trufm Current Affairs

trufm Current Affairs

By SABC NewsNews
Download on the App Store

trufm Current Affairs episodes

  • 30 MINUTES LIVE - EC UNEMPLOYMENT

    Urhulumente wephondo iMpuma Koloni ukwamkele ukwenyuka okumandla kwezinga lengqesho kweli phondo, njengoko ebonisa njalo amanani akutshanje ekota yesithathu yonyaka u2024, nakhutshwe liziko leenkcukachamanani, iStats SA. Ngokwengxelo yeStats SA, lehle ngomyinge we 3.8 ekhulwini iqondo lentswelangqesho kweli phondo, ukusuka ku 41% ukuya ku 37.2%.  U-Ayabonga Kekana uncokole banzi ngalo mba nothethela urhulumente wephondo iMpuma Koloni, uKhuselwa Rantjie... 

    9 min
  • 12 11 2024 EC SASSA

    Kukhe kwakho izikhalazo ngenkqubo entsha yeArhente yezibonelelo zika SASSA, neyinkqubo eqinisekisa iinkcukacha zabaxhamli ngelizama ukunqanda ubuqhophololo. Iingxelo zithi baliqela abaxhamli besibonelelo esaziwa ngokuba yiR350 abachaze ubunzima ababufumanayo ukufumana izibonelelo zabo. Kanti le arhente ithi inenkqubo eyiqalileyo ukuncedisana nabaxhamli. Ukuva banzi, emnxebeni sibambe othela uSASSA eMpuma Koloni, uThabisa Mayaba...

    7 min
  • 30 MINUTES LIVE - SAFETY

    Kwilinge lokulwa ulwaphulomthetho kumasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay, nakwiindawo ezitsala umdla wabakhenkethi, i-arhente yophuhliso kwesi sixeko, iphehlelela igumbi eliza kulawula iikhamera eziqwalasela ulwaphulomthetho(CCTV) olwenzeka kwimimandla ethile yesi sixeko.  Sithetha nje, sele zilikhulu elineshumi elinesibini (112) iikhamera esele zifakelwe kwesi sixeko.  Ukuxoxa banzi ngalo mba, u-Ayabonga Kekana emnxebeni ubambe ingqonyela ye-MBDA, u-Anele Qaba

    7 min
  • 30 MINUTES LIVE - BCM INDIGENTS

    Umasipala ombaxa iBuffalo City, eMpuma Koloni, uphulukana nee billon zerandi ngenxa yabantu abaxhaphaza inkqubo yokufumana iinkonzo zamanzi nombane simahla kuMasipala. Le nkqubo, neyaziwa ngokuba yi-indigent system, ibonelela abahlali balo masipala abangakwazi ukuhlawula iinkonzo zikamasipala, ngenxa yemo yentlalo noqoqosho. Ingaba lo masipala wenza ntoni ukuqinisekisa ukuba kuxhamla abantu abangabo kule nkqubo? Emnxebeni u-Ayabonga uthetha nesithethi seBuffalo City Metro, uSamkelo Ngwenya...

    9 min
  • UNESCO EDU REPORT

    Ingxelo ekhutshwe ngumbutho i-United Nations Educational, Scientific and Cultural Organization ( UNESCO), ibonisa ukuba abantwana abafunda ugrade 3 no-grade 6 bafumana izifundo ezingaphantsi kwebanga abalifundayo nento engakhuthazi iqondo lokucinga ngokusumbulula ingakumbi izifundo zezibalo. Ngethuba kuncokolwa neetitshala koluphando, bavakalise ukuba iincwadi ezisetyenziswa ngabafundi kufuneka ziquke imidlalo ukuze zikwazi ukuvuleka iingqondo zabantwana. UAyabonga Kekana uncokole nengcali yezemfundo ugqirha uThembinkosi Thwalo. 

    8 min
  • Cyber Security

    Ziya zisanda izenzo zolwaphulomthetho olwenzeka kwi-internet, i-cyber crime ngolwasemzini, kweli loMzantsi Afrika.  Ingxelo ye-Interpol yanyakenye, egxile kwi-cyber crime, ifumanise ukuba zibe ngaphaya kwe-230 yezigidi izigrogriso zalo mkhuba eziye zafunyaniswa kweli ngonyaka ka-2021. Ukanti kwiveki ephelileyo, iqela laseBrazil elizibiza i-N4aughtySec, lichaze ukuba likwazile ukufikelela ngokungekho mthethweni kwiinkcukacha eziyimfihlo ze-arhente yokhuseleko lwezentlalontle, iSASSA, nalapho lithi lithathe imali engaphaya kwekhulu elinamashumi asixhenxe ezigidi zeerandi. UAyabonga Kekana ubenodliwano ndlebe noyi-Security Strategist, ekwayi Cyber Security Expert, u-Andy Mashaile. 

    8 min
  • 30 MINUTES LIVE - WTW

    Xa siqukumbela le veki, sizakujonga kwimiba eyohlukileyo nebitshisa ibunzi kwezopolitiko. Uphinde wonyulwa njengoMongameli waseMelika uDonald Trump. Inkokheli ye-EFF uJulius Malema ithi asothusi isigqibo sowayenguSihlalo walo mbutho uAdvocate Dali Mpofu, sokuzibandakanya nombutho iMK party. Kukho amalungu e-MK Party avakalisa ukungaxoli ngobunkokheli balo mbutho. Ingaba okwenzeka eMozambique kuzakubanefuthe elinjani kuMzantsi Afrika? Lungenelelo olunjani oludingekayo kwi-SADAC kwela lizwe? Ukuhlalutya banzi le miba, u-Ayabonga uthethe nomhlalutyi wezopolitiko uGqirha Mkhuseli Vimba...

    9 min
  • Sonke Gender Justice

    Umbutho kamakulinganwe ngokwesini, iSonke Gender Justice, uphakamisa ukwandiswa kwekhefu elithathwa ngabazali abanosana olutsha ukuba ibesisithuba seenyanga ezine kumzali ngamnye. Lo mba kungoku nje uphambi kwenkundla yomgaqo-siseko kulandela isigwebo esasiwiswe ngaphambili nesilamla umthetho wezengqesho, i-Basic Conditions of Employment Act, nowawuvumela umzali omnye ukuba axhamle kweli khefu ixesha elide. Ayabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe neSonke's Policy Development and Advocacy Specialist, Namuma Mulindi…

    6 min

About trufm Current Affairs

From the publisher's feed

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.