyoMsintsi, kodwa inani labantu abangaphangeliyo lande ngo 97,000 ukuya ku 8-point-6 million kwangeli xesha linye. UVuyolwethu Mabeqa usiphathela ingxelo kaNosipho Radebe...
Icandelo elijongene nabantu ababandezeleke ngokwamalungu omzimba lisindleke iseshoni egxile ekuphawuleni nasekuphuhliseni kolwimi kubantwana abazizithulu. Lo msitho ubanjelwe kwiholo loluntu eMdantsane, eMpuma Koloni. Le seshoni iyinxalenye yenyanga egxile ekufundiseni ngamalungelo abantu ababandezeleke ngokwamalungu omzimba, iDisability Rights Awareness Month ngolwasemzini. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sinotolikela usihlalo we-Deaf SA uKhumbulani Butana, onguNomthandazo Tutani...