trufm Current Affairs

trufm Current Affairs

By SABC NewsNews
Download on the App Store

trufm Current Affairs episodes

  • 30 MINUTES LIVE - EX-MINERS CLAIMS

    Ingxowamali ebizwa iTshiamiso Trust, ibongoza bonke ababesakusebenza kwimigodi yegolide kweli loMzantsi Afrika, okanye iintsapho zabo, ingakumbi abo bathi bachatshazelwa sisifo isilicosis okanye isifo sephepha (TB) ukuba beze ngaphambili, ngelokujonga ukuba baselungelweni lokuxhamla kusini na kule ngxowamali. Iphondo iMpuma Koloni lelona kugxilwe kakhulu kulo. Ukusabela banzi ngalo mba, u-Ayabonga Kekana ubambe umanejala wezonxibelelwano kwi Tshiamiso Trust, uLusanda Jiya.

    7 min
  • 01 12 2024 NEWS REVIEW-WORLD AIDS DAY

    Namhlanje usuku lokuqala kwinyanga yoMnga ihlabathi jikelele liqaphela usuku lwesifo sikagawulayo ngesimemelelo sokuba kubekho umanyano ekulweni intsholongwana kagawulayo. Umxholo wesizwe wulo nyaka othi "Equal Rights, Equal Care" uhlaba ikhwelo kwiinkokheli nabemi beli lizwe ukuba bakubeke phambili ukubaluleka kwamalungelo kwezempilo ngokuqubisana nokungalingani nto leyo ibangela ukuba kungabikho nkqubela kumlo nesifo sikagawulayo. Babetha kwizigidi ezisibhozo abantu abaphila nentsholongwane kagawulayo kweli kwaye kwelinani bangaphezulwana kwezigidi ezintandathu abantu abafumana amachiza okunyaa le ntsholongwane. Ukanti iingcali zithi emva kweminyaka yokufundisa nokwazisa ngesi sifo basebaninzi abantu eMzantsi Afrika abangayiyo ukufumana uncedo okanye ukuya kufumanisa ukuba banayo kusini le ntsholongwane. Ukungena nzulu kwincoko yethu namhlanje sinaye emnxebeni umcebisi ngezamalungelo oluntu kumbutho i South African National Aids Council (SANAC) u Pholo Ramothwala, kwakunye nosihlalo kuzwelonke wombutho i Treatment Action Campaign uSibongile Tshabalala...

    52 min
  • 30 11 2024 BOOK REVIEW

    Incwadi esihloko sithi 'I Survived it all: A story of forced marriage, domestic abuse and resilience', yincwadi ebalisa ibali lombhali ukususela ebuntwaneni bakhe ukuya kwixesha lokuthatha kwakhe umhlala phantsi. Kule ncwadi umbhali noyintombi yalowo wayesakuba ngumongameli wephandle iTranskei, uKaizer Daliwonga Matanzima ongasekhoyo, uqubisana nohambo lwakhe lwamahla-ndinyuka neenzingo agagene nazo ebomini noxa nje ezelelwe kusapho olufumileyo. Uqubisana kule ncwadi nemixholo eyahlukileyo,  phakathi kwayo kukho iimeko zokuhlala, ezenkcubeko, upolitiko kwakunye nezembali. Ukuva banzi ngale ncwadi, emnxebeni ngoku sinaye umbhali u Xoliswa Matanzima-Jozana...

    6 min
  • 30 11 2024 WEATHER EDUCATION

    Iingcali kwimozulu zimemelela ukuba kufundiswe uluntu ngokubanzi ukuze kubekho ukuqondwa kakuhle nokusabela ngokufanelekileyo kwizilumkiso zemozulu. Njengokuba imo yezulu eMzantsi Afrika iya itshintsha-tshintsha rhoqo, ezizilumkiso zibalulekile ukukhusela iimpilo zoluntu nokucutha umonakalo. Nangona kunjalo, imingeni isekhona kwiinkqubo zokusabela ngexesha nasekuthatheni amanyathelo. Lo ibi ngumba ebekugxilwe kuwo kwingxoxo ebingemo yezulu nokukhutshwa kwezilumkiso ngexesha, nebibanjwe ePitoli. Ukusabela banzi ngoku emnxebeni sibambe umphathi ophezulu kwinkonzo yemozulu yoMzantsi Afrika uMnikeli Ndabambi...

    8 min
  • 28 11 2024 HERITAGE FOOD LIVE

    Ibhunga lokulilifa lesizwe nelilicandelo lesebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko, lixhasa umboniso wokuqala wothando lokutya kweMpuma Koloni nosindlekwa ngumbutho wezoshishino, i -Business Pledge Collaborators and Women of  Value Southern African, bebambisene nabanye abandakanyekayo.  Lo mboniso wokutya, iinjongo zawo kukubhiyozela indima yokutya ukubonakalisa inkcubeko nokukhuthaza imvisiswano yoluntu, ze iqaqambise indlela ukutya kweAfrika okungadala ngayo umanyano noxolo. Ukuva banzi ngalo mboniso emnxebeni ngoku sinaye umpheki u Andile Somdaka noyinxalenye yalo msitho...

    9 min
  • 27 11 2024 PKG-DISABILITY

    Nanjengoko ifikelela esiphelweni inyanga yabantu abaphila nokhubazeko, abantu abaphila nokhubazeko bajongene nemingeni eliqela enjengongakwazi ukuzifumana ngokugqibeleleyo iinkonzo zikarhulumente, iindawo zokuzithuma nokuzicoca ezingamelaniyo nemeko kwakunye nokunqongophala kwezindlu. Uluntu oluphila nokhubazeko eMpuma Koloni, lutyhole urhulumente ngokusilela ukukhawulelana nezidingo zabo. Bakholelwa ekubeni ukusilela kwabasemagunyeni ukuqubisana neengxaki zabo, kunyhasha ilungelo labo lesidima. Ingxelo iza no Fundiswa Mhlekude...

    5 min
  • 16 DAYS UNICEF

    : Iinkcukacha manani zolwaphulo mthetho zibonisa ukuba phakathi kwenyanga yeKhala (July) nenyanga yoMsintsi, bangaphezulu kwesithathu abantwana ababulawayo ngelithuba elishumi amanina athi abulawe eMzantsi Afrika ngosuku. Ingxelo egxile kuphando lokuqala olugxile kukuxhatshazwa ngokwesini, lubonisa ukuba amanina aneminyaka elishumi elinesibhozo nangaphezulu, bakhe bahlaselwa. I-arhente ejongene namalungelo abantwana iUNICEF, iinenkqubo ezijongene nabazali ukuzama ukwehlisa elinani. Yolanda Kambile uncokole nophuma kwiUNICEF eMzantsi Afrika, uLungile Mdluli .

    7 min
  • MACUA MINERS

    Umbutho i-Mining Affected Communities United in Action, iMACUA ngamafuphi, imemelela ungenelelelo lohlangulo lwabombi mgodi abangekhomthethweni kumgodi ongasesetyenziswayo iStilfontein, eMntla Ntshona. Sele isisithuba seeveki ngoku amapolisa eqhuba nephulo lika-Operation Val'umgodi kula mmandla, kwaye bathi sele bengapha kwewaka abombi mgodi abaphume ngaphandle kulo mgodi. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nophuma kwiNational Administrator ye-MACUA, uSabelo Mnguni. 

    7 min
  • 30 MINUTES LIVE - ILLEGAL MINERS

    Inkonzo yesipolisa eMzantsi Afrika ithi ngooZama-Zama abalishumi elinesine, kuquka inkwenkwana eneminyaka elishumi elinesine ubudala, abaphumele ngaphandle kwe-Shaft 10 ehambisana ne-Shaft 11 eeStilfontein kuMntla Ntshona phezolo. Amapolisa athi aba Zama-Zama baye baphuma kulo mgodi ngobusuku becinga ukuba awasekho amapolisa. Inkonzo yesipolisa iqhuba nephulo lika-Operation Val'uMgodi, nelijolise ekusiphuleni nengcambu ulwaphulo-mthetho oluqhubeka kwimigodi eyavalwayo. Emnxebeni, u-Ayabonga Kekana ubambe othethela inkonzo yesipolisa kuzwelonke, uBrigadier Athlenda Mathe...

    8 min
  • 24 11 2024 NEWS REVIEW 16 DAYS

    Liyaqalisa ngomso umhla wamashumi amabini anesihlanu kule nyanga kwihlabathi iphulo lokuqaphela ukuchasa udushe olujoliswe kumanina nabantwana phantsi komxholo walo nyaka othi "30 Years of Advancing Collective Action to End Violence Against Women and Children". Kulo unyaka eli phulo nelizakuqhuba de kube ngumhla weshumi kwinyanga yoMnga, lizakugxila phakathi kweminye imiba ekuqubisaneni neengcambu ezingunobangela walo mkhuba, ukukhuthaza ukulingana kwamadoda namanina kwakunye nokkudalwa kwamathuba oqoqosho kumanina nabantwana. Ukanti ibhunga lezophando i-Human Sciences Research Council, likhuphe iziphumo zophando lokuqala ngodushe olusekelwe kwisini. Olu phando luqaqambisa izenzo zokubethwa, ukuxhatshazwa ngokwesondo, ukophulwa komphefumlo, udushe olumayela nezoqoqosho kwakunye nolo lwasengqondweni kulutsha nakumanina. Ukusincedisa ukungenza nzulu kwezi ziphumo zolu phando, sithe masikrwece uNjingalwazi Khangelani Zulu othe wongamela olu phando ekwabambe njengentloko kweli bhunga, ukanti ke sinaye nothethela iKomishoni kamakulinganwe ngokwesini u Jabu Baloyi...

    50 min

About trufm Current Affairs

From the publisher's feed

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.